1. Uyacelwa ukuba ufunde le Setyhula 0013/2008, yomhla we-12 Meyi 2008.
2. Uyacelwa uqaphele ukuba umhla obekiweyo wokungeniswa kwezicelo zeminyinyiva ekhankanywe apha ngasentla utshintshelwe kowe-30 Matshi 2009. Fumana apha kuqhotyoshelwe ifom yesicelo efakelwe izilungiso ukunceda wena.
3. Kucelwa uthathele ingqalelo kwakhona ezi mfuno zilandelayo, njengoko zazikhankanyiwe kwiSetyhula 0013/2008:
3.1 Ifotokopi eqinisekisiweyo yoxwebhu lwesazi somfundi mayihambe kunye nazo zonke izicelo.
3.2 Amaxwebhu axhasayo makahambe kunye nazo zonke izicelo, o.k.t. ingxelo kagqirha eneenkcukacha ezibanzi, iziphumo zoviwo, neesampula zombhalo wesandla kunye nopelo, apho kuyimfuneko.
3.3 Izicelo zokwandiselwa ixesha lokubhala uviwo ngenxa yeemeko ebezingalindelekanga, ezinjengokwaphuka kwengalo okanye komnwe, ezenzeke emva kwalo mhla wokuvala okhankanywe apha ngasentla, kufuneka zingeniswe nazo kwifom emiselweyo. Kwimeko enjalo, ifom yesicelo, iincwadi zokugula zikagqirha namanye amaxwebhu axhasayo makathunyelwe ngefeksi kwiSebe leMfundo ngokukhawuleza, ukuba aqwalaselwe nguMnu HAJ Coetzee kule nombolo yefeksi 021 461 5637 okanye 086 696 8927.
3.4 Kwimeko apho kwenzeka khona obekungalindelekanga, ixesha yinto ebalulekileyo. Iinqununu nootitshala bayacelwa ke ngoko ukuba benze oku kulandelayo ukukhawulezisa le nkqubo:
3.4.1 Mabafonele uMnu Coetzee kule nombolo yefoni 021 467 2921 baze bavumelane ngexesha nomhla ifeksi leyo eya kuthunyelwa ngawo, ukwenzela ukuqinisekisa ukuqwalaselwa ngokukhawulezileyo kwesicelo.
3.4.2 Emva koko, onke amaxwebhu afanelekileyo makaziswe okanye aposelwe, ngokukhawuleza kangangoko kunako, kule dilesi ilandelayo:
Head:  Education
For attention: Mr H.A.J Coetzee
Director: Examinations Administration
Western Cape Education Department  
Private Bag X9114
Cape Town
8000


ISAYINWE: NGU-LC ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:20

"Application form: Application for Alternative Method of Examining"  (ubukhulu: 68 KB)