1. Kucelwa ukuba ootitshala abanqwenela ukumakisha amaphepha eeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba 2009 benze izicelo zokumakisha. Amaphepha ezifundo eziza kumakishwa akolu luhlu luqhotyoshelweyo.

2. Iikhrayitheriya zokuQeshwa kwaBamakishi
2.1 Abenzi-sicelo mababe namabanga emfundo eyaziwayo eyiminyaka emithathu yoqeqesho emva kweMatriki nebandakanya isifundo esichaphazelekayo kwinqanaba lesibini kodwa kukhethwa elesithathu, okanye amanye amabanga emfundo afanelekileyo oqeqesho emva kweMatriki kweso sifundo.
2.2 Abenzi-sicelo mababe namava onyaka omnye ubuncinane okufundisa eso sifundo sichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12. Kukwafuneka nokuba babe bakhe basifundisa eso sifundo kwithuba elingangonyaka omnye ubuncinane, kule minyaka ilandelayo: 2008 no-2009. Kodwa kuya kuqala kukhethwe ootitshala abafundisa njengangoku i-NCS kubaviwa beBakala 12.
2.3 Bonke abenzi-zicelo mababesenkonzweni kumaziko emfundo alungiselela abaviwa iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ezisetwa liSebe leMfundo likazwelonke (DOE).
2.4 Ukuqinisekisa ukuba ukusebenza ngendlela eyiyo kweziko akumiswa kakubi kukungabikho kootitshala, apho kunokwenzeka, mabangabi ngaphezu kwe-30% ootitshala kwisikolo esinye abaya kuqeshwa njengabamakishi. Iinqununu kufuneka zikuthathele ingqalelo oku xa zivuma (when endorsing) izicelo zokumakisha.
2.5 Isigqibo sokugqibela malunga nokuba ngabaphi na ootiitshala abangaqeshelwa ukumakisha, sithathwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
2.6 Abenzi-sicelo abafuna ukumakisha iPhepha 2 (uNcwadi - Literature) kwiiLwimi (Languages) mababe bayazazi kwaye bazifundisisile zonke iincwadi ezimiselwe ukufundelwa uviwo kwaye mabangapheleli nje kuphela kwezo ncwadi zifundwa ngabaviwa babo kwizikolo zabo. Aba benzi-sicelo mababonise kwizicelo zabo ngokubhala batsho ukuba zeziphi iincwadi ezimiselwe ukufundwa abanako ukuzimakisha.
2.7 Ukuze afaneleke ukuba amakishe, kufuneka utitshala abe ufumane ireyithi yokupasa kwabafundi eyi-50% ubuncinane (at least 50% pass rate) kweso sifundo sichaphazelekayo.
2.8 2.8 Abenzi-sicelo abasele bazisile ukuba bajonge ukurhoxa enkonzweni (resign) okanye ukuthatha umhlala-phantsi (retire) kwaye baya kuyiphelisa inkonzo yabo neSebe iWCED ungadlulanga owe-30 Septemba 2009, abayi kuqwalaselwa ukuba baqeshwe njengabamakishi, ngaphandle kwakwiimeko apho utitshala ochaphazelekayo aya kuba ngutitshala kwisikolo esizimeleyo esibaviwa bematriki baso babhala iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zeSebe leMfundo likazwelonke (DOE).
2.9 Akukho titshala obesekhefini lokugula ixesha eliyi-25% yalo nyaka wezifundo uqhubekayo ngoku okanye ixesha elingaphezu koko okanye okwikhefu lokugula ngexesha lokumakisha uya kuqeshwa ukuba amakishe.
2.10 Umenzi-sicelo makazalise ifom yokwenza isicelo eyahlukileyo ngephepha loviwo ngalinye afaka isicelo kulo. Kwifom yesicelo nganye, umenzi-sicelo makabonise ukuba ukhetha ukuqeshwa kwesiphi na isifundo.
2.11 Bonke abenzi-sicelo abatsha mabaqhoboshele ikopi eqinisekisiweyo yawona mabanga emfundo aphezulu aphunyelelweyo okanye irekhodi ebubungqina bezifundo zakhe, ebonisa izifundo ezifundwe ngumenzi-sicelo waza wazipasa. Zonke izicelo ezitsha ezingahambi nezi kopi zamabanga emfundo ziqinisekisiweyo aziyi kuqwalaselwa. Akukho namnye umntu oya kwaphulelwa kwezi meko yaye kungayi kubakho mbalelwano eya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
2.12 Iimodareyitha zangaphakathi zamaphepha eemviwo ezinenani elincinane labaviwa nezithi, ukongeza kumsebenzi wazo wokumodareyitha ngaphakathi amaphepha eemviwo, zinqwenele ukuqeshwa njengabamakishi kwamanye amaphepha, mazifake izicelo nazo ngolu hlobo lulapha ngentla.
2.13 Nakuba iSebe leMfundo likhetha ukuba iinqununu zibe sezikolweni zazo ekupheleni konyaka wezifundo, nazo iinqununu zingafaka izicelo zokuqeshwa njengabamakishi. Ukukhethwa kweenqununu njengabamakishi kuya kuxhomekeka, phakathi kwezinye izinto, kwezi meko zilandelayo:
  • Zonke izicelo ezivela kwiinqununu ziya kungeniswa kuBalawuli bezithili zemfundo ukuze bazivume;
  • Eyona nto ephambili eya kujongwa iya kuba kukuba ingaba isikolo eso siya kubanako na ukusebenza ngempumelelo ngethuba lokumakisha xa ingekho inqununu;
  • Makwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okuba omnye wootitshala abambe njengenqununu ngethuba lokungabikho kwenqununu. Ukunikezela kwenqununu komsebenzi wayo kuloo titshala makubhalwe phantsi;
  • Isikolo masibenako ukusebenza ngaphandle kobukho benqununu, nokuba inkqubo yokupasa kwabafundi besikolo (school's learner promotion process) mayingaphazanyiswa kukungabikho kwenqununu.
3. INkqubo yoKwenza iSicelo
3.1 Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Directorate: Examinations Administration
Attention: Mr M.Cameron / Mr N. Riddles
Western Cape Education Department
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

