INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-GET: DCG 0018/2009 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZEZIKOLO EZINABAFUNDI ABAKUMABAKALA 1 - 6, KWIINTLOKO ZEENKALO ZEZIFUNDO NAKOOTITSHALA BEENKALO ZEZIFUNDO |
| UKUBONELELWA NGEETSHATHI ZODONGA (WALL CHARTS) KWAMABAKALA 1 - 6 |
1. |
IPhulo leZiseko zokuFunda (Foundations for Learning Campaign), elabhengezwa ngoMatshi 2008, lijolise ekuphuculeni inkqubo yabafundi ekufundeni, ekubhaleni nakulwazi lokubala kuzo zonke izikolo zaseMzantsi Afrika. ISebe i-WCED liye, ke ngoko, laqalisa iprojekthi eyodwa yokuxhobisa izikolo ngeetshathi zodonga (wall charts) ukwenza iiklasi zibe yindawo ezele yimifanekiso efundisayo nethi ikhuthaze umoya wokufunda. Iiklasi zeSigaba seSiseko neSigaba esiPhakathi ziza kunikwa imiqulu yeetshathi zodonga (amaBakala 1 - 6). |
2. |
Le miqulu yeetshathi yenziwe ziingcali zekharityhulam yaye kukho kuzo iitshathi zodonga ezinxulumene nezifundo ezahlukeneyo ezikwikharityhulam. Ziyacelwa izikolo ukuba zizalise IsiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha ukwenzela ukukhetha umthengisi kuluhlu olukhoyo njengangoku lwabathengisi beencwadi abavunyiweyo liSebe i-WCED. (Uluhlu lwabathengisi lwathunyelwa ezikolweni nge-15 Julayi 2009 neNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo 0011/2009 (Procurement Management Minute 0011/2009.) |
3. |
IsiHlomelo A esizaliswe zonke iinkcukacha masifike kuNks Janette Maliqua kwenye yezi dilesi zilandelayo ungadlulanga owe-6 Oktobha 2009:
Idilesi yeeleta ezihanjiswa ngesandla CTLI Admin Building Nooiensfontein Road Kuils River 7580 |
Idilesi yeposi Private Bag X14 Kuils River 7580 |
|
4. |
Umqulu ngamnye uya kuba noluhlu lweetshathi zodonga ezi-odolwe kumthengisi weencwadi. |
5. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zizinike ootitshala ezi tshathi zodonga, okanye zidlulisele amagunya okunikwa kootitshala ezi tshathi zodonga. |
ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:23
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|