1. ISebe i-WCED livelise iishedyuli zomsebenzi nezikhokelo zikatitshala zamaBakala 1 - 6 njengovimba wolwazi wezikolo zethu ukomeleza ukufundisa, ukufunda novavanyo kunye nokunceda izikolo ukuba zingene nzulu ekufundiseni iNCS zicacelwe nangakumbi yaye zizithembe nangaphezulu.
2. Iinguqulelo zesiNgesi zezi shedyuli zomsebenzi nezikhokelo zikatitshala sele zisiwe ezikolweni.
3. Ezi shedyuli zomsebenzi zibhalwe ngenjongo yokuqinisekisa ukuba ootitshala baziqonda ngokufanayo (have a common understanding) iZiphumo zokuFunda (Learning Outcomes) neMigangatho yoVavanyo (Assessment Standards).
4. Izikhokelo zikatitshala, ezihamba kunye nezi shedyuli zomsebenzi, zicacisa ikhontenti neendlela zokufundisa ezicetyiswayo (suggest teaching methods).
5. Kuya kuxoxwa ngezi shedyuli zomsebenzi nezikhokelo zikatitshala ngekota yesibini. Kuza kuveliswa kwakhona iphepha lewebhu (web page) lokuqaphela nokuphendula imibuzo ebuzwa qho.
6. Yinjongo yethu ukucela ingcaciso ngokuqhubekayo (feedback) kwizikolo ezithile ngoJulayi 2009.
7. Inguqulelo zesi-Afrikansi nesiXhosa zeeshedyuli zomsebenzi nezikhokelo zikatitshala ziya kuthunyelwa ezikolweni kungekudala.
8. Iishedyuli zomsebenzi zeBakala R namaBakala 7 - 9 ziya kuveliswa ngoJulayi 2009.


ISAYINWE: NGU-GR KOOPMAN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:25


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).