1. Kucelwa niqaphele ukuba amaSebe eMfundo amaPhondo (PED's) ayexelelwe ngu-Umalusi ukuba kulindeleke ukuprintwa kwazo zonke izatifikethi zeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kugqitywe ekupheleni kuka-Agasti 2009 ngenxa yotshintsho kwifomathi yezi zatifikethi. Ngako oko ke, ezi zatifikethi ziya kuthunyelwa ezikolweni ekupheleni kukaSeptemba 2009 ngenjongo yokuba zithathwe ngabafundi.
2. ISebe iWCED licela uxolo ngokulibaziseka kwazo.
3. Kucelwa ukuba iinqununu zazise le ngcaciso wonke umntu ochaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:17