1. USuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela sisiganeko saminyaka le esibanjwa ngowe-23 Apreli, ekungumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare, noququzelelwa yiUNESCO ukukhuthaza ukufunda, ukupapasha nelungelo lokukhusela ukukotshwa kweencwadi (copyright). Imibhiyozo yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela ibonisa ukubaluleka kokufunda ubomi bonke bokuphila komntu (life-long learning), ukukhula kwengqiqo (cognitive development) nempilo qete ngokwasengqondweni (psychological well-being). ISebe i-WCED likhuthaza zonke izikolo ukuba ziphakamise ukuxabiseka kokufunda ngokuthi zithathe inxaxheba ngolangazelelo olukhulu kwimisebenzi esekelwe ekufundeni ngolu uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela.
2. Umxholo wosuku uthi: YANDISA ULWAZI LWAKHO. FUNDA IINCWADI.
3. ISebe i-WCED liya kuba libhiyoza kunye nabalingane ababalulekileyo, abanjengePublisher's Association of South Africa (PASA), i-South African Bookseller's Association (SABA), iSebe loBugcisa neNkcubeko, i-Western Cape Provincial Library Services ne-Centre for the Book (eyiyunithi yezobungcali ye-National Library of South Africa):
3.1 I-PASA ne-SABA ziza kuqalisa iphulo lokusondeza iinkonzo eluntwini apho ukufunda kuya kwenziwa kwizikolo ezikhethiweyo kuwo onke amaphondo ukuqalela nge-11 - 15 Meyi, njengoko unyulo luya luqhubeka ngeveki yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela.
3.2 La mahlakani enze iphowusta enemibala egqamileyo ebonisa umoya wokubhiyozela uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela aze ayiprinta nayenzele zonke izikolo neelayibrari zoluntu kwilizwe liphela. ENtshona Koloni, iiphowusta ziya kufumaneka kubasebenzi bamaziko angoovimba bolwazi ezithili (district resource centre staff). Ukufumana iinkcukacha zoqhagamshelwano zamaziko angoovimba bolwazi ezithili, funda kumhlathi 5 olapha ngasezantsi.
3.3 Apho izithili zingenawo amaziko angoovimba bolwazi, maziqhagamshelane naba bantu balandelayo ukuze zifumane ezi phowusta:

Metro North Education District:
Jennifer Caroto: UMphathi we-E-Learning and Library Services

ifoni 021 938 3000
Metro Central Education District
Sharon Koff
Bridgette Spielman .

ifoni 021 659 4408
ifoni 021 659 4411
Overberg Education District: (Caledon office)
Roy Auret UMphathi oNcedisayo we-E-Learning and Library Services (ziyafumaneka ukuqalela nge-20 Apreli 2009)

ifoni 072 431 8845

4. Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lwezinto ezicetyiswayo olwenziwe ngabasebenzi base-Education Library and Information Services (EDULIS) ezingenziwa zizikolo ukuqaphela olu Suku lweeNcwadi lweHlabathi liphela ngendlela enenzuzo neyonwabisayo.
5. Ukubonisa ngokucacileyo umoya wolangazelelo woSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela sikhuthaza zonke izikolo ukuba zityelele okanye ziqhagamshelane nomnye waba bantu balandelayo ngenjongo yokuboleka iqela leencwadi ngaxeshanye eziza kusetyenziswa ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela:

Susan Hanekom EDULIS Library, Middestad Mall, Bellville ifoni 021 957 9618
Cheryl Joseph Metropole East Resource Centre / EDULIS Branch Library, Kuils River ifoni 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Metropole South's Brian O'Connell Resource Centre, Mitchell's Plain ifoni 021 370 2084
Ina Heiberg West Coast Resource Centre, Paarl ifoni 021 860 1229
Sam Webber Eden & Karoo Resource Centre, George ifoni 044 803 8328
Janine Ontong Cape Winelands Resource Centre, Worcester ifoni 023 348 4657

6. Ngenxa yokungabikho kweziko elinguvimba wolwazi elisebenza kakuhle kwi-Metro Central District Office yaye ukuphendula kwizicelo eziliqela ezivela kootitshala abasezikolweni kweso sithili, kwaye kwathathwa isigqibo sokuseka indawo yokubuyisa iincwadi kwa-EDUMEDIA eMowbray ukulungiselela izikolo eziboleke iqela leencwadi ngaxeshanye (school block loans) kwiLayibrari yakwaDULIS. Lo mqathango wethutyana uya kusebenza de kube kusekwe iziko elinguvimba wolwazi kwi-Metro Central District Office.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:15

"School Activities"  (ubukhulu: 98 KB)