1. UKUGAYWA NOKUQESHWA KWABAGADI BABAVIWA

Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bancede bagaye abantu abafanelekileyo kubahlali njengabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo ukulungiselela uvavanyo oluchazwe apha ngentla.

Amagama abatyunjiweyo abo bonke abagadi babaviwa makabhalwe kwisiHlomelo A (ifom etyheli), nemasingeniswe ngokukhawuleza kumphathi weze-IMG. Umphathi weze-IMG makawavume loo magama abatyunjiweyo ungadlulanga owe-3 Septemba 2009, aze alungenise uluhlu lokugqibela lwabatyunjiweyo kwiSebe. Uluhlu lokugqibela malufike kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ungadlulanga uMvulo, we-14 Septemba 2009.

Uluhlu lwamagama abatyunjiweyo maluhanjiswe kunye nekopi engqiniweyo yesazisi kunye nezona rekhodi zakutshanje zamabanga emfundo aphunyelelweyo zomtyunjwa ngamnye.

Xa kutyunjwa abagadi babaviwa abaziintloko, makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo.

1.1 Umphathi weze-IMG makenze udliwano-ndlebe nomntu ngamnye otyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko.
1.2 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ngokumalunga nokwazi kwakhe ukufunda, ukubhala nokubona, kwakunye nemeko yobume bempilo yakhe.
1.3 Umphathi weze-IMG makaqiniseke ukuba ngaba abantu abatyunjwe njengagadi babaviwa abaziintloko bakwazimisele na ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko nakuVavanyo lwe-ABET Level 4 (NQF 1) lwangoJuni 2010.
1.4 Nangona kunjalo, mayigxininiswe ngokucace gca kubagadi babaviwa abaziintloko into yokuba, xa umntu aye wavuma ukuba aqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko ngoJuni 2010 baya kusibamba nkqi eso sigqibo.
1.5 Abantu abenze izicelo okanye abatyunjiweyo abenze izicelo kwizithuba ezisisigxina kwezinye iindawo, kukhethwa ukuba bangaqwalaselwa ngenjongo yokuqeshwa kwezi zithuba zengqesho.
2. UKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO
2.1 IsiHlomelo B (ifom eluhlaza okwengca - Ukutyunjwa kwabagadi babaviwa abaziintloko) masizaliswe ngokupheleleyo size sisayinwe ngumphathi weziko ize ikopi igqithiswe ngoko nangoko kumntu otyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa komgadi wabaviwa oyintloko inemiyalelo ebaluleke gqitha. Ikopi engqiniweyo yesazisi yomtyunjwa kwakunye nerekhodi yamabanga emfundo aphunyelelweyo (iBakala 12 ubuncinane) mayiqhotyoshelwe kwisiHlomelo B.
2.2 Ngethuba lodliwano-ndlebe nomgadi wabaviwa oyintloko, umphathi weze-IMG, emva kokuba anelisekile ukuba umgadi wabaviwa oyintloko otyunjiweyo unako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makanike umtyunjwa isiHlomelo C (ifom epinki) ukuba asizalise. Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayisayinwe ngumphathi weze-IMG.
3. UKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABANCEDISAYO

Umphathi weziko makatsho ukuba umtyunjwa ngamnye ufanelekile ukuba enze imisebenzi yakhe yokuba ngumgadi wabaviwa oncedisayo, ekuya kuthi emva koko umphathi weze-IMG abonise ukuba ngaba ukutyunjwa komntu ngamnye kwamkelekile na. Makuzaliswe IsiHlomelo D (ifom eblowu) size sisayinwe nguye ngamnye umgadi wabaviwa oncedisayo ovunyiweyo.

4. IMVUMELWANO YOKWENZA INKONZO

Bonke abagadi babaviwa abaziintloko nabancedisayo mabazilungiselele ukungena kwimvumelwno yokwenza inkonzo (service contract) kunye neWCED ngokumalunga nemisebenzi yabo noxanduva lwabo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. Le mvumelwano iya kuba semthethweni ngethuba leemviwo zango-Oktobha 2009, nangoJuni 2010.

