1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), ngokungqinelana nePhulo iFoundations For Learning, libhengeze unyaka ka-2009 njengoNyaka wokuFunda. Kulo nyaka, iSebe iWCED libhiyozela ukufunda nokukhuthaza ukusetyenziswa kweenkonzo zeelayibrari nengcaciso ekunikeni inkxaso kuphuhliso lolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwizikolo zethu, ukuze ngokwenjenjalo kunikwe inkxaso i-NCS ngokupheleleyo.
2. Emva kweminyaka engamashumi amabini eli sebe lemfundo lokuqala lasekwayo eNtshona Koloni ngo-1839, njenge-Department of Public Education of the Colony of the Cape of Good Hope, kwasekwa ilayibrari yemfundo yokuqala eKapa ngo-1859. Ukususela ngoko loo layibrari yasetyenziswa ngamagosa esebe nootitshala kuzo zonke izikolo ze-Cape Colony, kungajongwanga nto yahlanga okanye hlobo lwesikolo, i-EDULIS iziva inelunda ngokuthi ikwazi ukuba namakhonkco neziseko zayo ngaloo mihla yangaphambi kobandlululo, nangokuthi ibhiyozele irekhodi yenkonzo engakhange iqhawuke yeminyaka engama-150 yokunika inkxaso ukufunda nokufundisa, ngokuthi ibonelele ngeenkonzo zeelayibrari nengcaciso kunye nokukhuthaza ukufunda.
3. Ziyakhuthazwa izikolo ke ngoko ukuba apha enyakeni zithathe inxaxheba kwiziganeko ezizodwa ezinxulumene nokukhuthaza ukufunda neziza kuququzelelwa liSebe iWCED (i-EDULIS kunye/okanye amacandelo ezeKharityhulam), kwakunye namahlakani ethu kumacandelo ezoshishino lwabucala, anjengePASA (Publishers' Association of South Africa), iSABA (South African Booksellers' Association), iCentre for the Book, iBiblionef, iWestern Cape Provincial Library Services neelayibrari zoluntu lwasekuhlaleni nezikarhulumente. Ezi nkqubo ziya kubandakanya:
  • USuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela (World Book Day) (23 Apreli 2009)
  • Umboniso weeNcwadi waseKapa (Cape Town Book Fair) (13 - 16 Juni 2009)
  • USuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwaMazwe ngaMazwe (International Literacy Day) (8 Septemba 2009)
  • INyanga yeeLayibrari zeZikolo kuMazwe ngaMazwe (International School Library Month) (Oktobha 2009)
Ziza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala iingcaciso ezimfutshane ezinika iinkcukacha ngakumbi ngeenkqubo ezizodwa ezicetyiswayo zokukhuthaza ukufunda ezinxulumene noku.
4. Ukongeza apho, izikolo ezinabafundi abaminyaka yobudala eyi-10 ukuya kweyi-14, zinokubhalisa kwi-GiggleIT Project ye-International Association of School Librarianship (IASL), nenjongo yayo ikukufikelela kwiziphumo zokufunda ezifana nolwazi lokufunda nokubhala, ulwazi lokwazi ukufumana ingcaciso nokusetyenziswa kwethekhinoloji (information literacy and use of technology) ngokuvelisa i-eBook ekwikhompyutha ebhalwe ngabantwana kwihlabathi jikelele nenamabali abantwana, intethwana ezihlekisayo (jokes) nesihobe. Umhla wokuvala amangenelo eGiggleIT Project yi-1 Disemba 2009. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu ngokuba iiklasi zingayithatha njani inxaxheba kwi-GiggleIT Competition (kuvalwa ngomhla wama-31 Julayi 2009), ngena kwiziko lewebhu iGiggle Town, ubone iGigglecritters, uye apha: http://www.iasl-online.org/sla/giggleIT/invite.htm. Iiphakheji zokufundisa nokufunda ukwenzela ukukhuthaza nokuvuselela ukufunda, zingakotshwa ziprintwe kwikhompyutha zibe ngamaphepha ongathi uwanike iiklasi zakho (handouts), kwakunye neephowusta onokuzixhoma eziklasini zakho.
