1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) lisigqibile iSigaba 2 sokwenziwa kwe-inventri yayo esekhompyutheni (online inventory) kwaye izikolo zingazizalisa ngoku ii-inventri zazo nekhweshine ye-WCED esekhompyutheni.
2. Ukulungiselela le njongo, i-WCED iza kunika zonke izikolo ezifundisa iFizikhali Sayensi kumaBakala 10 - 12 indlela yokwazi ukufikelela kwi-inventri esekhompyutheni ukususela nge-16 Novemba 2009 ukuya kwi-12 Matshi 2010.
3. Izikolo zingafikelela kwi-inventri esekhompyutheni ngokusebenzisa inombolo ye-CEMIS ne-pin yazo.
4. Idatha evela ezikolweni ezazingenise iikhweshine nee-inventri zazo ezizalisiweyo kwangethuba sele ifakiwe ekhompyutheni. Ezi zikolo kufuneka ke ngoko zihlaziye nje kuphela idatha yazo emalunga nestokhwe sazo esikhoyo ngoku.
5. Izikolo ezisaleleyo kuya kufuneka ziyizalise ngokwazo yonke ikhweshine ne-inventri esekhompyutheni.
6. Ikhweshine ne-inventri ezizalisiweyo mazifakwe ekhompyutheni zizo zonke izikolo ze-WCED ezifundisa iFizikhali Sayensi kumaBakala 10 - 12 ungadlulanga owe-12 Matshi 2010. Emva koko izikolo mazihlaziye ikhweshine ne-inventri yazo qho, ubuncinane kanye ngenyanga.
7. Abacebisi ngezekharityhulama kwizithili ngezithili baqeqeshiwe ukuba banike uncedo ezikolweni zabo kwaye makuqhagamshelwane nabo xa kufunwa uncedo.
8. Idilesi yewebhu ye-inventri esekhompyutheni yeWCED yile http://cemis.wcape.gov.za. Ukunceda izikolo ukuba zifake idatha yazo ekhompyutheni, iWCED ibonelele ngeSikhokelo sokuSetyenziswa kolu Xwebhu (User Guide). (Funda uxwebhu oluqhotyoshelweyo.)
9. Phambi kokuba isikolo sifake idatha yaso ekhompyutheni, masibe nekopi eliphepha ezaliswe zonke iinkcukacha ze-inventri yaso nekhweshine yaso. Iikopi ezingamaphepha ze-inventri nekhweshine kunye ne-User Guide zingakotshwa ekhompyutheni (can be downloaded) kwiziko lewebhu leFizikhali Sayensi apha http://curriculum.pgwc.gov.za/site/52/page/view. Emva kokuba ulivulile eli ziko lewebhu, klikha nje kuphela ku-"Events".
10. I-WCED ibulela bonke abachaphazelekayo ngentsebenziswano yabo kwaye ivakalisa umbulelo ongazenzisiyo kwi-Centre for e-Innovation ngokudizayina le inventri esekhompyutheni.
11. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala abafundisa iFizikhali Sayensi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:12

ISIKHOKELO ESENZELWE OSEBENZISA OLU XWEBHU (USER GUIDE)  (ubukhulu: 186 KB)