Ikopi yefom yesicelo emiselweyo neqhotyoshelweyo apha ikwafumaneka kule dilesi ingentla, okanye kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha : http://wced.wcape.gov.za/circulars
3.2 Iifom zezicelo mazithunyelwe ngeposi ebhaliswayo (registered mail) yaye irisithi ekhutshwa yiPosofisi mayigcinwe njengobungqina bokubonisa ukuba iposiwe ifom. Nakuba kunjalo, izicelo zingaziswa ngesandla kwiCandelo leeMviwo, kwa-4th Floor, Grand Central Towers building, apho kuya kukhutshwa irisithi yesicelo ngasinye esifikileyo.

Iifom zezicelo mazifike kwiCandelo leeMviwo (Directorate: Examinations) ingadlulanga intsimbi ye-16:00 ngomhla we-18 Meyi 2009. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko iifom zezicelo zithunyelwe ngqo kubamakishi abaziintloko. Izicelo ezifunyenwe emva komhla wokuvala aziyi kuqwalaselwa. Luphezu kwamagxa abenzi-sicelo uxanduva lokuqinisekisa ukuba izicelo zabo zifika kule ofisi phambi okanye ngomhla wokuvala.
3.3 Yonke imibuzo, nokuba ngaba yeyefoni okanye yebhaliweyo, mayithunyelwe ngqo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ingathunyelwa kubamakishi abaziintloko. Qhagamshelana nelinye lala magosa:

Mnu Mark Cameron ifoni: 021 467 2964 i-imeyili mgcamero@pgwc.gov.za
Mnu N Riddles ifoni: 021 467 2992 i-imeyili nriddles@pgwc.gov.za

