1. UKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI
1.1 Kuqhotyoshelwe apha iimakhishithi eziveliswe ngekhompyutha zovavanyo olwenzelwa esikolweni (school-based assessment (SBA)) zazo zonke izifundo, kwakunye nezintlu zokutshekisha (control lists) ezifanelekileyo. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba zizifumene zonke iimakhishithi ezifunekayo.
1.2 Qaphela ukuba kunikwe ikopi enye yemakhishithi ukuba uyizalise. Kubaluke gqitha ke ngoko ukuba isikolo senze iikopi zeemakhishiti ezimodareyithiweyo size sizigcine ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
1.3 Kucelwa uqinisekise ukuba zenziwe zagqitywa iimakhishithi zokumodareyitha kwaye zenziwa zifumaneke kubacebisi ngezekharityhulam ngosuku lokumodareyitha. Kufuneka ootitshala bezifundo bafake kuphela amanqaku angamodareyithwanga kwikholam ebhalwe "Mark"
1.4 Kuphela kusemva kokumodareyithwa kokugqibela kwesifundo ngasinye apho amanqaku amodareyithiweyo makakhutshelwe kwikholam ebhalwe "Mod" kwiimakhishithi ze-SBA ngumcebisi ngezekharityhulam.
1.5 Ukuba isikolo sakho sizifumene iimakhishithi eziveliswe ngekhompyutha ze-SBA emva kwenkqubo yokumodareyitha, makwenziwe amalungiselelo ayimfuneko nomcebisi ngezekharityhulam okuzaliswa kweemakhishithi.

2. UKUNIKWA KWAMANQAKU E-SBA

Makunikwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yakhe yoviwo ivelayo kwimakhishithi. Oku kukwasebenza nakubaviwa:

  • abagxothwayo okanye abanqunyanyiswe okwethutyana ekuyeni esikolweni;
  • abenze sicelo sokutshintsha iziko;
  • ebebengekho ithuba elide apha enyakeni;
  • ebebengekho ngosuku lokumodareyitha;
  • ababhalisele isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko umz. kwiziko lezobugcisa bokuzoba.

3. AMANQAKU ANGEKANGENISWA (ABAVIWA EBEBENGEKHO NABO BANGENAWO AMANQAKU E-SBA)
3.1 Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0014/2009 ukufumana ingcaciso ngabaviwa abangazanelisanga ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo ze-SBA.
3.2 Makugxininiswe oku kulandelayo ngokumalunga nokuzaliswa kweemakhishiti (IsiHlomelo A):
3.2.1 Ukuba umviwa akawenzanga konke konke amacandelo e-SBA, kodwa abe enike isizathu esibambekayo (but a valid reason was provided) bhala oku kwimakhishithi "999".

IZIPHUMO ZIKA "999":

  • Umviwa uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (nokuba ngaba ulibhalile iphepha lethiyori);
  • Umviwa ono-"999" uya kunikwa iinyanga zekhalenda ezi-3 emva kokuba zikhutshiwe iziphumo zeemviwo ukuba angenise amanqaku e-SBA. Ukungaphumeleli ukwenjenjalo kuya kubangela ukuba loo mviwa asiphinde sonke eso sifundo.
3.2.2 Ukuba umviwa akawenzanga konke konke amacandelo e-SBA, yaye kungekho sizathu sibambekayo asinikileyo (and no a valid reason was provided) bhala oku kwimakhishith "444". Loo mviwa uya kufumana iziphumo zoviwo ezingaphelelanga kwaye kufuneka asiphinde sonke eso sifundo.
3.2.3 Apho lungaboniswanga kwimakhishithi utshintsho lwesifundo oluvunyiweyo faka oku "888". kwikholam ebhalwe "Mark". Zalisa isiHlomelo B esitsha ngesifundo ngasinye.
3.2.4 Ukuba umviwa uwenzile onke amacandelo e-SBA, kodwa kuwo wonke umsebenzi awungenisileyo abe efumene ilize (naught), mnike 001 ngaloo msebenzi.

4. ABAFUNDI ABANEZITHINTELO KWINTETHO/EKUVENI NGEENDLEBE

Abaviwa abanezithintelo kwintetho kunye/okanye ekuveni ngeendlebe kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane umlinganiselo obalwe ngokususela (pro rata) kumanqaku abawafumene kumsebenzi wabo obhalwayo weemviwo zikaJuni nezikaSeptemba 2009.


5. UXANDUVA LWEENQUNUNU NGOKUMALUNGA NOKUZALISWA KWEEMAKHISHITHI

Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba bonke abaviwa beSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kwizikolo zabo bayawanikwa amanqaku e-SBA ayimfuneko.


6. UMHLA WOKUBUYISWA KWAMAXWEBHU

Mabancede abaququzeleli bovavanyo baqinisekise ukuba zonke iimakhishithi ezizalisiweyo zifika kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-30 Okthobha 2009.


7. AMANQAKU E-SBA AYENGAZANGE ANGENISWE (OUTSTANDING SBA MARK)

Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zingabathumeli abaviwa abangenamanqaku e-SBA ngqo kwiSebe leMfundo emva kokuphuma kweziphumo. Inkqubo echanekileyo kukuba kuyiwe kwiSebe ngokudlula kuqala kumcebisi wezekharityhulam ochaphazelekayo we-ofisi yeso sisithili semfundo.



ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:17

isiHlomelo A: Example of Mark Sheet  (ubukhulu: 38 KB)
isiHlomelo A: Subject Changes or New Entries  (ubukhulu: 10 KB)