1. IsiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala kunye noLwazi lokuBala seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED Literacy and Numeracy Strategy) yimpendulo ekuqatshelweni kwamanqanaba asezantsi ngokubanzi olwazi lokufunda nokubhala kunye nolwazi lokubala. Ngokwesi sicwangciso, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liqalise iqela lamanyathelo ongenelelo ngoncedo, abandakanya ukuvavanywa kwabafundi beBakala 6 qho emva konyaka omnye, ukujonga amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kweli phondo, kwisithili semfundo nakuzo zonke izikolo. Ucazululo lweziphumo zabafundi esikolweni lujoliswe ekunikeni ootitshala nabaqeshwa abancedisayo ulwazi ngendlela abafundi kwisikolo ngasinye abaphuhlisa ngayo izakhono zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kunye nokunika inkxaso efanelekileyo.
2. Iimvavanyo ezintathu zokuqala zeBakala 6 zenziwa ngo-2003, 2005 nango-2007. Iziko ledatha lemibuzo ngoku landisiwe ngoovimba abazibhanki (item banks) abongezelelweyo, ukuze ngokwenjenjalo linike izinto ezongezelelweyo zomgangatho ofana ncam. Oku kwenze ukuba iSebe iWCED livelise iqela lezinto (funda okuqhotyoshelweyo), ukunika ootitshala ulwazi ngohlobo, ikhontenti nefomathi yemibuzo ekwiimvavanyo zephondo. Kwimizekelo yeMathematika, kukhethwe izinto ezifanayo ezikhethwe ukususela kwiBakala 4 ukuya kwiBakala 7. Kwimizekelo yeeLwimi, imisebenzi eyahlukeneyo ithagethe amabakala ahlukeneyo, ngokwenjenjalo ibonise inkqubela (progression).
3. Izinto zokufunda ziya kufumaneka kwakhona kweli ziko lewebhu le-WCED: http://curriculum.pgwc.gov.za kwiziko lewebhu leMathematika le-GET nakwiziko lewebhu leeLwimi le-GET ngokulandelelanayo.
4. Injongo yokuvelisa ezi zinto zokufunda ASIKOKUBA ootitshala mabafundise ezi zinto zovavanyo besebenzisa iimvavanyo ezingajolise kwimixholo ethile (de-contextualised) nezibethelelwa ngokuphinda-phindwa (drill-type exercises). Injongo yazo kukubonisa ootitshala ukuba ezi mvavanyo zivavanya iziphumo zokufunda zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke nokuba ngokuzifaka ngokupheleleyo kulwazi, kwizakhono nakwiimfundiso ezisisiseko (values) kwikharityhulam iphela, kwimeko egxininisa kwintsingiselo, ootitshala baya kubalungiselela abafundi babo ngokufanelekileyo ukwenzela umjikelo olandelayo wovavanyo.
5. Amaziko namaqumrhu angekho phantsi kweSebe iWCED anako ukusebenzisa izinto zokufunda ezinikiweyo ukuba azikhutshwa nganjongo yenzuzo yaye nomthombo ezivela kuwo ubhaliwe.
6. Iya kuthakazelelwa ingxelo ngokuqhubekayo (feedback) evela kuye nabani na ozisebenzisayo kwaye ingathunyelwa kumphathi wezekharityhulam kwiizithili zemfundo okanye kuMlawuli weKharityhulam ye-GET.
7. ISebe iWCED linqwenela ukubulela ezo zikolo nootitshala abasebenzisa lo vimba wezinto zokufunda ekuthatheni inxaxheba nasekuphuhliseni ikharityhulam ngengqondo ejonga izinto ngeliso elibukhali. Kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam weSigaba esiPhakathi wesithili semfundo sakho ukufumana isikhokelo nenkxaso engaphezulu.
8. Izinto zokufunda zePhulo leZiseko zokuFunda likaZwelonke (National Foundations for Learning items), zika-2008 kunye nezinto zokufunda ezathunyelwa esikolweni sakho ngo-2007 mazisetyenziswe ngootitshala ukulungiselela abafundi ngokwaneleyo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:18

UVAVANYO LWESIGABA - 6: Ukufundwa nokubhalwa - Kwesixhosa  (ubukhulu: 216 KB)
UVAVANYO LESIGABA - 6: Xhosa - Izibalo  (ubukhulu: 184 KB)