1. Impendulo kwingxaki eqatshelweyo

Ootitshala beSigaba esiPhakathi bacele ukuba bafumane isikhokelo esingaphezulu ngomgangatho wemathematika ofunwa kwiSigaba esiPhakathi. Ngenxa yesi sizathu, kuya kuthunyelwa ke ngoko imisebenzi yovavanyo eyimizekelo yemathematika kwiSigaba esiPhakathi kuzo zonke izikolo zeSebe iWCED kwaye zonke izinto ezizizibonelelo zemathematika ezifumanekayo zifakwe kwi-CD enye. Le CD iya kuthunyelwa ezikolweni zaseprayimari. Ezi zibonelelo ziya kunika inkxaso ukuphunyezwa kweeshedyuli zomsebenzi zeSebe iWCED nezikhokelo zootitshala.


2.

Okuqulethwe yi-CD

Izibonelelo zenkxaso eziqulethwe yile CD zezi zilandelayo:


2.1 Iincwadi
  • Imisebenzi yovavanyo eyimizekelo yeMathematika yeBakala 4;
  • Imisebenzi yovavanyo eyimizekelo yeMathematika yeBakala 5;
  • Imisebenzi yovavanyo eyimizekelo yeMathematika yeBakala 6;

Imisebenzi yoVavanyo ingqinelana neeshedyuli zomsebenzi zeSebe iWCED nezikhokelo zootitshala kwaye iya kufumaneka ngesiNgesi nesi-Afrikansi.


2.2

I-Compact disc

I-CD enezibonelelo zemathematika zeSigaba esiPhakathi. Le CD iqulethe:

  • Iishedyuli zomsebenzi zamaBakala 4-6 zeSebe iWCED;
  • Izikhokelo zootitshala zamaBakala 4-6 zeSebe iWCED
  • Imisebenzi yovavanyo eyimizekelo yamaBakala 4-6 (ngokufanayo no-2.1 kodwa zikwifomathi yekhompyutha). Imisebenzi yovavanyo igcinwe (saved) kwifomathi i-'PDF' ne-'Word format'. Ootitshala banganako ukuwatshintsha okanye bongeze apha nakumaxwebhu eWord. (Qaphela: Ifomathi ingatshintsha xa uvula uxwebhu lweWord kwikhompyutha yakho, ngoko ke khangela imifanekiso (graphics), amaqhezu njl.njl.)
  • Iithemplethi neeworksheets. Ezi zingasetyenziswa eklasini okanye kumsebenzi wesikolo wasekhaya;
  • Ifom zokucwangisa zemathematika yezibalo zentloko (mental mathematics) ezimalunga nokusetyenziswa kweefliphbooks namacebo obuchule alishumi elinambini (twelve mental maths strategies) ezibalo zentloko acaciswe ngakumbi kwiprojekthi iMulti-grade Project;
  • Ukusebenzisa iiprogram ezisekelwe kwikhompyutha. Ezi ziquka imisebenzi kanye ekwi-CAMI, i-Robo njalo-njalo nezinika inkxaso kokuqulethwe kwiishedyuli zemisebenzi zeSebe iWCED.

Izibonelelo zeCD ziyafumaneka ngesiNgesi nangesi-Afrikansi.


3. Ukusiwa ezikolweni
3.1 I-CD iya kusiwa kuzo zonke izikolo zaseprayimari ekupheleni kukaJulayi 2009. Ukuba izikolo azizifumananga ezi kopi neCD ngowe-31 Julayi 2009, kucelwa zithumele i-imeyili ku-lymalan@pgwc.gov.za okanye zithumele ifeksi ebhalwe: Attention: L. Malan, kule nombolo yefeksi: 021 467 2620 ukwazisa iSebe iWCED ukuba izibonelelo azikafiki;
3.2 Iikopi ezingamaxwebhu aprintiweyo zemisebenzi yovavanyo eyimizekelo, ziya kuthunyelwa ngeposi kuphela kwizikolo zaseprayimari zeSebe iWCED. Iikopi zesi-Afrikansi ziya kuthunyelwa ezikolweni kwasekuqaleni kwikota yesithathu ukuze iikopi zesiNgesi zifike ezikolweni kamva. (Makuqatshelwe ukuba izibonelelo (material) zifakwe ngekhompyutha kwiCD). Iikopi zezikolo ezizimeleyo neekopi ezongezelelweyo zinga-odolwa kwa-Edumedia. (ifoni: 021 689 2641 okanye inombolo yefeksi: 021 685 7421).

4. Ukunika uncedo nenkxaso

Umcebisi wezekharityhulam yemathematika kwisithili ngasinye unokunika izikolo uncedo ngokusetyenziswa kweCD nemisebenzi yovavanyo eyimizekelo.


5. Ukungena kwiwebhu

Ekupheleni kukaJulayi 2009, izinto ezikwi-CD ziya kufumaneka kwiziko lewebhu lekharityhulam kule dilesi: http://curriculum.pgwc.gov.za/site/121/page/view Kucelwa ootitshala abanezibonelelo ezongezelelweyo (additional material) eziya kongeza kwiishedyuli zemisebenzi zeSebe iWCED, bathumele le ngcaciso kuMs Lynette Malan kule dilesi ye-imeyili lymalan@pgwc.gov.za ukuze ifakwe kwingcaciso ekwiziko lewebhu.


6. Iingcebiso

Kucetyiswa ukuba, kwisikolo ngasinye, utitshala makayazise le CD kootitshala abafundisa imathematika njengendlela yokwenza ukuba saziwe esi sibonelelo sisebenziseka ngokulula. ISebe iWCED linethemba lokuba le CD iya kuba sisibonelelo esinexabiso kubo bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi.



ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:05