INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-FET: DCF 0036/2009 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWINTLOKO YABAQUQUZELELI BEZEKHARITYHULAM NENGCEBISO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, BEZEMBALI NEESAYENSI ZEZENTLALO, NAKWIINTLOKO ZEZIKOLO ZEZIKOLO ZE-SEBE I-WCED EZIFUNDISA AMABAKALA 8-12 |
| IPHOWUSTA EYAZISA NGOKHUPHISWANO LOKUBHALWA KWEZINCOKO ZEZIFUNDO ZEZOQOQOSHO ZEBAKALA 11 NGO-2009-2010 LWAKWA-NEDBANK - LWE-OFISI KANONDYEBO WEPHONDO- ISEBE I-WCED ENTSHONA KOLONI |
2. |
Bayacelwa ootitshala beBakala 11 ukuba bazixhome ezi phowusta kwiindawo esemboniselweni ukwenzela ukuba zikwazi ukutsala umdla wabo bonke abafundi beBakala 11 abenza izifundo ezidibanisa ezoQoqosho (Economics), iMathematika ne-Akhawuntingi. |
3. |
Ziyacelwa iinqununu kunye nootitshala ukuba balukhuthaze olu khuphiswano, nelinika amathuba atshintsha ubomi bonke babafundi abaye baphumelela. |
4. |
Umhla wokugqibela wolu khuphiswano ngowe-8 Oktobha 2009. |
5. |
Imibuzo ngokubhalwa nokumakishwa kwezincoko imele ukuthunyelwa kubacebisi ngezekharityhulam bezifundo zoQoqosho abakwizithili zemfundo. |
6. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 bezifundo zezoQoqosho, iMathematika ne-Akhawuntingi. |
ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:25
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|