1. Le fom yebango iqhotyoshelwe apha (IsiHlomelo A) mayizaliswe nge-inki emnyama ngumgadi wabaviwa oyintloko ukwenzela yena kunye nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye, ogada abaviwa kwiziko lokubhalela iimviwo elithile. Inani leeseshoni malingqinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, nekufuneka ayisayine naye ifom yebango.
2. Malaziswe iSebe ngokubhalelwa ngalo naluphi na utshintsho kwidilesi yomgadi wabaviwa oluthe lwenzeka emva kokungenisa iifom zokutyumba.
3. Ziyacelwa iintolongo ezisebenzisa abagadi babaviwa abangengobasebenzi bazo ukuba zazise iSebe ngencwadi ebhaliweyo malunga naloo malungiselelo.
4. Abagadi babaviwa baya kuhlawulwa ngokweentlawulo zeSebe (Departmental tariffs). (Ezisenokutshintshwa) ezizezi:

Umgadi wabaviwa oyintloko    R114, 65 ngeseshoni
Umgadi wabaviwa oncedisayo R 76,45 ngeseshoni

Uyakhunjuzwa ukuba izikolo ezizimeleyo neekholeji luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo.

5. Xa kuhlawulwa abagadi babaviwa, iiseshoni zoviwo phambi kwentsimbi yeshumi elinambini, ziya kuthathwa njengeeseshoni zakusasa. Iiseshoni zoviwo eziqala emva kwentsimbi yeshumi elinambini zithathwa njeeseshoni zasemva kwemini.
6. Amabango afunyenwe ngenxa yokuba bekufakwe abanye abagadi babaviwa (replacement invigilators) aya kusingathwa kuphela xa ilandelwe ngokuchanekileyo inkqubo yokutyumba umntu nokuqeshwa kwakhe.
7. Kucelwa uqinisekise ukuba kuphela linani elimiselweyo (prescribed number) labagadi babaviwa abancedisayo ngeseshoni abanokusetyenziswa. Ileta enika inkcazo malunga noku mayihanjiswe nefom yebango xa kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo.
8. Uninzi lweenqununu sele luvumile ukuba iSebe lingazihlawula iintlawulo zabagadi babaviwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo zazo. Njengoko iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziya kuphela nge-4 Disemba 2009, aliyi kubanako iSebe ukuhlawula zonke iintlawulo kwii-akhawunti zebhanki phambi kokuba zivalwe izikolo nge-11 Disemba 2009. Iintlawulo ke ngoko ziya kufumaneka nge-10 nange-18 Disemba 2009 umhla wokugqibela wentlawulo si - 7 Januwari 2010. Ukwenzela ukuba kusingathwe kwangexesha amabango abagadi babaviwa, niyacelwa niqinisekise ukuba iifom zebango zifika kwiSebe ungadlulanga owe-4 Disemba 2009. Iifom zebango ezifunyenwe emva kwalo mhla ziya kuhlawulwa ngo Januwari 2010.
9. Ifom yebango ineekholam zabagadi babaviwa abaziintloko ababeze kwiiseshoni zoqeqesho ezinyanzelekileyo. Abenzi-mabango mabachaze umgama abawuhambileyo nokuba ngaba ngumgama ongaphakathi kwe-75 km okanye ngaphaya kwalo mgama (radius). Bangenza ibango leseshoni yoqeqesho enye kuphela ukuba bahamba kwi-75 km okanye eleeseshoni ezimbini ukuba bahamba umgama ongaphaya kwalo.
10. Abagadi babaviwa abazintloko abancedisileyo xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo eemviwo mababonise kumabango abo le nkonzo kwikholam efanelekileyo kwifom yebango. Bangenza ibango lentlawulo leseshoni enye kuphela ukongeza ukuba babencedisile ekutshekisheni imithwalo emi-5 yamaphepha emibuzo yeemviwo.
11. Ukwenzela ukulungiselela intlawulo ekhawulezileyo yamabango abagadi babaviwa, iifom zokwenza amabango ezizaliswe ngokupheleleyo, zingathunyelwa ngefeksi kule ofisi, kusetyenziswa inombolo yefeksi engu 021 461 5637 okanye 086 692 2242. Ukuba ukhetha ukuthumela ngefeksi ifom yebango, ifom yentsusa yebango ke ngoko, mayithunyelwe ngeposi kwiSebe. Umgadi wabaviwa oyintloko makagcine ikopi ezaliswe ngokupheleleyo yefom yebango ukulungiselela iinjongo zokugcina iirekhodi.
12. Ngokukhawuleza emva kweseshoni yokugqibela yoviwo kwiziko lakho, makuthunyelwe ikopi eyintsusa yefom yebango, ngeyona ndlela ikhawulezileyo kangangoko, nokuba kungeposi okanye ngenkonzo yekhuriya okanye ngesandla, kwenye yezi dilesi zilandelayo:

Postal address
Head: Education
For attention: Ms VB du Plessis/
Ms E du Toit    
Western Cape Education Department
Directorate: Examinations Administration    
Private Bag X9114
Cape Town
8000
  Street address
Head: Education
For attention: Ms VB du Plessis/
Ms E du Toit    
Western Cape Education Department
Directorate: Examinations Administration  
5th Floor - Room 515 A
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town
8001



ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:23


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).