1. INKQUBO EMAYILANDELWE YEZIKHALAZO KUNYE NEEKHOMENTI EZIPHATHELELE KUMAPHEPHA EMIBUZO
1.1 Kucelwa niqaphele ukuba zonke iikhomenti nezikhalazo eziphathelele kumaphepha emibuzo kazwelonke mazifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo zingadlulanga iintsuku ezimbini emva kokugqitywa ukubhalwa koviwo lweso sifundo esithile (lwezo zifundo zithile).
1.2 La malungiselelo ayimfuneko njengoko iiphaneli zabevi zamaphepha emibuzo kazwelonke zixoxa ngememorandam kwiintsuku ezintathu emva koviwo ngalunye. Inxaxheba ezinokuba nayo izikhalazo/iimpazamo kwinkqubo yokumakisha mayixoxwe ngokukhawuleza kangangoko ukuthintela ukuba abaviwa bangadlelwa indlala (being disadvantaged).
1.3 Ileta eya kwiCandelo loLawulo lweeMviwo mayingakhankanyi gama lesikolo, kuphela kube yinombolo yeziko lokubhalela ukwenzela ukulungiselela iSebe leMfundo likazwelonke.
1.4 Onke amaxwebhu afanelekileyo makangeniswe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ukuba aqwalaselwe ngulo Nksk MM Ludick apha mmludick@pgwc.gov.za okanye nguMnu CC Botman apha cbotman@pgwc.gov.za okanye athunyelwe ngefeksi apha (021) 461 5637.
2. UMGAQO OMAWULANDELWE WOKUSINGATHWA KWEZITENXO

Kwimeko yezitenxo zovavanyo eziye zaqatshelwa ngelixa kubhalwa iphepha lemibuzo, makusetyenziswe le nkqubo ilandelayo:

2.1 Umgadi wabaviwa makathathe incwadi yeempendulo yomviwa aze abhale "IRREGULARITY" ("ISITENXO") kumphandle weqweqwe elingaphezulu (outside cover page), kwakunye nohlobo lwesitenxo nomhla, ixesha kwanendawo esenzeke kuyo isitenxo eso.
2.2 La magama "Answer script confiscated on… at…. (time) (Incwadi yeempendulo eyohluthwe ngo …….… ngo- …… (ixesha)") makabhalwe kumphandle weqweqwe elingaphezulu ngombhalo ocacileyo.
2.3 Umgadi wabaviwa makathathele kuye naziphi izinto zokufunda ezingagunyaziswanga okanye ezibubungqina obunokumbambisa (unauthorised or incriminating material), ezinjengee-nowuthsi okanye nayo nayiphi na enye into, esetyenziswe ngokucacileyo okanye ngandlela yimbi nguye okanye ekumviwa enokuba isetyenziswe ekwenzeni oko kusisitenxo.
2.4 Ezo zinto zithathiweyo maziqhotyoshelwe kwincwadi yeempendulo eyohluthiweyo, nezithi ke ngoko zibe yipropathi yesebe lemfundo kwaye kungekho mviwa okanye mzali (bazali) okanye bagcini (guardians) banelungelo lokufuna ukuba mazibuyiswe.
2.5 Umgadi wabaviwa makanike ke ngoko umviwa incwadi yeempendulo entsha. Le ncwadi yeempendulo mayibhalwe kwakhona la magama "NEW ANSWER BOOK - REPLACES ANSWER BOOK CONFISCATED" ("INCWADI YEEMPENDULO ENTSHA - ITHATHA INDAWO YENCWADI YEEMPENDULO EYOHLUTHIWEYO") kunye nomhla nexesha lokukhutshwa kwayo.
2.6 Umviwa makaxelelwe ukuba into yokuba avunyelwe aqhubeke noviwo ayithethi kuthi unikwa uxolelo (condonation) ekwaphuleni kwakhe imithetho yoviwo, koko kuza kungeniswa ingxelo ebhaliweyo kumgadi wabaviwa oyintloko kwakugqitywa uviwo nokuba isiganeko eso siza kuxelwa kwiKomiti yePhondo yeZitenxo zeeMviwo (Provincial Examinations Irregularities Committee (PEIC)).
2.7 Umviwa makangaphindi abhale imibuzo asele eyigqibile kwincwadi yeempendulo entsha koko makaqhubeke kuphela nemibuzo aqalele apho ayekiswe khona ukubhala kwakuba kubhaqwe isitenxo.
2.8 Umgadi wabaviwa makangamniki naliphi na ixesha elongezelelweyo ukubuyisa ixesha elichithwe ngethuba lokubhaqwa nokusingathwa kwesitenxo eluviweni.
2.9 Emva kokuba abaviwa begqibile ukubhala uviwo oluchaphazelekayo, kufuneka umgadi wabaviwa, angenise ngaphandle kokulibazisa ingxelo epheleleyo ebhaliweyo kumgadi wabaviwa oyintloko ngokuphathelele kwisitenxo eso.
2.10 Emva kokuba kugqityiwe ukubhala uviwo oluchaphazelekayo, umviwa, makabuzwe ngesitenxo eso aze anikwe ithuba lokwenza ingxelo efungelweyo ebhaliweyo (written affidavit) okanye lokunika impendulo kwisityholo solwaphulo-mthetho.
2.11 Ukuba umviwa ochaphazelekayo uyala ukwenza ingxelo efungelweyo ebhaliweyo okanye ukunika impendulo, oku kwala kwakhe makungqinwe (confirmed) ngumgadi wabaviwa ngengxelo efungelweyo ebhaliweyo. Umviwa kufuneka asayine loo ngxelo ifungelweyo ibhaliweyo yenziwe ngumgadi wabaviwa.
2.12 Ukuba umviwa uyala ukuthobela ummiselwana 2.11, omnye umgadi wabaviwa osebenza kwelo ziko loviwo makanike ingxelo efungelweyo ebhaliweyo engqina ukwala komviwa ukwenza ingxelo efungelweyo ebhaliweyo.
2.13 Incwadi yeempendulo, nazo naziphi izinto ezibubungqina obunokumbambisa kunye nazo zonke iingxelo ezichaphazekayo mazingeniswe ngendlela eqhelekileyo ngokuthi zidlule kuqala kuMphathi weze-IMG ukuya kwisebe lemfundo ukuze ziqwalaselwe nguMlawuli weCandelo loLawulo lweeMviwo. Le fom Invigilators' Report Form yomgadi wabaviwa yokunika ingxelo ngezitenxo mayithunyelwe ngefeksi ukuba iqwalaselwe ngulo Nksk MM. Ludick kule nombolo 021 461 5637.
(Onke amaxwebhu ezitenxo afanelekileyo KUFUNEKA angeniswe njengoko amaxwebhu abubungqina obungaphelelanga aya kubangela ukulibaziseka kweziphumo zomviwa lowo.)
3. Kucelwa ufunde kwakhona umhlathi 12 (Izitenxo) nomhlathi 13 (Izikhalazo) weSikhokelo seeNqununu naBagadi baBaviwa sango-2009, (paragraph 12 (Irregularities) and paragraph 13 (Complaints) of the Procedure Manual for Principals and Invigilators) kunye neGazethi kaRhulumente Vol. 518, No 8944 ye-29 Agasti 2008 ngokumalunga nemiMiselo yokuQhutywa, uLawulo nokuPhathwa koVavanyo (Regulations for the Conduct, Administration and Management of Assessment).
4. Ziyabongozwa kakhulu iinqununu nabagadi babaviwa abaziintloko ukuba bancede baqinisekise ukuba le miyalelo ilapha ngasentla ilandelwa ngokuthe ngqo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:16