1. Kucelwa ukuba ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo 0035/2008 yange-17 Novemba 2008.
2. Kucelwa uqaphele ukuba ezi mvavanyo zinyanzelekileyo kubo bonke abafundi beBakala 9 kwizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. Aba bafundi baya kubhala iimvavanyo ezimbini ezibude buyimizuzu engama-90, olunye nge-9 Matshi 2009 luze olunye lube nge-11 Matshi 2009.
3. Ngako oko ke, uyacelwa kwakhona ukuba uhlaziye idatha yabafundi bakho beBakala 9 kwi-CEMIS ungekadluli umhla we-30 Januwari 2009.
4. Kuphela ngabafundi ababhaliswe kwiCEMIS njengoko baya kuba bebhalisiwe nge-30 Januwari 2009 abaya kufumana amaphepha eemvavanyo, naya kuba ebhalwe kuphela ngolwimi lokufundisa njengoko lubonisiwe.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-CD BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:30