IMibuzo: Mr J Sitzer
IFoni: 021 467 2199
IFeksi: 021 467 2258
ISalanthiso: 11/1/1/1/227
20090910-0028
Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-GET:  DCG 0016/2009


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEKHARITYHULAM, KUBAQUQUZELELI BE-GET, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM BESIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOMI (LIFE ORIENTATION) BE-GET, NAKWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO EMFUNDO AFUNDISA IBAKALA 7


 

ISIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOM (GET) - USUKU LOKUNXIBA KWABAFUNDI NGOKWAMAKHONDO OMSEBENZI (CAREER DRESS-UP DAY): 8 OKTOBHA 2009


1. ISebe leMfundo kuzwelonke liqinisekisile ukuba bonke abafundi beBakala 7 kufuneka bathathe inxaxheba kuSuku lokuNxiba kwaBafundi ngokwaMakhondo oMsebenzi, oluya kuba nge-8 Oktobha 2009 njengenxalenye yoSuku lwaMakhondo oMsebenzi kuMazwe ngaMazwe.
2. Injongo yoku kukwenza ukuba abafundi beBakala 7 babenolwazi ngokubaluleka kokuphonononga amakhondo emisebenzi exesha elizayo. Bayacelwa ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ukuba bacwangcise imisebenzi, o.k.t. ukulinganisa abantu abathile, ukubonisa nokulinganisa izenzo ezithile njl. njl., apho abafundi beBakala 7 baya kuthi banxibe ngokwaloo makhondo omsebenzi banokuwalandela.
3. Ezinye izinto ezingenziwa ngale mini yesi siganeko zifumaneka kwisihlomelo A esiqhotyoshelweyo.
4. Ngesi siganeko kukhuthazwa abafundi ukuba baqalise ukucinga nzulu ngamakhondo omsebenzi abanokuwakhetha kwixesha elizayo.
5. Iziphumo zentsingiselo yolu suku zintlantlu-mbini: Kukwenza abafundi beBakala 7 bazi ngokukhetha kwabo izifundo zexesha elizayo yaye, okwesibini, ukubakhuthaza ukuba baphonononge amakhondo emisebenzi abanokuwalandela.
6. Ziyafumaneka iiphowusta zokuqaqambisa le mini kubacebisi ngezekharityhulam beGET beSifundo soLwazi ngezoBom kwisithili sakho. Bayacelwa ootitshala ukuba babonise ezi phowusta ngokuzixhoma emadongeni okanye kwiibhodi zezaziso ngale veki. Ezinye iimbono ezimalunga nokukhuthazwa kwale program zikwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
7. ISebe leMfundo eNtshona Koloni libongoza ngamandla zonke iinqununu ukuba zilixhase eli nyathelo ngokuthi zivumele abafundi beBakala 7 ukuba babe yinxalenye yeli phulo.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:11


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
Isihlomelo A: ISIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOM (GET)- IIMBONO MALUNGA NOSUKU LOKUNXIBA KWABAFUNDI NGOKWAMAKHONDO OMSEBENZI (CAREER DRESS-UP DAY), NGE-8 OKTOBHA 2009  (ubukhulu: 16 KB)