1. Ngokwenjenje i-Letterkundeondersteuningskomitee (LOK) imema bonke ootitshala abafundisa i-Afrikansi ukuba beze kwisimpoziyam yeBakala 12 ka-2010, eya kuqhutyelwa kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni ngoLwesihlanu, we-19 Februwari 2010 ukususela ngo-14:30 ukuya ku-16:45 nangoMgqibelo, we-20 Februwari 2010, ukuqala ku-09:00 kuye ku-13:00
2. Eyona njongo ephambili yale simpoziyam kukuxhasa ukufundiswa koncwadi, kodwa kuya kugxilwa kwakhona nakwamanye amacandelo, anjengokuthetha, ukubhala negrama. Le program iya kufumaneka kweli ziko lewebhu leAfrikansi le-FET http://curriculum.pgwc.gov.za ungadlulanga owe-19 Novemba 2009.
3. Imali yokubhalisela le simpoziyam ka-2010 yi-R75.00 umntu ngamnye. Abantu abanomdla banokudiphozitha esi sixa-mali kwi-ABSA cheque account ye-SBA (Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans). Inombolo ye-akhawunti ngu-550145847, ikhowudi yesebe 632005. Iitshekhi mazihlawulwe kwiStigting vir Bemagtiging deur Afrikaans. Kucelwa ukuba usebenzise isifinyezo esingu-LOK negama lesikolo njengesalathisi (as reference) xa ufaka imali. I-SBA iya kusingatha amalungiselelo ezolawulo nezicwangciso zeSimpoziyam ye-LOK.
4. Abo banokuthatha inxaxheba kufuneka bazalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (Annexure A) baze bayithumele ngefeksi, nobungqina bentlawulo, kuNks Christine Francke we-SBA kule nombolo yefeksi 021 446 1012 ungadlulanga owe-9 Oktobha 2009. Kwakhona, kucelwa usebenzise isifinyezo u-LOK negama lesikolo njengesalathisi (as reference). (Inombolo yefoni ye-SBA ngu-021 446 1376.)
5. Ukuncedisa abaququzeleli beSimpoziyam ye-LOK, kucelwa ootitshala bawubambe lo mhla osikiweyo okhankanywe apha ngasentla, njengoko kungayi kwamkelwa mangenelo afike emva kwexesha.
6. Qaphela ukuba bonke abathathi-nxaxheba baya kufumana mahala izikhokelo ezixhasayo ze-LOK (zikwi-CD).
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:25

"Annexure A: Registration form"  (ubukhulu: 15 KB)