1. Le ngcaciso imfutshane ibhekiselele kwiNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam ye-GET: DCG 005/2009, esihloko sayo sithi 'Intermediate Phase: Mathematics Support Material', eyathunyelwa ezikolweni ngowe-5 Juni 2009.
2. Zonke izikolo eziziiprayimari sezifumene i-CD 'Mathematics Intermediate Phase Resources for Teachers.' Ukongeza, izikolo ezifundisa nge-Afrikansi zafumana isethi eprintiweyo yemisebenzi yovavanyo engumzekelo nge-Afrikansi yamaBakala 4 - 6. Ibakala ngalinye lifumana incwadi ibe nye.
3. Le ngcaciso imfutshane yazisa izikolo ngencwadi yesiNgesi i-'Exemplar Assessment Tasks Grades 4 to 6' eya kuthunyelwa ezikolweni ngeposi kule nyanga. (Qaphela: Le misebenzi yovavanyo sele yathunyelwa ezikolweni ngekhompyutha ikwi-CD ekhankanywe ngasentla.)
4. Abacebisi ngezekharityhulam bemathematika abakwii-ofisi zezithili zemfundo baya kuncedisa izikolo ekwenzeni le misebenzi yovavanyo.
5. Ukuba izikolo ezifundisa ngesiNgesi azikazifumani ezi ncwadi de kube ngowe-5 Oktobha 2009, ziyacelwa zithumele i-imeyili kulo lymalan@pgwc.gov.za okanye zithumele ifeksi, ebhalwe Attention: L. Malan, kwifeksi 021 467 2620 ukwazisa i-WCED ukuba iincwadi ezi-3 azikafiki.
6. Liyathemba iSebe i-WCED ukuba le misebenzi yovavanyo iya kuba nguvimba wolwazi obalulekileyo wabo bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:16


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).