1. IPhulo leZiseko zokuFunda (Foundations for Learning Campaign), elabhengezwa ngoMatshi 2008, lijolise ekuphuculeni inkqubo yomfundi ekufundeni, ekubhaleni nakulwazi lokubala kuzo zonke izikolo zaseMzantsi Afrika. Ukwenzela ukuba sikwazi ukomeleza inkqubo yabo bafundi abafunda ngolwimi lwesibini, iSebe i-WCED liqalise iprojekthi eyodwa yokuxhobisa izikolo ezinabafundi besiXhosa boLwimi lweNkobe ngokunika ootitshala babo iikopi zeencwadi zokufunda zesiXhosa zamaBakala 4-6. Kwizikolo ezili-16 zokulinga isiCwangciso seNguqu kwiiLwimi (Language Transformation Plan), iincwadi zokufunda ziya kunikwa nabafundi kwangokunjalo.
2. Iincwadi zeenkalo zezifundo ezahlukeneyo zaskrinwa ziingcali zekharityhulam. Ziyacelwa izikolo ukuba zizalise isiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha ngenjongo yokuba kukhethwe umthengisi kuluhlu olukhoyo ngoku lwabathengisi beencwadi abavunywe liSebe i-WCED. Olu luhlu lwathunyelwa ezikolweni nge-16 Novemba 2009 kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo 0015/2009.
3. IsiHlomelo A esizaliswe zonke iinkcukacha masifike kuNks Janette Maliqua kwenye yezi dilesi zilandelayo ungadlulanga owe-8 Disemba 2009:

Idilesi yokusiwa kwaso ngumntu
CTLI Admin Building
Nooiensfontein Road
Kuils River
7580
Idilesi yeposi
Private Bag X14
Kuils River
7580

4. Ngamnye umthwalo ozisiweyo uya kuba noluhlu lweencwadi zokufunda zesiXhosa ezi-odolwe kumthengisi weencwadi.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizinike ezi ncwadi zeBakala 4-6 ootitshala, okanye zidlulisele umsebenzi wokunika ezi ncwadi zeBakala 4-6 kootitshala.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:12:07

Ixihlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)