5. UKUNGENISWA KWEEFOM ZOKUTYUMBA
5.1 Zakuba zigqityiwe ukuzaliswa, iziHlomelo A, B, C, D, E no-F umphathi weze-IMG makazingenise ngoko nangoko kwiCandelo loLawulo lweeMviwo. Ezi fom mazifike kwiSebe ungekadluli uMvulo we-14 Septemba 2009 kwaye mazibhalwe oku: For attention by: Mr C Slee, Room 529, WCED Head Office.
5.2 Qaphela: Ukuze kuthintelwe ukulibaziseka okungeyomfuneko kwinkqubo yokuqeshwa kwabo, abaphathi beze-IMG mabaqinisekise ukuba zonke iifom ezizalisiweyo zithunyelwa kwiSebe kunye zingahlukaniswanga.
5.3 Qaphela: Akukho mntu osithuba sakhe singavunywanga ngumphathi weze-IMG ofanelekileyo, unokwenza imisebenzi yokuba ngumgadi wabaviwa. Abagadi babaviwa abanako, naphantsi kwazo naziphi na iimeko, ukutyumba abantu bokubabambela nakowuphi na umsebenzi wabo okanye inxenye yawo. Ukuba kukho iimeko ezithintela umgadi wabaviwa oyintloko okanye umgadi wabaviwa oncedisayo ekubeni asuphavayize uvavanyo, makuqeshwe ibambela ngumphathi weziko, ngokubhungisana nomphathi weze-IMG, yaye iSebe i-WCED malaziswe ngoko nangoko malunga nolu tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ezabo iinkcukacha zokubhankisha kwifom esisiHlomelo E.
6. IIKHRAYITHERIYA ZOKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA
6.1 Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho namnye umntu omakaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko okanye njengomgadi wabaviwa oncedisayo ukuba:
6.1.1 ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala;
6.1.2 usisizalwane somfundi ovavanywayo;
6.1.3 ungumququzeleli olungiselela abafundi uvavanyo;
6.1.4 wenza nantoni na enxulumene nabasebenzi beziko lemfundo labadala (ALC), elithile, okanye;
6.1.5 uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi wabaviwa oyintloko.
6.2 Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 kwiseshoni yovavanyo, iSebe i-WCED lizimisele ukuqesha umgadi wabaviwa oncedisayo omnye ngabaviwa abayi-30 abongezelelweyo okanye inxenye yeli nani kuloo seshoni, okanye umgadi wabaviwa oncedisayo omnye kwigumbi ekubhalela kulo abaviwa, ngokuxhomekeka ekubeni onke amagumbi asetyenziswa ngokupheleleyo phambi kokuba kusetyenziswe elinye igumbi lokongezelela.
6.3 Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini abona bambalwa) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi eqhelekileyo yokugada abaviwa, ngaphandle kokubambela umgadi wabaviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa ovunyelwe ukuba aphume kwigumbi lovavanyo ngenxa yemfuno engxamisekileyo.
6.4 Apho kukho iimvavanyo zethiyori nezeprakhthikhali (theory and practical assessments) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi wabaviwa oncedisayo.
6.5 Apho kufuneka iinkonzo zabagadi babaviwa ababini nangaphezulu ngeseshoni apho kukho amagumbi amabini nangaphezulu asetyenziswa ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa.
6.6 Abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo kufuneka babe namabanga emfundo ubuncinane yeBakala 12. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza izizathu sokutyunjwa kwalowo.
6.7 Apho bonke abaviwa ingabantu ababhinqileyo, umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo mababe ngabantu ababhinqileyo. Apho abaviwa bezizo zozibini izini, ababhinqileyo namadoda, aze umgadi wabaviwa oyintloko abe yindoda, umgadi wabaviwa oncedisayo omnye ubuncinane, makabe ngumntu obhinqileyo, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu obhinqileyo, umgadi wabaviwa oncedisayo omnye makabe yindoda.
6.8 Imizekelo yamanani abagadi babaviwa abanokutyunjwa unikwe apha ngezantsi:

INANI LABAVIWA INANI LABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO INANI LABAGADI BABAVIWA ABANCEDISAYO
2 1 1
30 1 1
31 1 2

ICandelo loLawulo lweeMviwo malaziswe ngabagadi babaviwa abongezelelweyo abathe basetyenziswa. (Jonga kule theyibhile ilapha ngasentla)

