1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo 0001/2009, yomhla we-30 Januwari 2009.
2. Kuyagxininiswa kwakhona ukuba ezi mvavanyo zinyanzelekile yaye ziya kubhalwa ngabafundi bezikolo zikarhulumente zeSebe leMfundo leNtshona Koloni nabezikolo ezizimeleyo ngale mihla ilandelayo:
2.1 Uvavanyo lweMathematika: ngoMvulo, 9 Matshi 2009 luqala ngo-09:30 - 10:50 (imizuzu engama - 80)
2.2 Uvavanyo loLwimi: ngoLwesithathu, 11 Matshi 2009 luqala ngo-09:30 - 11:00 (imizuzu engama - 90)

Imibuzo yeemvavanyo iya kuba ngesiNgesi okanye nge-Afrikansi. Ukongeza, iphepha lemibuzo labantetho isisiXhosa liyafumaneka nalo. Elo phepha linemibuzo engesiXhosa (50%) nemibuzo engesiNgesi (50%).

3. Uyacelwa uqaphele ukuba i-braille, umbhalo omkhulu namaphepha ovavanyo eetheyiphu ezimanyelwayo zabafundi abanezithintelo AZISAYI kufumaneka. Abafundi abanezithintelo zokufunda abakwizikolo ezibandakanya bonke abafundi nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa banokungavunyelwa ukuba babhale ezi mvavanyo. Nakuba kunjalo, ukuba banqwenela ukuzibhala ezi mvavanyo bavumelekile ukuba benjenjalo. Emva kokuba uvavanyo lugqityiwe, izikolo zingawasebenzisa amaphepha emibuzo ziwatshintshele kwi-braille, kumbhalo omkhulu okanye kwiitheyiphu ezimanyelwayo ukuvavanya abafundi bazo.
4. USkynet Couriers uya kusa iincwadi zeemvavanyo zingumthwalo omnye, kwithuba leveki phambi komhla wovavanyo lokuqala. Iibhokisi ziya kuba nezi zinto, i-test administration manual, iifom zerejista yokubakho kuvavanyo (attendance register forms), i-control sheet, ii-elastic bands nezingxobo zeplastiki ezigreyi (grey plastic bags) ekufuneka iincwadi zovavanyo zibuyiswe ngazo. Emva kokufumana ezi bhokisi zeencwadi zovavanyo, kucelwa uzalise i-control sheet uze emva koko uyithumele ngefeksi apha 021 461 5637 okanye apha 021 461 5628. (Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga neencwadi zovavanyo okanye namaxwebhu ovavanyo, kucelwa ufonele uMnu C. Berry kule nombolo 021 467 2265.)
5. Iinqununu mazisebenze njengabaququzeleli beziko baze ootitshala basebenze njengabagadi babafundi. (Funda i-Test Administration Guide ngokumalunga nemisebenzi nezinye iinkqubo.) Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba zifumana inani elichanekileyo leebhokisi zize zisayine iphetshana leempahla ezizisiweyo (delivery note) zakwamkela ezi bhokisi. Ezi bhokisi mazigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kwaye inqununu inoxanduva lokugcina izitshixo ngokunqatyisiweyo. Uyacelwa uqaphele ukuba, mazingaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko zivulwe iincwadi zovavanyo okanye kuxoxwe ngemibuzo phambi kokuba kuqhutywe uvavanyo.
6. Iimvavanyo maziphendulwe kwiincwadi zovavanyo (Funda i-Test Administration Guide ukufumana iinkcukacha). Bonke abafundi mababe sebehleli kwimizuzu engama-30 phambi kokuqala kovavanyo. Eli xesha malisetyenziselwe ukuhlalisa abafundi ngolandelelwano olungqongqo lwe-alfabhethi, ukukhutshwa kwemiyalelo ngokubanzi nokuzaliswa kwephepha lokuqala.
7. Imibuzo ekhethisayo (multiple-choice) yazo zombini iimvavanyo mayiphendulwe kwiincwadi zovavanyo ngokwenza isangqa koonobumba abafanelekileyo

Note the following amendment to the English Minute:
"Initially, it was required that the multiple choice questions for both tests, be answered on an answer sheet (bubble sheet). Due to unforeseen circumstances, the bubble sheets are NOT included in this consignment and therefore learners are requested to answer the multiple questions in their test book by circling the correct letter that matches the answer".


8. Ezi mvavanyo mazibhalwe phantsi kweemeko ezifanayo nezo zoviwo olumiselwe imigaqo (formal examination conditions), kwaye makusetyenziswe imithetho ephathelele ekuqhutyweni kweemviwo zeMatriki, kodwa kungaqeshwa bagadi babaviwa bangaphandle (without the appointment of external invigilators).
9. Utitshala ogade abafundi kuvavanyo makaqinisekise ukuba kulandelwa ngqo le nkqubo ilandelayo ngentsasa yovavanyo.

