1. UKUGAYWA NOKUQESHWA KWABAGADI BABAVIWA

Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bagaye abantu abafanelekileyo abangabahlali njengabagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo ukulungiselela ezi mviwo zichazwe apha ngasentla.

Amagama abo bonke abo bagadi babaviwa batyunjiweyo, makabhalwe kwisiHlomelo A (kwifom etyheli (yellow form), nekufuneka ingeniswe ngokukhawuleza kumphathi weze-IMG. Umphathi weze-IMG makawavume loo magama atyunjiweyo aze angenise uluhlu lokugqibela lwamagama kwiSebe leMfundo ungadlulanga owe-25 Juni 2009.

Uluhlu lwabantu abatyunjiweyo maluhanjiswe nekopi engqiniweyo yesazisi nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (most recent academic record) (iBakala 12 ubuncinane) kumntu ngamnye otyunjiweyo.

Xa kutyunjwa abagadi babaviwa abaziintloko, makuthathelwe ingqalelo le miba ilandelayo:
1.1 Umphathi weze-IMG makaqhube udliwano-ndlebe buqu kunye naloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko.
1.2 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ngezakhono zabatyunjwa zokwazi ukufunda, ukubhala, zokuva ncam nokubona kakuhle kwakunye nemeko yempilo yabo.
1.3 Umphathi weze-IMG makaqinisekise ukuba abantu abatyunjwe njengabagadi babaviwa abaziintloko bazimisele ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko kwiiMviwo zeNSC zokuXabangela zangoMatshi2010, nezeMatriki zangoMeyi/Juni 2010 ukuba ngaba iinkonzo zabo ziye zafuneka.
1.4 Nakuba kunjalo, mayigxininiswe kubagadi babaviwa abaziintloko into yokuba, xa bezibophelela ukusebenza njengabagadi babaviwa abaziintloko ngoMatshi 2010, nangoMeyi/Juni 2010, mabasibambe eso sigqibo.
1.5 Kukhethwa ukuba abenzi-sicelo okanye abatyunjwa abafake izicelo kwizithuba zengqesho ezisisigxina kwezinye iindawo, bangaqwalaselwa ngenjongo yokuba baqeshwe.

2. UKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO
2.1 IsiHlomela B (ifom eluhlaza yaka - Ukutyunjwa kwaBagadi baBaviwa abaziintloko) mayizaliswe ize isayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko ukuze ikopi igqithiswe ngokukhawuleza kuloo mntu utyunjwe njengomgadi wabaviwa. Le leta yokutyunjwa inemiyalelo ebaluleke gqitha. Ikopi engqiniweyo yesazisi somtyunjwa nerekhodi yezifundo ezipasiweyo yakutshanje (iBakala 12 ubuncinane) maziqhotyoshelwe kwisiHlomelo B.
2.2 Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi wabaviwa otyunjiweyo, umphathi weze-IMG, emva kokuzanelisa ngokuba umntu otyunijweyo ngofanelekileyo nonako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makamnike isiHlomelo C (ifom epinki) lowo utyunjiweyo ukuba asizalise, emva koko kufuneka ifom leyo isayinwe kwakhona ngumphathi weze-IMG.

3. UKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA ABANCEDISAYO

Inqununu okanye umphathi weziko makamngqine umtyunjwa ukuba ngofanelekileyo (makabangqine abatyunjwa ukuba ngabafanelekileyo) ukwenza loo misebenzi yomgadi wabaviwa oncedisayo (yabagadi babaviwa abancedisayo), ekuya kuthi emva koko umphathi weze-IMG abonise ukuba ngaba ukuqeshwa komtyunjwa (kwabatyunjwa) kuya kwamkeleka na. Kufuneka emva koko kuzaliswe isiHlomelo D (ifom eblowu) size sisayinwe ngumgadi wabaviwa oncedisayo (ngabagadi babaviwa abancedisayo).
4. IMVUMELWANO YOKWENZA INKONZO

