1. Ngenxa yokunqongophala kweencwadi ezibhalwe ngeelwimi zabaNtsundu zaseMzantsi Afrika, iSebe leMfundo kuzwelonke (DoE) liqalise iprojekthi yokubhala, i-Ithuba Writing Project, ejolise kootitshala beSigaba esiPhakathi, ngenjongo yokunika inkxaso i-QIDS-UP.
2. Abaququzeleli be-Ithuba Writing Project bajonge ukuhambisa iincwadi ezili-11 ezibhalwe ngesiXhosa (iikopi eziyi-40 kwisihloko ngasinye) kwizikolo ezikhethwe yi-DoE kwisithili semfundo ngasinye seWCED.
3. Abaququzeleli beWestern Cape READ baya kubamba oomasifundisane abadibanisa izikolo ezisebenzisanayo basemva kwemini kwisithili semfundo ngasinye ukwenzela ukuba kuqeqeshwe ootitshala ekusetyenzisweni kwezi ncwadi eklasini. Isikolo ngasinye kwezo zikhethiweyo siya kuvunyelwa ukuba sithumele ootitshala bolwimi abane kulo masifundisane.
4. Aba masifundisane baya kuqhubeka ngekota yokuqala ka-2009. Kucelwa ujonge iinkcukacha eziqhotyoshelweyo.
5. Kuya kubakho iziphungo kwaye ootitshala baya kubanako ukwenza amabango eendleko zehambo zokuya koomasifundisane.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:02


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).