3.4 Ukuvunywa kweZicelo

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kootitshala kufuneka zisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko. Kucelwa iinqununu/abaphathi bamaziko bancede bakutshekishe ukuchaneka kweenkcukacha zomenzi-sicelo phambi kokusayina ifom/iifom zomenzi-sicelo.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubaphathi bekharityhulam, kwiinqununu nakubaphathi bamaziko kufuneka zisayinwe nguMlawuli wesithili semfundo.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacebisi Kwi FET kufuneka zisayinwe nguMlawuli okanye ngumphathi wezekharityhulam oyintloko we-ofisi yesithili semfundo.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacwangcisi bekharityhulam abakhulu kufuneka zisayinwe nguMlawuli weCandelo leKharityhulam ye-FET.
3.5 Izicelo ezingasayinwanga ngabaphathi okanye ziisuphavayiza aziyi kuqwalaselwa.
3.6 Mabancede abenzi-sicelo bachaze uhlobo lokutya abalukhethayo kwiifom zabo zokwenza izicelo. Makuqatshelwe ukuba iSebe alinako ukuvumela naluphi na utshintsho lohlobo lokutya olukhethiweyo ngethuba lokumakisha.

4. Amalungiselelo eThuba lokuMakisha
4.1 Ukumakisha konke kuya kwenzelwa kwindawo okanye kwiindawo ezikufuphi neKapa, njengoko kumiselwe liSebe iWCED.
4.2 Imihla yethuba yokumakisha iya kuqinisekiswa kamva. Abamakishi mabaqinisekise ukuba bayigqibile yonke imisebenzi yabo yesikolo emalunga nokumakisha kunye neyezolawulo ezikolweni zabo phambi kokuba kuqalwe ukumakishwa.
4.3 Abamakishi kulindeleke ukuba bamakishe amaphepha ubuncinane iiyure ezisibhozo (8) ngosuku. Oku akudibanisi amaxesha abekelwe ukutya nawokuphunga. Iziko lokumakishela liya kuvulelwa ukumakisha ukususela ngo-06:00 ukuya ku:22:00 yonke imihla.
4.4 Intlawulo yokumakisha iphepha ngalinye iza kufumaneka kwakamsinya yakuba ifumanekile kwiSebe leMfundo likazwelonke. Imodareyitha nganye, ummakishi oyintloko nommakishi ngokunjalo, baya kutsalelwa irhafu ngokungqinelana noMthetho weRhafu yeNgeniso (Income Tax Act).
4.5 Kunyanzelekile ukuba iinqununu, aBalawuli bezithili zemfundo, abacebisi ngeze-IMG, nabacebisi ngezekharityhulam bakwazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala. ICandelo leeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ukuba ootitshala abaxelelwanga okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.

5. Ukumakishwa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngomnye weyona misebenzi ibaluleke gqitha yenkqubo yeemviwo. ISebe iWCED linebhongo neqhayiya ekuqeshweni kwabamakishi abafanelekileyo nabanolwazi (qualified and competent markers). Iinqununu namanye amagosa aye angqine ukufaneleka kwabamakishi (recommend markers) makakwenze oko ngentembeko nangokunyanisekileyo (must act in good faith) Qaphela, ukuba kuthe ke ngoko kwanikwa ingcaciso engachanekanga kwifom yokwenza isicelo, oko kuya kuthathwa njengobuqhetseba (fraud) kwaye kuya kusingathwa ngokoMthetho wezeNgqesho yooTitshala (Employment of Educators Act).
6. Bonke abamakishi abatsha baya kulindeleka ukuba baye kuqeqesho lokumakisha ngokuzithandela (voluntary training session) ngaphambi kokuba kuqale iseshoni yokumakisha.
7. Iinqununu mazivume ukuba ziyifumene le ngcaciso imfutshane kwifom eqhotyoshelweyo, nemayifike kule ofisi ungadlulanga owe-11 Meyi 2009.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:23

isiHlomelo A: List of Subject Papers to be marked  (ubukhulu: 16 KB)
"Application form"  (ubukhulu: 52 KB)
"Achnowledgement form"  (ubukhulu: 36 KB)