5. Ukunika inkxaso kuNyaka wokuFunda 2009, iCandelo leKharityhulam yeGET, livelise iDVD ukubhiyozela nokuqaphela inzuzo eyafunyanwa ngabafundi nangootitshala kwiphondo liphela kwiWCED 100 Books Project. Le DVD ibonisa ukuba ukufunda iincwadi eklasini kunokusetyenziselwa ukukhuthaza umoya wokufunda, ukufunda nokubhala isiqingatha seyure nesifundo solwazi lokufunda nokubhala. Ikwanika neengcebiso nemizekelo yezinto kanye emazenziwe ngootitshala. Ikwahamba kunye nesikhokelo esiluncedo sokulungiselela ezi nkqubo. Esi sisibonelelo esinokusetyenziswa ukukhuthaza iingxoxo ezingolwazi lokufunda nokubhala nokwabelana ngezimvo. Sikwalungele neentlanganiso zophuhliso lwabasebenzi neeseshoni zezikolo ezisebenzisanayo (cluster sessions). Kufuneka izikolo ziqhagamshelane nomphathi wezekharityhulam wesithili okanye nomcebisi ngezekharityhulam wesithili weSigaba seSiseko ukuze zifumane iinkcukacha ezingaphezulu.
6. Izithili nazo ziyacelwa ukuba zisebenzise zonke iiprojekthi zeLiteracy and Numeracy ("LitNum"), imisetyenzana eyenziwayo (activities), amakhuphiswano njl.njl., eziqhubeka ezikolweni njengangoku, okanye ezisaza kwenziwa ekuhambeni kwalo nyaka, njengeendlela ezongezelelweyo zokukhuthaza nokubhiyozela uNyaka wokuFunda ka-2009.
7. Ngenxa yokuba isiya ibaluleka ngakumbi nangakumbi indima edlalwa zizibonelelo ezixhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material), ekuphuculeni ukupasa kwabafundi, izikolo kufuneka zibe nolwazi ngokubakho kwezi zibonelelo zeelayibrari ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yemibhoyizo yoNyaka wokuFunda ka-2009 nokubonelelwa kwezikolo ngeelayibrari neenkonzo zengcaciso kwiSebe iWCED, uyacelwa wena nootitshala bakho ukuba niqhagamshelane neLayibrari i-EDULIS (ifoni 021 957 9618) okanye namaziko angoovimba bolwazi ezithili eKuils River (inombolo yefoni 021 900 5111), eMitchell's Plain (ifoni 021 370 2084), ePaarl (021 860 1229), eGeorge (044 803 8328) naseWorcester (ifoni. 023 348 4657), ukwenza amalungiselelo otyelelo lokuya kubuza ingcaciso ngeenkonzo abanazo, kwakunye nokubakho kwezibonelelo zeelayibrari ezizodwa ezifana nezi zilandelayo:
  • Izibonelelo ezineengcinga ezikhuthazayo ezingezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), nokuphuhlisa ulwazi lokufunda nokubhala, ulwazi lokubala nokufunda (literacy, numeracy and reading development), (kungenziwa iifotokopi kuninzi lwazo)
  • Iividiyo neeDVDs, iikhasethi ezimanyelwayo, ii-CDs, iiCD ROMs nezinye iifomathi eziziintlobo ngeentlobo zengcaciso (multimedia formats) njengezinto ezizezinye ezikhuthaza ukufunda.
  • Izinto zokufunda ezijolise kubafundi (kubandakanywa iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala abangazisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods), eziye zaphononongwa ngokukodwa, zaza zajongisiswa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo zabo.
Kungenziwa amalungiselelo otyelelo lwamaqela ngamaqela, nangaliphi na ixesha lonyaka elilungele iinqununu nootitshala njengenxalenye yeprogram yophuhliso lokufundisa ezikolweni.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:21