1. Ukwenzela ukuba abaphathi bamaziko babe nokwenza amalungiselelo ayimfuneko okuya kuthatha iziphumo zeemviwo baze bazitshekishe, kunikwa le ngcaciso ilandelayo nemihla. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla namaxesha anikiweyo zizinto ezingesosigxina nezinokutshitshwa (tentative) yaye naziphi na iinguqulelo kumalungiselelo niya kwaziswa ngazo. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo.

1.1NgoLwesibini, 7 Januwari 2010 ngo-08:00:
(Qaphela: Kungabi ngaphambi ko-08:00)
Iinqununu, abaphathi bamaziko/
abasebenzi abathunywe ngabo
bafumana iziphumo kwii-ofisi
zezithili zemfundo.
1.2 Iinqununu/Abaphathi bamaziko banikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo bakhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula. Ezi mpazamo mazicaciswe ngokuthi kwaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration).
1.3NgoLwesibini, 7 Januwari 2010 ngo-12:00:Izikolo/Amaziko angabanika
abaviwa bawo iziphumo zabo
kwizikolo zawo/kumaziko abo;

QAPHELA: Undoqo wePhepha leZiphumo lomviwa ngamnye liza kubandakanywa. Izikolo kufuneka zazise abaviwa kunye nabazali babo okukuba abasayi kuphinda bazifumane ngeposi iziphumo zabo;

AKUKHO ziphumo mazaziswe abaviwa yaye AKUKHO ngcaciso emalunga noku mayaziswe abamajelo eendaba namaphephandaba ngaphambi ko-12.00.

1.4NgoLwesibini, 7 Januwari 2010 ngo-09:00:UMphathiswa weMfundo
wePhondoubhengeza iziphumo
zephondo eLeeuwenhof.
1.5NgoLwesithathu, 7 Januwari 2010 ngo-15:00:Iziphumo ziya kuphuma kweli
ziko lewebhu
le-http://wced.wcape.gov.za;

Kuya kufuneka abaviwa bafake iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zabo zezazisi ukuze elowo nalowo akwazi ukujonga iziphumo zakhe kwiziko lewebhu le-WCED.

1.6NgoLwesithathu, 8 Januwari 2010 ngo 05:00:Iziphumo kumaphephandaba.
1.7NgoMvulo, 8 Januwari 2010 emva ko-12:00:Iziphumo ezingathathwanga
ziyakuposelwa ezikolweni/
emazikweni zii-ofisi zezithili zemfundo.
2. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo/amaziko aya kuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo zawo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu/abaphathi bamaziko ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kumlawuli we-ofisi yesithili semfundo ungadlulanga owe 4 Disemba 2009 . Le ngcaciso iya kusetyenziselwa kwakhona ukuqhagamshelana nezo nqununu/nabo baphathi bamaziko bamenyelwa ukuza kuzimasa iTheko loNikezelo-mabhaso nge-7 Januwari 2010 eLeeuwenhof.
3. ZKubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe inkxaso ngokwasemoyeni kunye nentuthuzelo nengcebiso (support and counselling) yaye mabaxelelwe abaviwa ukuba kukho inkonzo elolu hlobo efumanekayo. Le ntuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwii-ofisi zezithili zemfundo ezichaphazelekayo apho kuya kubakho abantu besebe bokwenjenjalo. Ukuba inqununu/umphathi weziko imthumela umviwa kwi-ofisi yesithili semfundo, inqununu mayimnike umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-ofisi yesithili semfundo yaye mayinike i-ofisi yesithili semfundo iinkcukacha zomviwa. Kudla ngokuthi abo baviwa kufanele ukuba banikwe le ntuthuzelo nengcebiso bangayifuni ngokuzithandela, yaye ke kubongozwa iinqununu ukuba zikuthathele ingqalelo oku yaye zisoloko zithe qwa zijonge iimvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele.
4. UKWAZISWA INGCACISO KWABAMAJELO EENDABA NAMAPHEPHANDABA

Abamajelo eendaba namaphephandaba baya kuba nomdla nabo wokufumana ingcaciso ezikolweni ngabaviwa abaphume emagqabini bagqwesa mpela kuviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Iinqununu/Abaphathi bamaziko bangayinika ingcaciso elolu hlobo kunye neefoto kumajelo eendaba nakumaphephandaba kodwa ngokubhungisana nabazali babaviwa.



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:27

Ukuthatwa Kweziphumo Zoviwo  (ubukhulu: 36 KB)