1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lisoloko lisenza amalungiselelo okuqeqesha ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukwenzela ukuba bazithembe yaye babenolwazi nobuchule xa befundisa ngamakhondo omsebenzi.
2. Kuza kuqhutywa iikhosi zoqeqesho kwi-PACE: World of Work, zeSiphumo sokuFunda 5 (Learning Outcome 5 (GET), kootitshala beBakala 7 besifundo soLwazi ngezoBomi abangazange baqeqeshwa kule program. Ezi khosi ziya kuqhubeka -17 Oktobha 2009, 31 Oktobha 2009 nange- 7 Novemba 2009 kwizithili zemfundo ezahlukeneyo. (Khangela ishedyuli yemihla neendawo elapha ngezantsi.)
3. Le yikhosi yosuku olunye ijolise kanye ngqo kuqeqesho lootitshala beBakala 7 ukuze banike abafundi isikhokelo xa bekhetha izifundo zabo kwizikolo eziphakamileyo. Liqingqiwe inani lezithuba ezikhoyo kwaye ubhaliso kule khosi luya kuqhubeka ngohlobo lokuba kubhaliswe ofike kuqala de liphelele inani (first come, first served).
4. Ngutitshala omnye kuphela kwisikolo ngasinye oya kwamkelwa kule khosi. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba zithumele amagama abantu bazo abatyunjiweyo ungadlulanga owe-8 Oktobha 2009. Jonga isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
5. Ishedyuli yoqeqesho:

Umhla Isithili seMfundo Indawo Inani lootitshala
UMgqibelo we-17 Oktobha 2009
8h30-16h00
I-Metro North Bellville South HS, Bellville 50
I-Metro Central Centre for e- Innovation, Kuilsriver 50
UMgqibelo we-31 Oktobha 2009
8h30-16h00
I-Metro South Centre for e-Innovation, Kuilsriver 50
I-West Coast Schoonspruit HS, Malmesbury 50
I-Cape Winelands Esselenpark HS/PS, Worcester 70
UMgqibelo we-7 Novemba 2009
8h30-16h00
I-Eden & Central Karoo (George) Conville PS, George 50
I-Metro East Centre for e- Innovation, Kuilsriver 50
I-Overberg Swartberg PS, Caledon 30
    Inani lilonke 400
6. Ootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ootitshala abanenjongo yokwenza ibango leendleko mabeze nale ngcaciso ekhosini:

  • Inombolo yePesali;
  • Igama lesithuthi (make) uhlobo lwesithuthi (model), unyaka esenziwe ngawo nomthamo wenjini yesithuthi eso sisetyenzisiweyo;
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yekhosi namanani arekhodwe yi-odomitha (odometer reading).
7. Ootitshala abasuka kwimimandla yasemaphandleni abafuna indawo yokulala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo eendleko zendawo yokulala ngosuku lwekhosi phambi kokuba bahambe.
8. Ziyacelwa inqununu ukuba zithumele ngefeksi ifom yobhaliso ezaliswe ngokupheleleyo, esisiHlomelo A, kuMnu J. Sitzer, iSekela-Ngcali lezeMfundo eliyiNtloko kwiSifundo soLwazi ngezoBomi (GET) kule nombolo yefeksi 021 467 2258 okanye 021 467 2620 ungadlulanga owe-8 Oktobha 2009.
9. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukubakho kule khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa ii-IQMS zootitshala.
10. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana noMnu J. Sitzer kule nombolo yefoni 021 467 2199 okanye kule dilesi ye-imeyili jsitzer@pgwc.gov.za
11. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisa isifundo soLwazi ngezoBomi kwibakala lesixhenxe ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:07

Isihlomelo A: I-PACE: World of Work  (ubukhulu: 8 KB)