1. Ngenxa yokugqitywa kade kwe-LTSM entsha ye-HIV/AIDS eyenziwe yangqinelana ne-NCS nokuguqulelwa kwezi zinto zokufunda kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni zeli phondo, okuye kwalandela emva koko, i-LTSM ye-HIV/AIDS iya kusiwa kade ezikolweni. Sicela uxolo ngenkxamleko eniyifumeneyo. Ukusiwa kwezinto zokufunda ezikolweni kulindeleke ukuba kwenzeke ukususela ngoMeyi ukuya kutsho kuJulayi 2009 - ngaphandle kwe-LTSM yamaBakala 10 - 12, eya kusiwa ezikolweni ngo-Apreli 2009.
2. Bayacelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) abachatshazelwe koku kulibaziseka ukuba bahlenga-hlengise iishedyuli zabo ngokungqinelana noku.
3. Ziyacelwa izikolo ezisenaso istokhwe sonyaka ophelileyo ukuba zinikele (donate) ngezinto zokufunda zazo ezingaphezu kweemfuno zazo kwizikolo ezingenazinto zakufunda zaneleyo. Kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weze-HIV/AIDS okwi-ofisi yesithili semfundo sakho ukuba kufuneka uncedo malunga nokunikela ngestokhwe.
4. Kucelwa niqaphele ukuba iLTSM ye-HIV/AIDS eza kusiwa ezikolweni zizinto zokufunda ezongezelelweyo ezingahlawulelwa mali zizikolo. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba bazitshintshe ezi zinto zokufunda apha naphaya ukuze zilungele iimfuno zabafundi babo.
5. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abaququzeleli beze-HIV/AIDS ezikolweni nootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:06