1. UMboniso weVeki yokuQatshelwa kweDatha yeNgcaciso ngeeSistim zeJografi (Geographical Information Systems (GIS)) ka-2009 ngumsebenzi owenziwa ngokubambisana koMbutho we- GIS waseMzantsi Afrika (Geographical Information Systems Society of South Africa (GISSA)) okwiPhondo leNtshona Koloni neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
2. UMboniso ka-2009 uya kuqhutywa nge-20, 21,23 nange-24 ku-Apreli 2009, yaye uya kuqaqambisa, ucacise usetyenziso lwethekhinoloji eklasini kwizifundo zeJografi uze wazise ngoqeqesho nophuculo lwezibonelelo neenkonzo kwiPhondo leNtshona Koloni.
3. Kulo nyaka wawo wesihlanu, lo Mboniso ka-2009 uthembisa ngokuba uza kuba mkhulu nangaphezulu yaye uza kuba nezinto ezininzi ezintsha kunangaphambili. Uya kuba neqela lemixholo enomdla namathuba okuthetha ngemingeni ekhoyo ngoku nezinto zakutshanje ezenzekileyo eklasini kwizifundo zeJografi.
4. Iinkcukacha ezizeleyo ngeprogram zinokufunyanwa kwiziko lewebhu leKharityhulam ye-WCED elileli ( http://curriculum.pgwc.gov.za/ ) nakula maziko ewebhu eJografi (FET)
( http://curriculum.pgwc.gov.za/site/39/page/view/ ). Izikolo ziza kuthunyelelwa iiphowusta ezinika iinkcukacha ngazo zonke izinto eziza kwenzeka kulo mboniso. Ukongeza, abamajelo eendaba baza kumana bepapasha amanqakwana nezaziso eziphathelele kulo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS.
5. Lo Mboniso ka-2009, uya kuqhutywa ngaxeshanye nenkomfa emfutshane exukusha izihloko ezimalunga nesilabhasi yeJografi yeFET NCS entsha.
6. Lo mboniso uya kuqhutyelwa kwikhampasi yeYunivesithi yaseWestern Cape eModderdam Road, eBellville, yaye uya kubandakanya iprogram yeesemina nezinye izinto eziza kwenziwa. Lo gama iiseshoni zaphakathi evekini ziya kuba nomdla ikakhulu kubafundi, ziyacelwa izikolo ukuba zikhuthaze ootitshala ukuba beze nabo, ukwenzela ukuba babe nolwazi olubhetele lokuphucula iindlela zokufundisa yaye babe nokunika abafundi ingcaciso ngezifundo namakhondo emisebenzi anokukhethwa ngabafundi.
6.1 Ababonisi (Exhibitors) baya kunika amathuba okuba kubonwe ingcaciso ngemiba yonke engokufundiswa nokufundwa kwe-GIS, engoqeqesho nophuculo, babonise iikhosi zamvanje, okuqulathwe zezi khosi, isoftware yezemfundo, iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundiseni nasekufundeni neendlela zokufundisa zamvanje.
6.2 Uthatho-nxaxheba kwiprogram ngootitshala, ngabaqeqeshi, ziingcali zophuhliso lwezakhono nangabaququzeleli kuya kuqinisekisa ukuboniswa kwabo iimeko eziqhubekayo ngoku kweli lizwe nakumazwe ngamazwe kumacandelo ngamacandelo nakumanqanaba onke okufunda. Kwakhona le program iya kuba liqonga lokwenza unxibelelwano, lokunika ithuba lokwakha intsebenziswano neleengxoxo ngezinto eziqhubekayo.
6.3 Iprogram yalo Mboniso we-GIS iya kugxininisa ekufundiseni iJografi nakuqeqesho. Ngako oko ke izikolo ezicinga ngokwenza utshintsho kwizifundo zekharityhulam ezizikhethileyo ziya kuzuza lukhulu ekuzeni kulo mboniso, njengoko ziya kuboniswa iintlobo zonke zezinto ezingakhetha ukuzifundisa.
7. Iprogram yangoLwesihlanu ilungiselelwe ngokukodwa ukuba kuzuze ootitshala beJografi bamaBakala 9 - 12 kunye nabo bavela emaphandleni. Iingcali ezivela kumacandelo ahlukeneyo ziya kufunda amaphepha angezihloko ze-GIS ukususela ku:14:00 de kube ngu-16:00 nge-24 ka-Apreli 2009. Ukuba unqwenela ukuza, kucelwa uqhagamshelane nalo Devona Naude kule nombolo yefoni: 021 807 4657 okanye kule dilesi ye-imeyili Devona.Naude@drakenstein.gov.za ungadlulanga owe-31 kuMatshi 2009, uze umnike amanani abo baza kuza, ukwenzela ukuba kwenziwe amalungiselelo endawo yokuhlala (seating) neyokutya.
8. Ziyakhuthazwa zonke izikolo zeSebe le-WCED ukuba zixhase lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS ka-2009. Kodwa ke kuza kufuneka izikolo zizenzele ngokwazo amalungiselelo ezothutho ukwenzela ukuba abafundi babenako ukuya kulo mboniso.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:16