1. Ifom yebango yabagadi babaviwa yezi mviwo zikhankanywe apha ngentla neya kukhutshwa iyikopi eliphepha, mayizaliswe ngumgadi wabaviwa oyintloko ngokumalunga naye kunye nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye obegade abaviwa kwiziko lokubhalela uviwo elithile. Ifom yebango mayizaliswe nge-inki emnyama. Inani leeseshoni malingqinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, nekufuneka ayisayine naye ifom yebango.
2. Malaziswe iSebe ngokubhalelwa ngalo naluphi na utshintsho kwidilesi yomgadi wabaviwa oluthe lwenzeka emva kokungenisa iifom zokutyunjwa kwakhe (nomination forms).
3. Iintolongo ezisebenzisa abagadi babaviwa abangengobasebenzi bazo ziyacelwa ukuba zazise iSebe ngencwadi ebhaliweyo malunga naloo malungiselelo.
4. Abagadi babaviwa baya kuhlawulwa ngokweentlawulo zeSebe (Departmental tariffs). Iintlawulo ezifakelwe izilungiso (amended tariffs) zezi zilandelayo:
Umgadi wabaviwa oyintloko  R114.65 ngeseshoni 
Umgadi wabaviwa oncedisayo  R76.45 ngeseshoni

Uyakhunjuzwa ukuba izikolo ezizimeleyo neekholeji luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo.

5. Xa kuhlawulwa abagadi babaviwa, iiseshoni zoviwo phambi kwentsimbi yeshumi elinambini ziya kuthathwa njengeeseshoni zakusasa (kungabandakanywanga i-typing speed and accuracy test). Iiseshoni zoviwo eziqala emva kwentsimbi yeshumi elinambini zithathwa njeeseshoni zasemva kwemini.
6. Amabango afunyenwe ngenxa yokuba bekufakwe abanye abagadi babaviwa (replacement invigilators), aya kusingathwa kuphela ukuba ngaba inkqubo yokutyumba umntu nokuqeshwa kwakhe ilandelwe ngokuchanekileyo.
7. Kucelwa niqinisekise ukuba kuphela linani elimiselweyo (prescribed number) labagadi babaviwa abancedisayo ngeseshoni abanokusetyenziswa. Kufuneka ileta ecacisayo (explanatory letter) emayihanjiswe nefom yebango ukuba kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo.
8. Abagadi babaviwa abazintloko abancedisayo xa kwakusamkelwa naxa kwakutshekishwa amaphepha emibuzo eemviwo mababonise kumabango abo ngale nkonzo kwikholam efanelekileyo kwifom yebango. Bangenza ibango lentlawulo leseshoni enye kuphela ukongeza ukuba babencedisile ekutshekisheni imithwalo emi-4 yamaphepha emibuzo yeemviwo.
9. Ukuze kulungiselwe intlawulo ekhawulezileyo yamabango abagadi babaviwa, iifom zokwenza amabango zingathunyelwa ngefeksi kule ofisi, kusetyenziswe le nombolo yefeksi 021 461 5637 okanye 086 692 2242. Ukuba ukhetha ukuthumela ifom yebango ngefeksi, ifom yebango eyintsusa (original form) ke ngoko, mayithunyelwe ngeposi kwiSebe. Umgadi wabaviwa oyintloko makagcine ikopi ezaliswe ngokupheleleyo yefom yebango ukulungiselela iinjongo zokugcina iirekhodi.
10. Ngokukhawuleza nje emva kweseshoni yokugqibela yoviwo kwiziko lakho lokubhalela iimviwo, makuthunyelwe ikopi yefom yebango eyintsusa, ngeyona ndlela ikhawulezileyo, nokuba kungeposi okanye ngenkonzo yekhuriya okanye isiwe ngesandla, kwenye yezi dilesi zilandelayo:
Idilesi yeposi
The Head: Education	
For attention: Ms VB du Plessis/Ms E du Toit
Directorate: Examinations Administration 
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town  
8000

Idilesi yestrato The Head: Education For attention: Ms VB du Plessis/Ms E du Toit Directorate: Examinations Administration Western Cape Education Department 5th Floor - Room 515 A Grand Central Towers Lower Parliament Street Cape Town 8001


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:17