Phambi kovavanyo (08:30 - 09:15)

  • Hlalisa abafundi ngolandelelwano lwe-alfabhethi uze uzalise irejista yabakhoyo.
  • Nika abafundi iincwadi zovavanyo.
  • Yalela abafundi ukuba bazalise yonke ingcaciso engomvavanywa buqu ekuqaleni kwencwadi yovavanyo, o.k.t. umhla wokuzalwa, ifani, igama, njl. njl.
  • Nika abafundi ithuba lokuba bayifunde yonke imibuzo yovavanyo ngemizuzu eli-15 phambi kokuba luqale uvavanyo. Mabangaqali babhale phantsi iimpendulo bade babe bayinikiwe imvume yokwenjenjalo.

09:30 - 10:50: Kubhalwa uvavanyo lweMathematika (Ubude bexesha yimizuzu eyi-80)

09:30 - 11:00: Kubhalwa uvavanyo loLwimi (Ubude bexesha yimizuzu eyi-90)

Emva kovavanyo:

  • Abafundi mabayeke ukubhala ngo-10:50 nango 11:00 yaye iincwadi zovavanyo mazithathwe ngoko nangoko
  • Utitshala obegade abafundi makenze oku kulandelayo emva kokugqiba uvavanyo:
  1. Tshekisha ukuba inani leencwadi zovavanyo elithathiweyo liyalingana na nenani labafundi ababhale uvavanyo.
  2. Tshekisha ukuba umfundi ngamnye uyizalisile ingcaciso engaye buqu ngokuchanekileyo na.
  3. Qinisekisa ukuba iincwadi zovavanyo zabafundi zicwangciswe ngendlela efanayo naleyo yolandelelwano lwamagama akwiifom zerejista yokubakho nokuba ezi rejista zibuyiswa kunye neencwadi zovavanyo
10. Ukubuyiswa kweencwadi zovavanyo

Oku kulandelayo yinkqubo emayilandelwe xa kubuyiswa iincwadi zovavanyo:

  • Iincwadi zovavanyo mazilungiswe ngokolandelelwano lwe-alfabhethi olufanayo nolo lwamagama akwiifom zerejista yokubakho eyenziweyo yesikolo ngasinye
  • Iincwadi zovavanyo mazahlula-hlulwe zenziwe iibhetshi apho ezona zininzi kwibhetshi zibe ziincwadi eziyi-50.
  • Ifom yerejista yabafundi mayibelwe ngaphezulu kwibhetshi nganye
  • Ibhetshi nganye mayifakwe kwenye yezingxobo zeplastiki ezigreyi (grey plastic bags) enizinikiweyo zize zibuyiselwe kwiCandelo leeMviwo zibhalwe "For attention: Mr E. van Breda".
  • Ikhuriya inexesha elicwangcisiweyo lokuqokelela iipasile zeencwadi zovavanyo zingadlulanga iintsuku ezimbini ukususela ekugqityweni kovavanyo lokugqibela. Ukuba iipasile zeemvavanyo ezimbini aziqokelelwanga ngoLwesine, we-12 Matshi 2009, makwaziswe ngokukhawuleza iCandelo loLawulo lweeMviwo ngokufonela kule nombolo 021 467 2960/1.
11. Kuya kubekwa esweni ngokungqongqo ukubhalwa kwezi mvavanyo. Oku kuya kubandakanya ukutyelelwa kwezikolo kungaxelwanga kuqala ngamagosa eSebe leMfundo likazwelonke, ngabaphathi beekomiti zeesekethe nangamagosa eCandelo lweKharityhulam ye-GET.
12. Kucelwa niqaphele ukuba ezi mvavanyo aziyonxalenye yamanqaku okupasa kwabafundi beBakala 9. Ngaphezulu, abafundi abalindelekanga ukuba bafunde ikhontenti yesifundo esithile ukulungiselela ezi mvavanyo, njengoko kuya kuvavanywa ukuqondwa kweekhonsepthi (concepts) nezakhono (skills) kwinqanaba elifanelekileyo ukuya kutsho ekupheleni kweBakala 8.
13. Ootitshala abayi kucelwa ukuba bamakishe iimpendulo zabafundi babo. Iincwadi zovavanyo ziya kuthunyelwa kwiYunivesiti yaseKapa (University of Cape Town), apho ziya kumakishwa khona kuze kulungiswe neziphumo. Isikolo ngasinye siya kuthunyelelwa iziphumo zaso, kwakunye nocazululo olunzulu (detailed analysis) lwendlela esiqhube ngayo. Umfundi ngamnye uya kufumana isiqinisekiso, ngako oko ke, kubalulekile ukuba kuqinisekiswe, ngexesha lokubhalisa, ukuba apelwa ngokuchanekileyo amagama.
14. Ziyacelwa iinqununu nootitshala ukuba bonke baqinisekise ukuba ezi mvavanyo zibhalwa ngemihla ecwangciselwe zona nangamaxesha acacisiweyo nokuba ziyasayinwa iirejista ezinebhakhowudi zokubakho kwabafundi kwiimvavanyo.


ISAYINWE: NGU-CD BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:03