1. INTSHAYELELO
1.1 ISebe leMfundo likazwelonke (National Department of Education) (DoE)) lisandula kwenza isiCwangciso sokuFunda sikaZwelonke (National Reading Strategy) njengenxalenye yempendulo ebanzi yokujongana namanqanaba asezantsi akhoyo njengangoku olwazi lokufunda nokubhala eMzantsi Afrika.
1.2 Ngokwenza esi siCwangciso sokuFunda sikaZwelonke, uMzantsi Afrika uthatha inxaxheba kwiqela lamaphulo ophuhliso eZizwe eZimanyeneyo. La maqela ababandakanya i-UNESCO Literacy Decade 2003-2013 ne-Education for All campaigns, nanjongo zawo ikukwandisa amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nge-50% ngo-2015. La maphulo asekelwe kwiMillenium Development Goals, ekuqaqambe phakathi kwazo ukukhuthazwa kolwazi lokufunda nokubhala.
1.3 IsiCwangciso sokuFunda sikaZwelonke sibhalwe kupapasho olunamaphepha ayi-24, oluya kuposelwa kuzo zonke izikolo ngo-Agasti nangoSeptemba 2009.
2. IZIZATHU ZOBUKHO BESICWANGCISO SOKUFUNDA SIKAZWELONKE
2.1 ISicwangciso sokuFunda sikaZwelonke se-DoE sikhumbuza thina ngemingeni emikhulu kakhulu yolwazi lokufunda nokubhala uMzantsi Afrika ojongene nayo, kwaye sifuna ukukhuthaza nokomeleza umba wokuthanda ukufunda wolwazi lokufunda nokubhala kuzo zonke izikolo zaseMzantsi Afrika. Esi sisicwangciso esibandakanya bonke abafundi esijolise kubo bonke abafundi, kubandakanywa nabo banezithintelo zokufunda, abakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa nakumaziko okunyamekela ulutsha.
2.2 Sisebenza njengesixhobo solawulo esichaza umbono wokuphucula amanqanaba olwazi lokufunda kubafundi, size sibonise indlela i-DoE efuna ngayo ukuphumeza loo mbono.
2.3 Sixhasa ngamandla isiCwangciso seKharityhulam kaZwelonke nePhulo leZiseko zokuFunda (Foundations for Learning Campaign).
2.4 Esi sicwangciso sixhasa ngamandla ingcamango ye-International Reading Association, ekhuthaza inkqubo yokufundisa ulwimi edibanisa zonke iindlela (balanced language approach) xa kufundiswa ukufunda.
2.5 Sigxininisa ukufunda ngenjongo yokuzonwabisa, nto leyo eqhuba ngamandla nebaluleke gqitha kwiphulo leSebe i-WCED lokuFunda iSiqingatha seYure (WCED Reading Half-hour).
3. IINGCEBISO ZOKUBA LUSETYENZISWA NJANI OLU XWEBHU
3.1 Ukufika koxwebhu lwesi siCwangciso kuya kuncedisa kwiphulo leVeki yokuKhuthaza uLwazi lokuFunda nokuBhala (Literacy Week). Umzekelo:

  • Sinokusetyenziselwa ukwenza kuqatshelwe ngakumbi imingeni neenjongo zokufunda.
  • Izikolo zingaphonononga isicwangciso sazo sokufunda ngokusithelekisa nesiCwangciso ikaZwelonke kunye nesiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala kunye noLwazi lokuBala se-WCED (National Strategy and the WCED Literacy and Numeracy Strategy).
  • Ngamnye umququzeleli woLwazi lokuFunda nokuBhala okanye i-HOD ingaxoxa ngolu xwebhu nabo bonke ootitshala kwintlanganiso yophuhliso lwezakhono zootitshala (staff development meeting).
3.2 Makusetyenziswe izinto ezinokwenzeka eziyimfuneko neengcebiso zamaNyathelo okuFunda aliThoba (Nine Reading Steps) njengomlinganiselo womgangatho weyona nkqubo ibhetele enokusetyenziswa (benchmark for best practice).
4. ISIPHELO
4.1 ISebe i-WCED lenza umbulelo kootitshala, kwiinqununu nakumagosa aqhubeka okokoko nokusebenzela ukuphucula amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala abo bonke abafundi.
4.2 Sinethemba lokuba esi Sicwangciso siya kusebenza njengomnye umthombo woncedo ojolise ekuphumezeni injongo yethu yokuba: "Zonke izikolo mazingapasi ngaphantsi komyinge we-50% kulwazi lokufunda nokubhala ngo-2011".
4.3 Izimvo zakho ngokusebenza kwesi siCwangciso ungazithumela kulo ntolashe@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:25


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).