1. Iincwadi zeempendulo kwakunye nawo onke amanye amaxwebhu anxulumene noviwo, mazipakishwe ngokungqinelana neenkqubo ezicaciswe kule Ncwadana yeMigaqo Procedure Manual for Principals, Centre Managers, Chief Invigilators and Invigilators, zize zithunyelwe kwiSebe leMfundo ngale mihla elungiselelwe ukuqokelelwa kwazo njengoko kucacisiwe kumhlathi 3 apha ngasezantsi.
2. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuposelwe iincwadi zeempendulo kwiSebe leMfundo okanye ziziswe ziinqununu buqu okanye ngabagadi babaviwa abaziintloko.
3. USkynet uya kuqokelela iincwadi zeempendulo kumaziko okubhalela iimviwo aze azizise kwiSebe leMfundo ukuqalela kwintsimbi ye-08:00 kuye kweye-15:00 ngale mihla ilandelayo:
NgoLwesine, 19 Februwari 2009
NgoLwesibini, 24 Februwari 2009
NgoLwesine, 26 Februwari 2009
NgoLwesibini, 03 Matshi 2009
NgoLwesine, 05 Matshi 2009
NgoLwesibini, 10 Matshi 2009
NgoLwesine, 12 Matshi 2009
NgoLwesibini, 17 Matshi 2009
NgoLwesine, 19 Matshi 2009
NgoLwesibini, 24 Matshi 2009
NgoLwesine, 26 Matshi 2009 (Okokugqibela) 
4. UKUBUYISWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
4.1 Uyacelwa ukuba uqinisekise ukuba amaxwebhu achaphazelekayo nafanelekileyo azaliswa ngokuchanekileyo kwaye iBar Coded Exam Centre Tracking Sticker incanyathiselwa kwipasile nganye. Makuzaliswe la maxwebhu alandelayo:
  • CiCourier Collection Register mihla le xa ummeli wakwaSkynet eze kuqokelela,
  • neConfirmation of Final Collection, ekufuneka ithunyelwe ngefeksi xa ummeli wakwaSkynet eqokelela iipasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo kwiziko.
4.2 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kugcinwe izingxobo zeplastiki ngeentsuku apho uSkynet eqokelela iincwadi zeempendulo zoviwo. Zonke iincwadi zeempendulo zoviwo ozigcinileyo mazinikwe iikhuriya zakufika.
4.3 Emva kokuba ummeli wakwaSkynet eqokelele iipasela zeencwadi zeempendulo, uya kunikwa ikopi yephetshana lokuthunyelwa kwepasile (dispatch note), kwakunye nee- mark-sheet control lists, ekufuneka zizaliswe ngumgadi wabaviwa oyintloko ukwenzela iinjongo zeerekhodi.
4.4 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kusetyenziswe amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) oviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kuyo nantoni na eyenye engenanto yakwenza nengeyiyo eyokubuyisela amaxwebhu anxulumene noviwo. Onke amaphetshana eepasela ezithunyelwayo (waybills) angasetyenziswanga makabuyiselwe kwiCandelo leeMviwo kunye neepasela zokugqibela zeencwadi zeempendulo zoviwo.

5. Iinqununu/Abaphathi bamaziko, ngoncedo lomgadi wabaviwa oyintloko, kufuneka baqinisekise ukuba zonke iincwadi zeempendulo ziqokelelwe yikhuriya ngentsimbi ye-15:00 nge-26 Matshi 2009.

Ukuba kukho naziphi na iincwadi zeempendulo ezingekaqokelelwa, makuxelelwe uNks Hollenbach weCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) NGOKO NANGOKO kule nombolo yefoni 021 467 2960/1.

6. Ukuqinisekisa ukuba inkqubo ihamba ngocwangco, ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zenze amalungiselelo ayimfuneko okugcina ngokukhuselekileyo amaphepha emibuzo neencwadi zeempendulo. Mazincede ziqinisekise kwakhona ukuba ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko unikwa ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:22