1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba iimviwo ze-ABET iNqanaba 4 (ABET Level 4 examinations) ngoJuni 2009 ngokungqinelana nemigaqo, iikhrayitheriya nemigangatho esetyenziswayo.
2. Ayacelwa onke amaziko emfundo yabadala abhalise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED community learning centres), ukuba abhalise abaviwa bawo ukuze bangenele ezi mviwo kwiinkalo zezifundo abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abaviwa abo bayigqibile yonke imilinganiselo yemigangatho (have completed all unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, zonke iinkalo zezifundo ezifunwa ngabaviwa ziya kuhlangatyezwa. Kodwa nangona kunjalo, lilungelo leCandelo loLawulo lweeMviwo ukungaqhubi zimviwo kwiinkalo zezifundo apho bambalwa kakhulu abaviwa ababhalisileyo.
3. Uviwo lwenza i-50% yamanqaku enkalo yesifundo, lo gama enye i-50% iya kuvela kwiiphothifoliyo zovavanyo ezimodareyithwe liziko ngokwalo (moderated site-based assessment portfolios).
4. Ithayimthebhile yoviwo lukaJuni 2009 iya kukhutshwa kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo phambi kokuqala koviwo.
5. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ifom enye kwezo zobhaliso zifakwe apha ngokumalunga nomviwa ngamnye onqwenela ukungenela ezi mviwo. Ukuba uthi umviwa angabikho, ngenxa yokugula okanye ngenxa yeemeko ezingenakuthintelwa, mayisayinwe loo fom yobhaliso ngumphathi weziko, nomakathi kwakhona abonise, ngakwisiginitsha yakhe, ukuba umviwa lowo wayengekho.
6. Ngokumalunga nesicelo sohlobo loviwo olungenelwayo (entry type) kwifom, kucelwa usebenzise ikhowudi efanelekileyo ukubonisa ukuba ngaba umfundi uvela kwiziko lemfundo yabadala likarhulumente ("public") okanye kwiziko lemfundo yabadala labucala ("industry") elizimeleyo.
7. Kucelwa niqaphele ukuba akukho lutshintsho kwiinkalo zezifundo luya kuvunyelwa emva kokuba iifom zobhaliso (entries) zigqityiwe. Ngako oko ke iifom zobhaliso mazizaliswe ngokuchanekileyo.
8. Zonke iifom zobhaliso ezifakwe zonke iinkcukacha zaza zacwangciswa ngokwe-alfabethi, kunye nesiHlomelo A mazifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo engadlulanga uLwesihlanu we-20 Matshi 2009. Akukho zifom zingeniswe emva kwexesha ziya kwamkelwa.
9. Izikhokelo ngokumalunga nokumiselwa kwemigangatho, izibheno nokukhutshwa kwezatifikethi (standardisation, appeals and certification) zingafunyanwa kwiSetyhula 0027/2004 yaye mazifundwe kunye nolu xwebhu National Policy on the Conduct of the ABET Level 4 Examinations, olwanikwa amaziko emfundo yabadala karhulumente ngo-2002.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:06

"Entry form for June 2009"  (ubukhulu: 33 KB)
isiHlomelo A: "ABET LEVEL 4: Centre information"  (ubukhulu: 28 KB)

Government Gazette 23590 of 5 July, 2002: National Policy on the Conduct of the ABET Level 4 Examinations
(ubukhulu: 2 743 KB)