1. I-SABC Education

ISebe leMfundo likazwelonke (DoE), likunye neSABC Education, laqalisa iStudy mate TV ngo-2009. ISABC TV iya kuqhubeka neprogram yokuhlaziya ulwazi yeBakala 12 ngo-2010, kodwa iya kubandakanya iMatrix Uploaded, neya kubandakanya amaBakala 10, 11 ne-12. Le program ye-TV iya kuthi kwakhona ibe namacebiso okubhalwa kweemviwo, iikhwizi kunye nokunxibelelana ngqo nabafundi. Ishedyuli yezi program, iqala nge-18 Januwari 2010, yaye imi ngolu hlobo lulandelayo:

USuku AmaxeshaIzifundoIjelo leThivi
NgoMvulo14:00 to 15:00
05:00 to 06:00
Mathematics or
Mathematical Literacy
SABC 1
NgoLwesibini14:00 to 15:00
05:00 to 06:00
Physical SciencesSABC 1
NgoLwesithathu14:00 to 15:00
05:00 to 06:00
Business Studies
Economics
Accounting
SABC 1
NgoLwesine14:00 to 15:00
05:00 to 06:00
English (FAL)
Afrikaans (FAL)
SABC 1
NgoLwesihlanu14:00 to 15:00
05:00 to 06:00
Agricultural Science
Life Sciences
SABC 1
NgoMgqibelo nangeCawa05:00 to 06:00Tourism
Geography
History
SABC 1

2. IStudy Mate and Studiepêl

I-DoE iya kushicilela kabini iStudy Mate kunye neStudiepêl. Ushicilelo lokuqala lwefomathi yamaphephandaba ayithabloyidi (tabloid-format edition) olunamaphepha ali-16 luya kupapashwa ngoMatshi 2010. Olu papasho luya kusiwa kwii-ofisi zezithili zemfundo ekupheleni kwekota yokuqala. Olu shicilelo luya kuba nothotho lwe-Know the Expert. Iya kunceda abaviwa beBakala 12 kuba balungiselele iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zika-2010 (2010 National Senior Certificate (NSC)).

Ushicilelo lwesibini luya kwenziwa ngoJuni luze lusiwe kwii-ofisi zezithili zemfundo ekupheleni kwekota yesibini, nokuya kunceda abafundi ukuba bayifunde ngexesha leeholide eziziiveki ezintlanu. Olu papasho lunamakhasi ayi-48 luya lubandakanya amaphepha emibuzo angumzekelo e-NSC asetwe ngootitshala aze angqinisiswa ziingcali zezifundo ze-DoE.


3. Independent Newspapers - Study Mate - Amaphepha exesha elidlulileyo kunye nee-DVD

I-DoE ne-Independent Newspapers baya kuvelisa ushicilelo lweStudy Mate olujolise kwizifundo ekubhalise kuzo abafundi abaninzi, enoluya kuba namaphepha emibuzo eemviwo ze-NSC zokuxabangela zikaMatshi 2009 noMatshi 2010 ahamba kinue neememorandam zokumakisha. Olu shicilelo luya kufumaneka ngqo kwi-Independent Newspapers

Kuye kwaveliswa ii-DVD ezijolise kwizifundo ekubhalise kuzo abafundi abaninzi. Zibonisa iingcali zootitshala kunye neengcali zekharityhulam ze-DoE zincedisa abafundi ngamaphepha emibuzo yeemviwo, zicacisa iimpazamo eziqhelekileyo kwaye zinika namacebo aluncedo. Ezi zifumaneka njengephakheji yamaphepha adlulileyo eStudy Mate. Ii-DVD zifumaneka kuphela ngesiNgesi.


4. Independent Newspapers - Study Mate - Amaphepha exesha elidlulileyo

I-DoE, ikunye ne-Independent Newspapers, iya kuvelisa isethi yee-DVD kunye neencwadi zokwenzela imisebenzi (workbooksi) zamaBakala 10, 11 no-12 ukuncedisa abafundi kwimibuzo yeemviwo enzima. Ii-DVD ziya kufumaneka ngqo kwi-Independent Newspapers.


5. ISunday Times - Amaphepha emibuzo eemviwo angumzekelo

Kwikota 3 ka-2010, i-Avusa Media iya kupapasha incwadi ekwifomathi yethabloyidi enamakhasi ayi-52, enemibuzo yeemviwo engumzekelo kunye neememoranda zabafundi beBakala 12, kwiSunday Times nakwiSowetan.

Malunga ne-700 000 yeekopi eya kusasazwa ifakwe kula maphephandaba omabini. Kuya kushicilelwa iikopi ezongezelelweyo eziyi-500 000 neziya kusiwa ezikolweni. Bayakhuthazwa abazali nootitshala ukuba bathenge la maphephandaba baze banike abafundi beBakala 12 lawo okongezelela (supplement). Amaphepha eemviwo angumzekelo aya kusetwa ngootitshala abaziingcali, ngokubhungisana neengcali zezifundo ze- DoE kwi-English FAL, Mathematics, Mathematical Literacy, Physical Science, Life Sciences, Accounting, Tourism, History ne-Geography.


6. Maths 911 (Liberty Life) neMatric Matters on DSTV (Mindset)

ULiberty Life ne-Independent Newspapers bavelise iMaths 911 yamaBakala 10, 11 no-12. Ezi ncwadi ziya kuphiwa izikolo eziyi-200 ezikhethwe nguLiberty Life. Kuya kubakho neencwadi zokongezelela eziya kuthengwa ngqo kwi-Independent Newspapers. Okubhalwe kwezi ncwadi kuya kufumaneka kwiThutong nakwiziko lewebhu le-DoE.

