1. Kucelwa ukuba iinqununu nabagadi babaviwa abaziintloko (chief invigilators) zithathele ingqalelo lo mgqaliselo wokuba utshintsho lwezifundo kwiindawo ekubhalelwa kuzo iimviwo ngexesha leemviwo zeSatifikethi sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) aluyi kuvunyelwa ngethuba kubhalwa ezi mviwo zizayo. I-NSC sisiqinisekiso seminyaka emithathu yaye sele kuqokelelwe amanqaku e-SBA ngabaviwa kunyaka wonke weBakala 12. Ukuvumela utshintsho lwezifundo kwiindawo zokubhalela iimviwo kuyinto, ke ngoko, echasene mpela nomgaqo-nkqubo nemimiselo ye-NSC.
2. ISebe i-WCED linike ixesha elaneleyo ngo-2009 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba uluhlu lwababhalisileyo luchanekile. Lonke utshintsho lwezifundo olwenzeke kwikota yokuqala luvunyiwe, zenziwa nezilungiso zokuqala nezesibini kwizintlu zokuqala (preliminary lists) zababhalisileyo zaza zalungiswa kwinkqubo yeemviwo. Emva kwala matyeli mathathu, akumelanga ukuba kubekho bhaliso lungachanekanga lomviwa kwisistim.
3. Kucelwa nazise abagadi babaviwa abaziintloko ngalo mgqaliselo. Nakuba kunjalo, ukuba kukho imeko evelayo ebangelwe lubhaliso olungachanekanga, iinqununu maziqhagamshelane neSebe i-WCED kwenye yezi nombolo zefoni:

Mr JL Molfert
Ms G Laguma
Ms L van Rensburg
Mr L van Gensen
021 467 2915
021 467 2913
021 467 2912
021 467 2976
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:30