7. IMISEBENZI YOMGADI WABAVIWA OYINTLOKO NOMGADI WABAVIWA ONCEDISAYO
7.1 Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo ikwisiHlomelo A na B seemvumelwano zokwenza iinkonzo zabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo. Le misebenzi mayenziwe ngokwanelisayo ngethuba lokuqhutywa kovavanyo.
7.2 Abagadi babaviwa abaziintloko mabaye kuqeqesho lokugada abaviwa olwenziwa yi-WCED.
7.3 Abaphathi bamaziko mabaqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa abancedisayo baqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba bavunyelwe ukuba bangene kwindawo yokubhalela iimvavanyo. Bonke abagadi babaviwa mabasayine irejista yokubakho (attendance register), bengqina ukuba balufumene uqeqesho oluyimfuneko.
7.4 Abagadi babaviwa mangabashiyi abaviwa bengagadwanga ngethuba leseshoni yovavanyo.
7.5 Abagadi babaviwa mabangabancedisi abaviwa nakweziphi na izenzo ezitenxileyo ngethuba lokuqhutywa kovavanyo. ISebe iWCED aliyi kuthandabuza ukubeka ityala lolwaphulo-mthetho nawuphi na umgadi wabaviwa ofunyenwe enetyala lokuba negalelo kwisitenxo (irregularity).
7.6 Umgadi wabaviwa oyintloko makancedise umphathi weziko ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yeemviwo efunyenweyo. Yena uya kuhlawulelwa kuphela iseshoni enye eyongezelelweyo ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lemithwalo okanye mgama uhanjiweyo ukuze abekho xa kwamkelwa naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo yeemviwo.
7.7 Umgadi wabaviwa oyintloko makancedise kwakhona umphathi weziko lokubhalela uviwo malunga nokugcinwa kwerejista emayisayinwe ngumphathi weziko lokubhalela uviwo, yintloko yesifundo nangumgadi wabaviwa oyintloko xa kukhutshwa iseti yamaphepha emibuzo yoviwo kwigumbi elinqatyisiweyo.
7.8 Umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa abancedisayo abaqeshiweyo mabagcine izazisi zabo neemvumelwano zokwenza inkonzo kubo ngethuba lokuqhutywa kweemvavanyo.
7.9 Phambi kokuqala kweemvavanyo, umgadi wabaviwa ngamnye makaqinisekise ukuba indawo yokubhalela iimvavanyo ikufanele ukuqhutywa kweemvavanyo.
8. UQEQESHO LWABAGADI BABAVIWA
8.1 Umgadi wabaviwa oyintloko makaxelelwe ukuba unyanzelekile ukuba aye kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi babaviwa.
8.2 Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama oyi-75km ukusuka kwiziko lemfundo yabadala (ALC) okanye kwiziko apho uqeqesho luya kuqhubeka khona, baya kuhlawulelwa iseshoni enye eyongezelelweyo.
8.3 Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama ongaphezulu komgama oyi-75km ukusuka kwi-ALC okanye kwiziko loqeqesho baya kuhlawulelwa iiseshoni ezimbini ezongezelelweyo.
8.4 Abagadi babaviwa abancedisayo abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo zokuya kwiiseshoni zoqeqesho ezimbini.
9. UKUHLAWULWA KWABAGADI BABAVIWA
9.1 ISebe i-WCED liya kuqesha lize lihlawule abagadi babaviwa ngokweMigaqo yoLawulo yaBasebenzi (Personal Administration Measures (PAM)).
9.2 Abasebenzi abakwiintolongo abasebenza njengabagadi babaviwa kuvavanyo lwe-ABET Level 4 abafumani ntlawulo yongezelelweyo. Ukuba abagadi babaviwa entolongweni abaqeshwanga ngokusisigxina kwinkonzo yeentolongo, makwaziswe iSebe i-WCED ngokulibhalela ileta.
9.3 Oomabhalane nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe leMfundo nabenza inkonzo yokuba ngabagadi babaviwa abayi kuhlawulwa liSebe ngenxa yemisebenzi yokugada abaviwa abayenzileyo.
9.4 Intlawulo ekhoyo njengangoku yokugada abaviwa ngeseshoni yi-R114,65 kumgadi wabaviwa oyintloko ibe yi-R76,45 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oncedisayo. (Nakuba kunjalo ezi ntlawulo zinokutshintsha).
9.5 ABAYI KUHLAWULWA ABAGADI BABAVIWA IINDLEKO ZOHAMBO PHANTSI KWAZO NAZIPHI NA IIMEKO.
(Ngako oko ke, abaphathi bamaziko mabaqeshe abagadi babaviwa abakufutshane apho ekuhlaleni (immediate community) ebenzelwa inkonzo lelo ziko).
9.6 Xa umntu esenza umsebenzi wokugada abaviwa ngexesha leseshoni enye ekubhalwa ngayo zombini iimvavanyo, olwe-ABET Level 4 nolweMatriki, makangenise ibango lokuhlawulwa ngeseshoni enye kuphela.
9.7 QAPHELA. Imimiselo emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa (IRP 10) imisela ukuba yonke imivuzo yabantu kwizithuba zengqesho ezingesosigxina, kufanele ukuba ixhuzulwe irhafu eyi-25%. ISebe i-WCED liya kuthi ke ngoko lixhuzule i-25% kwintlawulo yomgadi wabaviwa ngamnye. Ngoko ke, ukungeniswa komyalelo wokuxhuzulwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3) awusasebenzi. Abagadi babaviwa abafanele ukuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi, emva kokufumana izatifikethi zabo ze-IRP5 (iinkcukacha zentlawulo yerhafu exhuzulelwa ingeniso) kwiSebe i-WCED, bazingenise kwi-ofisi ye-SA Revenue Services echaphazelekayo kunye nale fom emiselweyo IT I2 S Form.