I-Matric Matter, ekuliphephandaba lokongezelela (supplement), eliphuma qho ngeveki kupapasho lwe-Independent Newspapers, iya kuqhagamshelwa neencwadi zeMaths 911. Iiprogram zeMindset ezikwiDSTV ziya kunika inkxaso nazo.


7. Izinto zokufunda iBumper Activity Packs

I-DoE, ngokubhungisana nababoneleli-nkonzo zezemfundo abaliqela ijonge ukwenza izinto zokufunda zabafundi zokusetyenziswa ngeeholide zesikolo zangoJuni-Julayi 2010. Kucetyiswa ukuba abafundi banikwe imisebenzi yokubagcina befunda ngethuba leeveki ezintlanu zeholide. Kuya kuveliswa iiphekhi zokufunda (packs) zamaBakala 10, 11 no-12. Nganye iiphekhi yokufunda iya kuthi mhlawumbi ibe namaphepha emibuzo yeemviwo angumzekelo (exemplar question papers) eBakala 10, izinto zokuvavanya ingqondo (brain teasers), izinto ezonwabisayo, namatikiti okuya kwiifilim ezinemfundiso nokufundisa ngezifundo ezahlukeneyo. Le phakeji yokufunda iya ukuqhagamshelwa kwiNdebe yeSoka yeHlabathi ka-2010.


8. Iziko lewebhu leThutong

Iingcali zezifundo kwa-DoE ziya kuqhubela phambili nokwenza amacandelo okufunda ezifundo ezahlukeneyo kwiziko lewebhu leThutong. Kuye kwenziwa icandelo elilodwa lokunika inkxaso abafundi beBakala 12 ngo-2010. Esi sithuba siya kuba nemiyalezo evela kuMphathiswa, iindaba ngezinto eziqhubekayo, ukukhumbuza qho ngamaxesha njengoko kuya kusondela kwiimviwo zokuphela konyaka (a countdown-to-the-final-exams), inkuthazo kubaviwa, amaphepha emibuzo eemviwo, iingcebiso zokulungiselela iimviwo kunye nethayimthebhile yeemviwo ze-NSC.


9. Mintek - Minquiz 2010

IMintek iya kwenza iMinquiz yaminyaka le, elukhuphiswano lweMathematika neSayensi kuzwelonke olwenzelwe abafundi beBakala 12, ngethuba lale holide inde ngoJuni-Julayi 2010. Izikolo ezingamakhulu amane, ezibandakanya izikolo zeDinaledi, ziya kuthatha inxaxheba kolu khuphiswano. Zizikolo ezafumana umndilili wamanqaku oyi-40% ubuncinane kwiMaths neSayensi kwiimviwo zika-2009 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (2009 National Senior Certificate) eziya kufaneleka ukuba zithathe inxaxheba. IMintek iya kunika imibuzo yeMinquiz kumaziko ewebhu e-DoE naweThutong. I-DoE iya kubeka esweni izikolo eziyi-200 zeDinaledi kwanezinye izikolo ezikhethiweyo elizweni. Apho kuyimfuneko khona, inkxaso iya kunikwa.


10. Ukubeka esweni nokunika inkxaso izikolo zeDinaledi neze-NSLA

I-DoE iya kubeka esweni izikolo eziyi-200 zeDinaledi kunye nezinye izikolo ezikhethiweyo kuzwelonke. Kuya kunikwa inkxaso, apho kuyimfuneko.


11. ISebe i-WCED liya kuxhasa ootitshala ngokubanika uqeqesho olujoliswe kwizifundo ezikhethiweyo, olusekelwe kucazululo lweziphumo zeemviwo zika-2009. Ezinye iintlobo zenkxaso ziya kubandakanya iiprogram zeradiyo, e-learning platforms, imizekelo (exemplars), inkxaso engamandla (advocacy) nokuthengwa kunikwe izikolo izinto zokuncedisa ukufunda ezinxulumene nezifundo ezo ngo-2010. ISebe i-WCED liya kuthenga izinto zokufunda ezikhethiweyo ezikhankanywe apha ngasentla zezikolo ezikhethiweyo, lize kwezinye iimeko lithengele zonke izikolo ezikwiphondo.

12. I-telematic programme esasaza ngqo izifundo ngethuba ziqhubeka kwizikolo ezithile ezikhethiweyo iya kuqala ngo-Apreli 2010 iqhube ithuba leeveki ezilishumi elinesihlanu. Izifundo eziya kufundiswa ziya kubandakanya i-Mathematics, Physical Science, Life Sciences, Accounting, English FAL ne-Afrikaans (HL). Izifundo ezasasazwa ngqo ezikolweni ngo-2009 kwezi zifundo zikhankanywe apha ngasentla ziya kuthunyelwa ezikolweni nge-CD ngoFebruwari 2010.

13. NgoJanuwari 2010, iSebe i-WCED liya kubonelela nge-e-Learning Platform eya kuqinisekisa ukusebenzisana phakathi kootitshala, abafundi nabacebisi ngezekharityhulam/ abacwangcisi bekharityhulam kwezi zifundo zilandelayo, English FAL Mathematics, Mathematical Literacy, Physical Science, Life Sciences ne-Accounting. NgoJanuwari 2010, iSebe i-WCED liya kubonelela nge-e-Learning Platform eya kuqinisekisa ukusebenzisana phakathi kootitshala, abafundi nabacebisi ngezekharityhulam/ abacwangcisi bekharityhulam kwezi zifundo zilandelayo, English FAL Mathematics, Mathematical Literacy, Physical Science, Life Sciences ne-Accounting.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:12:01