Bonke abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo mabazilungiselele ukuba baza kungena kwimvumelwano yokwenza inkonzo neWCED ngokumalunga nemisebenzi yabo neemfanelo zabo (responsibilities) ngethuba lokuqhutywa kweemviwo. Imvumelwano iya kusebenza ngokusemthethweni (will be valid) ngethuba leemviwo zikaNovemba/Disemba 2009, Februwari/Matshi 2010 noMeyi/Juni 2010.
5. UKUNGENISWA KWEEFOM ZOKUTYUMBA
5.1 Emva kokuzaliswa, umphathi weze-IMG makangenise ngokukhawuleza iziHlomelo A, B, C, D, E no-F kwiCandelo loLawulo lweeMviwo. Ezi fom mazifike kwiSebe leMfundo ungadlulanga owe-25 Juni 2009 kwaye mazibhalwe oku "For attention: Ms E du Toit".
5.2 Qaphela: Ukwenzela ukuthintela ukulibaziseka okungeyomfuneko kwinkqubo yokuqesha, mabancede abaphathi beze-IMG baqinisekise ukuba zonke iifom zithunyelwa kunye kwiSebe yaye zingahlukaniswa.
5.3 Qaphela: Akukho mntu ukuqeshwa kwakhe kungekavunywa ngumphathi weze-IMG makenze imisebenzi njengomgadi wabaviwa. Abagadi babaviwa mabangaze, naphantsi kwazo naziphi na iimeko, baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi na inxenye yomsebenzi wabo. Ukuba iimeko azimvumeli umgadi wabaviwa oyintloko okanye umgadi wabaviwa oncedisayo ukuba asuphavayize uviwo, ukuqeshwa kwebambela kufuneka kwenziwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, ngokucebisana nomphathi weze-IMG kwaye malaziswe iSebe leMfundo ngoko nangoko ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zeebhanki zabo kwifom yesiHlomelo E.

6. IIKHRAYITHERIYA ZOKUTYUNJWA KWABAGADI BABAVIWA
6.1 Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho mntu makaqeshwe njengomgadi wabaviwa oyintloko okanye njengomgadi wabaviwa oncedisayo ukuba:
6.1.1 ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala;
6.1.2 usisizalwane somfundi obhala iimviwo;
6.1.3 ungutitshala ofundisa esikolweni okanye ngutitshala olungiselela abaviwa iimviwo nokuba zeziphi na;
6.1.4 wenza nantoni na enxulumene nootitshala nabasebenzi besikolo okanye behostele ekuhlala kuyo abafundi besikolo esithile; okanye;
6.1.5 uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi wabaviwa oyintloko.

6.2 Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 kwiseshoni yoviwo, iSebe i-WCED lizimisele ukuqesha umgadi wabaviwa omnye kubaviwa abayi-30 okanye inxalenye yeli nani kuloo seshoni, okanye umgadi wabaviwa oncedisayo omnye kwigumbi ngalinye ekubhalela kulo abafundi, ngokuxhomekeka ekubeni onke amagumbi asetyenziswe ngokupheleleyo azala phambi kokuba kusetyenziswe igumbi elongezelelweyo.
6.3 Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini lelona nani lisezantsi) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa ovunyelwe ukuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yesizathu esingxamisekileyo.
6.4 Apho kwenziwa iimviwo zethiyori nezeprakhthikhali (theory and practical examinations) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi wabaviwa oncedisayo.
6.5 Xa kufuneka iinkonzo zabagadi babaviwa ababini nangaphezulu ngeseshoni apho kusetyenziswa amagumbi amabini nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa.
6.6 Abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo kufuneka babe namabanga emfundo ubuncinane yeBakala 12. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwalowo.
6.7 Apho bonke abaviwa ingabantu ababhinqileyo umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo, mababe ngabantu ababhinqileyo. Apho abaviwa ingamadoda nababhinqileyo, aze umgadi wabaviwa oyintloko abe yindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu obhinqileyo, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu obhinqileyo, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa abancedisayo makabe ngumntu oyindoda.
6.8 Umzekelo wenani labagadi babaviwa abanokuqeshwa liboniswe apha ngasezantsi:

INANI LABAVIWA INANI LABAGADI BABAVIWA ABAZIINTLOKO INANI LABAGADI BABAVIWA ABANCEDISAYO
2 1 1
30 1 1
31 1 2

ICandelo loLawulo lweeMviwo malaziswe xa kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo (Jonga itheyibhile engentla)

