1. |
Njengokuba bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kufuneka bazithembe babe nolwazi nobuchule kwisifundo samakhondo emisebenzi (career guidance) abasifundisa abafundi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lilungiselela ukuqeqesha ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi be-FET.
|
2. |
Ikhosi yoqeqesho kwiprogram yePACE: School-to-Work Programme iya kwenzelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bamaBakala 10 - 12 abangalufumananga uqeqesho kule program ngaphambili. Le khosi yosuku olunye iya kuqhutywa nge-13 Februwari 2010 eRavensmead Secondary School, eUilswaterweg (uphuma eDe la Rey Road, Ravensmead, PAROW, ukuqala ngo-8:30-16:00.
|
3. |
Kucelwa utitshala abe MNYE we-FET kwisikolo ngasinye ukuba eze kule khosi.
|
4. |
Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza izicelo zebango lentlawulo ngezi ndleko mabeze ekhosini nale ngcaciso ilandelayo:
- Inombolo yePESALI;
- Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo;
- Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho.
|
5. |
Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo entlawulo ngeendleko zendawo yokuhlala phambi kokuba bagoduke ngosuku lokugqibela lwekhosi.
|
7. |
Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kule khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa iifom ze-IQMS zootitshala.
|
8. |
Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans kule nombolo yefoni 021 467 2589 okanye umthumelele i-imeyili apha dchristi@pgwc.gov.za
|
9. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:12:23
|