1. Kucelwa izicelo kubantu abanqwenela ukuba ngabamakishi abaziintloko (chief markers), abamakishi (markers) okanye iimodareyitha zeenkalo zezifundo eziza kuvavanywa ngeeMviwo zikaJuni nango-Oktobha 2009 zeNqanaba 4 le-ABET. Uluhlu lweenkalo zezifundo luqhotyoshelwe njengesiHlomelo A.

2. Iikhrayitheriya ngokubanzi
2.1 Amava okufundisa: Amava afanelekileyo okufundisa, kwakunye namava okufundisa iNqanaba 4 kwinkalo yesifundo echaphazelekayo.
2.2 Iziqinisekiso zoqeqesho: Isiqinisekiso esaziwayo sobutitshala seminyaka emithathu.
2.3 Ulwazi lwenkalo yesifundo: Ubungcali kwinkalo yesifundo echaphazelekayo

3. Izicelo
3.1 Izicelo mazenziwe kule fom yesicelo eqhotyoshelweyo. Umenzi-sicelo makazalise ifom eyahlukileyo ngenkalo yesifundo nganye enza isicelo kuyo.
3.2 Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo noqeqesho kufuneka zihambe kunye nefom nganye ezalisiweyo kwabo benzi-sicelo baqalayo ngqa. Ukuba la maxwebhu akahambi kunye nefom yesicelo, eso sicelo asiyi kuqwalaselwa. Akukho mntu uya kwaphulelwa kule miqathango yaye kungayi kubakho mbalelwano iya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
3.3 Zonke iifom zezicelo mazisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko (kwimeko yootitshala), okanye ngabalawuli okanye abantu ekugqithiselwe kubo amagunya (kwimeko yeenqununu, abacwangcisi bekharityhulam abakhulu, abacwangcisi bekharityhulam abaziintloko nabacebisi ngezekharityhulam). Iifom ezingasayinwanga ziya kubuyiselwa kubenzi-sicelo.
3.4 Zonke izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo ungadlulanga owe-15 Apreli 2009. Izicelo ezifumaneke emva kwalo mhla aziyi kuqwalaselwa.
Head: Education
For attention: Ms N.Kanase
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town 
8000  
4. Yonke imibuzo, nokuba ngaba yenziwa ngefoni okanye yebhaliweyo, ingabhekiswa komnye waba balandelayo:
Mnu M Cameron ifoni 021 467 2964 i-imeyili: mgcamero@pgwc.gov.za
Nks NE Kanase ifoni 021 467 2009 i-imeyili: nkanase@pgwc.gov.za
Nks M Buys    ifoni 021 467 2993 i-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za
Inombolo yefeksi yeCandelo 
loLawulo lweeMviwo yile 021 461 5628
5. Intlawulo yokumakisha isifundo ngasinye iza kufumaneka kwakamsinya. Ngamnye ummakishi oyintloko, ummakishi nemodareyitha emakishayo kunye/okanye emodareyitha amaphepha, iya kutsalelwa irhafu ngokungqinelana noMthetho weRhafu yeNgeniso ka-2002 (Income Tax Act of 2002).

6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo. Eli Candelo loLawulo lweeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ngenxa yootitshala abangaxelelwanga okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-LC ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:19

"Application form "  (ubukhulu: 47 KB)