7. IMISEBENZI YOMGADI WABAVIWA OYINTLOKO NOMGADI WABAVIWA ONCEDISAYO
7.1 Imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo ikwisiHlomelo A semvumelwano yokwenza inkonzo yabagadi babaviwa nabagadi babaviwa abancedisayo. Le misebenzi mayenziwe ngokwanelisayo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo.
7.2 Abagadi babaviwa abaziintloko mabeze kuqeqesho lokugada abaviwa lweSebe iWCED.
7.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwe ngokufanelekileyo phambi kokuba bavunyelwe ukuba bangene kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo. Bonke abagadi babaviwa abancedisayo mabasayine irejista yokubakho engqina ukuba balufumene uqeqesho oluyimfuneko.
7.4 Abagadi babaviwa mabangabashiyi abaviwa bengagadwanga (unsupervised) ngethuba lokuqhutywa kweseshoni yoviwo.
7.5 Abagadi babaviwa mabangabancedi abaviwa kuzo naziphina izinto ezizitenxo ngethuba lokuqhutywa koviwo. ISebe iWCED aliyi kuthandabuza ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho ngakumgadi wabaviwa ofunyenwe enetyala lokuncedisa kwisitenxo.
7.6 Umgadi wabaviwa oyintloko makancedise inqununu ekutshekisheni yonke imithwalo yamaphepha emibuzo yeemviwo efikileyo. Uya kuhlawulelwa kuphela iseshoni eyongezelelweyo enye ngalo msebenzi, kungakhathaliseki nani lamithwalo okanye mgama ohanjiweyo ukuze abekho xa kufika naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo yeemviwo.
7.7 Umgadi wabaviwa oyintloko makancedise kwakhona inqununu ekugcineni irejista ekufuneka isayinwe yinqununu, yintloko yesifundo nomgadi wabaviwa oyintloko xa kuza kukukhutshwa isethi yamaphepha emibuzo yeemviwo kwigumbi elinqatyisiweyo.
7.8 Abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo abatyunjiweyo mababe nezazisi neemvumelwano zabo apho kubo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo.
7.9 Phambi kokuqala kweemviwo umgadi wabaviwa oyintloko ngamnye makaqinisekise ukuba indawo ekubhalelwa kuyo uviwo ilungiselelwe ngokufanelekileyo ukuqhutywa kweemviwo.

8. UKUQEQESHWA KWABAGADI BABAVIWA
8.1 Umgadi wabaviwa oyintloko makaxelelwe ukuba unyanzelekile ukuba aye kwiiseshoni zoqeqesho lwabagadi babaviwa.
8.2 Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama owela ngaphakathi kwama-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko ekuya kuqhubekela kulo uqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeseshoni enye eyongezelelweyo ngenxa yokuya kuqeqesho.
8.3 Abagadi babaviwa abaziintloko abahlala kumgama ongaphezulu kwama-75 km ukusuka kwiziko loqeqesho, baya kuhlawulwa imali yeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo.
8.4 Abahlawulwa abagadi babaviwa abancedisayo ngokuya kwiiseshoni zoqeqesho.

9. UKUHLAWULLWA KWABAGADI BABAVIWA
9.1 ISebe iWCED liya kutyumba lize lihlawule abagadi babaviwa ngokungqinelana ne-Personnel Administration Measures.
9.2 Izikolo ezizimeleyo neekholeji luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo. Nangona abagadi babaviwa bezikolo ezizimeleyo bengahlawulwa liSebe iWCED, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji neentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iifom zokuvuma ukutyunjwa (IziHlomelo C no-D) zize zizibuyisele kwiSebe.
9.3 Abagadi babaviwa abaziintloko bezikolo ezizimeleyo neekholeji mabafake iifom zabo zamabango okugada abaviwa kwinqununu okanye kumphathi weziko, noya kulungiselela intlawulo yabo. Abasebenzi abasezintolongweni abasebenza njengabagadi babaviwa kwiiMviwo zeMatriki abafumani ntlawulo yongezelelweyo. Ukuba abagadi babaviwa ezintolongweni abaqeshwanga kwinkonzo yeentolongweni, malaziswe ke ngoko iSebe i-WCED ngokubhalelwa ileta.
9.4 Abasebenzi abangoomabhalane nootitshala abafumana umvuzo kwiSebe nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa liSebe ngenxa yemisebenzi yabo yokugada abaviwa.
9.5 Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa njengangoku yi-R114,65 ngeshoni kumgadi wabaviwa oyintloko ize ibe yi-R76,45 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oncedisayo (Iintlawulo zingatshintsha).
9.6 ABAGADI BABAVIWA ABAYI KUHLAWULWA NAPHANTSI KWAZO NAZIPHI NA IIMEKO NGEENDLEKO ZEHAMBO. (Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke mabaqeshe abagadi babaviwa kubahlali abakufutshane abafumana iinkonzo kweso sikolo/kwelo ziko).
9.7 Qaphela: Imimiselo (IRP 10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu kwizithuba zengqesho ezingesosigxina, ifanele ukuxhuzulwa irhafu eyi-25%. Eli sebe liya kuthi ke ngoko lixhuzule i-25% kwintlawulo yomgadi wabaviwa ngamnye ngeenkonzo azenzileyo. Ngako oko ke, ukungeniswa komyalelo wokutsalwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3) awusasebenzi. Abagadi babaviwa abafanele kuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi bakufumana izatifikethi ze- IRP 5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yengeniso kwiSebe), bazingenise kwi-ofisi yabo ye-Receiver of Revenue yendawo yabo kwakunye nefom emiselweyo u-IT 12 S.

Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngethuba likaMeyi-Juni kunyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo.

IMIZEKELO

  Inani leeseshoni Intlawulo Intlawulo engekaxhuzu-lwa rhafu Irhafu Intlawulo exhuzulwe irhafu
Umgadi wabaviwa oyiNtloko 12 R114,95 R1375,80 R343,75 R1032,05
Umgadi wabaviwa oncedisayo 12 R76,45 R917,40 R229,35 R688,05
9.8 Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ngamnye umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe.
9.9 IsiHlomelo E masizaliswe kuphela ngabatyunjwa bezikolo ezingayi kubanako ukuncedisa kwintlawulo yabagadi babaviwa bawo. Makuzaliswe ifom ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki ingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo.
9.10 Apho inqununu zazivumile ngo-2008 ukuba iintlawulo zabagadi babaviwa zidipozithwe kwi-akhawunti yebhanki yesikolo, kuya kulandelwa kwaloo nkqubo ifanayo nango-2009 ngaphandle kokuba isikolo sazisa iSebe ngamanye amalungiselelo.

10. IZIBONELELO ZOKUBHALELA IIMVIWO
10.1 Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala koviwo, umgadi wabaviwa oyintloko, ngokubhungisana nenqununu okanye nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela uviwo efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abaza kubhala.
10.2 Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo ukuthintela naziphi na izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Iholo yesikolo kunye/okanye amagumbi asetyenziswayo, makabekwe iidesika okanye iitafile ekuya kuhlala kuzo abaviwa ngohlobo lokuba kubekho:
  • Isithuba esiyi-150 cm kumacala omabini edesika okanye etafile nganye
  • Isithuba esiyi-120 cm ngaphambi nangemva kwedesika okanye kwetafile nganye
10.3 Umphathi weze-IMG makatyelele amaziko okubhalela uviwo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba ngaba uyenziwa na lo myalelo.

11. IMISEBENZI YENQUNUNU OKANYE YOMPHATHI WEZIKO LOKUBHALELA UVIWO
11.1 Lusemagxeni enqununu yesikolo okanye omphathi weziko lokubhalela uviwo, ulawulo olufanelekileyo lokubhalwa kweemviwo kuloo ndawo zibhalelwa kuyo.
11.2 Inqununu yesikolo okanye umphathi weziko makaqinisekise ukuba amaphepha emibuzo eemviwo agcinwa ngokukhuselekileyo nangendlela ecwangciswe kakuhle ngokulandelelana kwigumbi elinqatyisiweyo, nokuba iindawo zokubhalela iimviwo zifanelekile nokuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abancedisayo baqeqeshwe ngokufanelekileyo.
11.3 Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba ziqinisekise, ngokubhungisana nomphathi weze-IMG, ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo ukuze abafundi bangaphazamiseki ngexesha leeseshoni zokubhalwa kweemviwo.

12. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa umgadi wabaviwa oyintloko nomgadi wabaviwa ngamnye.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:09

isiHlomelo A-D: "Nomination and Appointment of Chief & Assistant Invigilators"  (ubukhulu: 18 KB)
isiHlomelo E: "Banking details (BAS form)"  (ubukhulu: 17 KB)
isiHlomelo F: INGQINISEKISO YOKUFUMANA INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEEMVIWO 0014/2009
(ubukhulu: 11 KB)
IMVUMELWANO YENGQESHO YETHUTYANA  (ubukhulu: 38 KB)
isiHlomelo A: IMIMISELO NEMIQATHANGO YOKUQESHWA KOMGADI WABAVIWA OYINTLOKO  (ubukhulu: 27 KB)