1. IPhulo le-AMESA Challenge ngumngeni wemathematika waminyaka le (annual mathematics challenge) olungiselelwe abafundi bamaBakala 4 - 7. Apha kuqhotyoshelwe imiyalelo kunye nekopi yentsusa (master copy) yamaphepha, uxwebhu lweempendulo nememorandam yomjikelo wokuqala we-Amesa Challenge ka-2009. Amaxwebhu we-MS Word anokukotshwa apha http://www.sun.ac.za/mathed/Challenge.zip
2. Eli phulo yindlela yokwenza ukuba imathematika ithandwe luluntu nokwandisa umgangatho wokufunda nokufundiswa kwemathematika. Olu asilovavanyo olunxulumene nezifundo, koko ziimvavanyo ngokwasengqondweni (conceptual knowledge), zokusetyenziswa kolwazi kwiimeko ezintsha, ukusombulula iingxaki nokucinga ngokohlobo lwemathematika ngokubanzi luze ngaloo ndlela luxhase ikharityhulam yethu entsha.
3. Izikolo ezinqwenela ukuthatha inxaxheba koluphulo mazithumele iinkcukacha zezikolo zazo neziphumo zabafundi kumququzeleli wengingqi ungadlulanga umhla we- 17 Septemba 2009 ukwenzela ukuba abafundi bakwazi ukungenela umjikelo wesibini.
4. ABacebisi ngezeKharityhulam beMathematika beeZithili zeMfundo sebeyithumele le ngcaciso kwizikolo zabo. Le ngcaciso imfutshane ingqina loo imeyili yabo.
5. Uyacelwa ukuba ufunde lo myalelo uqhotyoshelweyo ukufumana ezinye iinkcukacha nge-AMESA Challenge.
6. Izinto zokufunda ze-AMESA Mathematics Challenge zinokusetyenziswa unyaka wonke ukukhuthaza abafundi bacinge izinto bezijonge ngeliso elibukhali. ISebe i-WCED likhuthaza zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kulo Mngeni ukuze kuzuze abafundi bazo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:02

"Mathematics Challenge 2009 Gr. 4"  (ubukhulu: 106 KB)
"Mathematics Challenge 2009 Gr. 5"  (ubukhulu: 180 KB)
"Mathematics Challenge 2009 Gr. 6"  (ubukhulu: 78 KB)
"Mathematics Challenge 2009 Gr. 7"  (ubukhulu: 77 KB)
"Mathematics Challenge 2009: Instructions, entry form, answer sheet and the memorandum"  (ubukhulu: 326)