2. |
Bayacelwa ootitshala beBakala 11 ukuba bazixhome ezi phowusta kwiindawo esemboniselweni ukwenzela ukuba zikwazi ukutsala umdla wabo bonke abafundi beBakala 11 abenza izifundo ezidibanisa ezoQoqosho (Economics), iMathematika ne-Akhawuntingi. |
3. |
Ziyacelwa iinqununu kunye nootitshala ukuba balukhuthaze olu khuphiswano, nelinika amathuba atshintsha ubomi bonke babafundi abaye baphumelela. |
4. |
Umhla wokugqibela wolu khuphiswano ngowe-8 Oktobha 2009. |
5. |
Imibuzo ngokubhalwa nokumakishwa kwezincoko imele ukuthunyelwa kubacebisi ngezekharityhulam bezifundo zoQoqosho abakwizithili zemfundo. |
6. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 bezifundo zezoQoqosho, iMathematika ne-Akhawuntingi. |
ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:25
|