1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze i-CD enjongo yayo ikukunceda abafundi abakumaBakala 10 - 12 kumalungiselelo abo eemviwo zangoNovemba 2009.
2. Le CD inika abafundi nootitshala babo iiglosari zezifundo nezintlu zokutshekisa xa uhlaziya ulwazi (revision checklists).
3. Le CD ibandakanya umyalezo ovela kuMphathiswa, uMnu Donald Grant, awubhekisa kubo bonke abafundi beBakala 12, kwakunye namaphepha emibuzo neememo zeemviwo zangoMatshi 2009.
4. Le CD yokuhlaziya ulwazi iya kusiwa kwii-ofisi zezithili zemfundo ize ukusuka apho isiwe ezikolweni.
5. Iifolda zezifundo ezihamba kunye nale CD kufuneka zisasazwe ngumququzeleli we-FET wesikolo kootitshala bezifundo abachaphazelekayo.
6. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala bezifundo bamaBakala 10 - 12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:02