1. Umbutho i-International Association of School Librarianship (IASL), ubhengeze inyanga ka-Oktobha 2009 njengeNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe (International School Library Month (ISLM)). Ngo-Oktobha 2009, iilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele naseMzantsi Afrika, ziya kuba zibhiyozela zize zikhuthaze iinkonzo zeelayibrari nengcaciso ezikolweni phantsi kwalo mxholo: IiLayibrari zeZikolo: uMfanekiso oBanzi kakhulu (School Libraries:the Big Picture).
2. Inyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe iya kubavumela abo balawula iilayibrari zezikolo ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha olulungela imeko yabo ethile ngeyona ndlela ibhetele ukwenzela ukuba babhiyozele ukubaluleka kweelayibrari zezikolo.
3. Kucelwa nifunde amaxwebhu aqhotyoshelweyo aneengcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe iWCED zingayibhiyozela njani na inyanga yeLayibrari yeZikolo kuMazwe ngaMazwe ngo-2009, kukho namaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo, iphowusta ye-ISLM nenguqulelo esemthethweni yelogo ye-ISLM yokusetyenziswa kwizinto zokufunda ezaziswa uluntu (promotional materials). Makuqatshelwe ukuba le logo yeyokusetyenziselwa ukupapasha iNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe kuphela, ayenzelwanga iinjongo zorhwebo.
4. Ngenxa yokuba kusiya kusanda indima ebalulekileyo edlalwa zizibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (LTSM) ekufundiseni nasekufundeni, ootitshala kufuneka babenolwazi ngokufumaneka kwezibonelelo zeelayibrari nezengcaciso ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yokubhiyozela iNyanga yeLayibrari yeSikolo kuMazwe ngaMazwe ngo-2009, nokukhuthaza iinkonzo zeelayibrari nengcaciso zeSebe iWCED, kucelwa wena nootitshala bakho ukuba nenze amalungiselelo okutyelela i-EDULIS Library okanye aMaziko eZibonelelo eZithili zeMfundo, ukuya kufumana ulwazi nengcaciso malunga nezi nkonzo nezibonelelo zelayibrari zizodwa zifumanekayo.
5. I-EDULIS Library eBellville naMaziko eZibonelelo eZithili zeMfundo (District Resource Centres), eMitchells Plain, ePaarl, eGeorge, eWorcester naseKuils River anezi zibonelelo zifumaneka kwiilayibrari zokuxhasa ukufunda nokufundisa (library-based LTSM) ezinokubolekwa ngulowo nalowo titshala, okanye kubolekwe iqela leencwadi zizikolo (block loans):

  • iimbono ezikhuthazayo ezisekelwe kwimisebenzi ethile ukulungiselela izicwangciso zezifundo, nokuphucula ulwazi lokufunda nokubhala (uninzi lwazo lunokufotokotshwa);
  • izibonelelo ezininzi zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam;
  • iincwadi ezininzi kakhulu ezisanda kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli;
  • izibonelelo zokuhlupheza ingqondo icinge nzulu ezixhasa uphando kwezemfundo nokuqulunqwa kwemigaqo-nkqubo;
  • izibonelelo ezinengcaciso enaba ifikelele kwimiba yentlalo yangoku etshis' ibunzi (current critical issues), umz. ulwazi lokufunda nokubhala, imfundo ebandakanya wonke umfundi (inclusion), iingxaki zoluleko nezokuziphatha kakubi, ukwamkela iyantlukwano (differentiation), i-HIV/AIDS nengxaki yokuchatshazelwa kakubi butywala kweentsana ezingekazalwa (foetal alcohol syndrome).
  • izibonelelo ezijolise kumfundi (learner-focused materials) (ekukho kuzo iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bayo yonke iminyaka yobudala ezinokusetyenziswa ngamathuba okufunda), nezivavanywe zaphononongwa ngokukodwa ukunceda izikolo ukuba zikwazi ukukhetha izinto zokufunda zokuthengwa kwisabelo-mali ngokwe-Norms and Standards okanye kwiingxowa-mali zezikolo zezibonelelo zeelayibrari zezikolo zazo.
  • iividiyo, ii-DVDs, iikhasethi, ii-CDs, ii-CD-ROMs nezixhobo ze-multi-media ezifikelela kwizihloko ezininzi zokwandisa ulwazi nokunika inkxaso ukufundisa nokufunda eklasini kwakunye nezikhuthaza ulawulo lwesikolo (enhance school management).
6. Kungaqhagamshelwana naba noolayibrari balandelayo malunga noku kulapha ngentla:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville 021 957 9618
Cheryl Joseph Metro East Resource Centre/EDULIS Branch Library, Kuils River 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Metro South Brian O'Connell Resource Centre, Mitchells Plain 021 370 2084
Ina Heiberg West Coast Resource Centre, Paarl 021 860 1229
Sam Webber Eden & Karoo Resource Centre, George 044 803 8328
Janine Ontong Cape Winelands Resource Centre, Worcester 023 348 4657
7. Njengoko lingekho iziko lezibonelelo (resource centre) elisebenza ngendlela eyiyo kwiSithili seMfundo i-Metro Central Education District, yaye ukuphendula izicelo ezininzi ezivela kootitshala abasezikolweni kwesi sithili semfundo, kuvulwe indawo yokubuyisa iincwadi (collection point) e-EDUMEDIA eMowbray ukulungiselela izikolo eziboleka iqela leencwadi (school block loans) kwiLayibrari u-EDULIS. La malungiselelo ethutyana aya kusebenza de libe lisekiwe iziko lezibonelelo kwi-Ofisi yeSithili seMfundo i-Metro Central.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:22

IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YEZIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE OKTOBHA 2009
 (ubukhulu: 22 KB)
"ISLM poster"  (ubukhulu: 622 KB)
"ISLM logo"  (ubukhulu: 35 KB)