Izatifikethi ze-IRP5 zidla ngokuthunyelwa ngeposi kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zabo zeposi ngoMeyi nangoJuni kunyaka olandela ithuba lokugada kwabo abaviwa.

IMIZEKELO:

  Inani leeseshoni Iintlawulo Isixa esipheleleyo Irhafu (Minus 25%) Isixa asifumanayo kwakutsalwa irhafu
Umgadi wabaviwa oyintloko 12 R 114,65 R 1375,80 R 343,95 R 1031,85
Umgadi wabaviwa oncedisayo 12 R 76,45 R 917,40 R 229,35 R 688,05
9.8 Ziyacelwa iintloko zeentolongo ukuba ziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzaliswa kweefom zokwamkela ukuqeshwa (acceptance forms) (IziHlomelo C no-D) kwaye kufuneka ezi fom zibuyiselwe kwiSebe i-WCED.
9.9 Ukuze kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi (ID document).
9.10 IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabo batyunjwe namaziko angayi kubanako ukuncedisa kwintlawulo yabagadi babaviwa. Le fom mayizaliswe ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye ne-akhawunti yebhanki mayingqinwe njengesasebenzayo yiloo bhanki ichaphazelekayo. Mayigxininiswe kwakhona into yokuba, kunyanzelekile ukuba bonke abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo babenee-akhawunti zebhanki ukulungiselela ukwenza lula intlawulo yabo. Akusayi kukhutshwa zitshekhi
10. INDAWO YOKUBHALELA ABAVIWA
10.1 Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala kovavanyo, umgadi wabaviwa oyintloko, ngokubhungisana nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela abaviwa efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa ababhalisele uviwo.
10.2 Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo khon' ukuze kuthintelwe naziphi na izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Iholo yesikolo kunye/okanye iiklasi ezininzi kangangoko kuyimfuneko, mazibe kwimeko efanelekileyo yosetyenziso ukulungiselela ukubekwa kweedesika neetafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa:
  • Isithuba esiyi-150 cm macala omabini edesika okanye etafile
  • Isithuba esiyi-120cm ngaphambili nangasemva kwedesika okanye kwetafile
10.3 Umphathi weze-IMG makatyelele amaziko ovavanyo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba ngaba wenziwe na lo myalelo phambi kokuqala kovavanyo.
11. IMISEBENZI YOMPHATHI WEZIKO
11.1 Uxanduva lokuphendula malunga nolawulo olufanelekileyo lweemviwo luzinze emagxeni omphathi welo ziko kubhalelwa kulo iimviwo.
11.2 Umphathi weziko makaqinisekise ukuba amaphepha emibuzo akhuselekile kwaye agcinwa ngokulandelelana kwawo kwigumbi elinqatyisiweyo, nokuba iindawo zokubhalela iimviwo zifanelekile nokuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo baqeqeshwe ngokufanelekileyo.
11.3 Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bancede baqinisekise, ngokubhungisana nomphathi weze-IMG, ukuba kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo ukwenzela ukuba abaviwa bangaphazanyiswa ngethuba leeseshoni zovavanyo.
12. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:10

Isihlomelo A: "Nomination List: Chief & Assistant Invigilators"  (ubukhulu: 53 KB)
Isihlomelo A: Imisebenzi eyimfanelo yomgadi wabaviwa oyintloko  (ubukhulu: 51 KB)
Isihlomelo B: "Nomination of Chief Invigilator"  (ubukhulu: 56 KB)
Isihlomelo B: IMIMISELO NEMIQATHANGO YABAGADI BABAVIWA  (ubukhulu: 41 KB)
Isihlomelo C: "Appointment of Chief Invigilator"  (ubukhulu: 58 KB)
Isihlomelo D: "Assistant Invigilator’s Appointment"  (ubukhulu: 58 KB)
Isihlomelo E: "BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 38 KB)
Isihlomelo F: IMVUMELWANO YENGQESHO YETHUTYANA  (ubukhulu: 38 KB)