1. 1. Ikomiti yaseMzantsi Afrika ye-International Council of Museums (yeBhunga leeMyuziyam laMazwe ngaMazwe (ICOM-SA) ivelise imaphu esebenzisanayo sekhompyutheni (interactive map) yamaziko enkcubeko eyimvelaphi yethu eMzantsi Afrika.
2. I-ICOM-SA imema izikolo, ootitshala nabafundi ukuba banike iingcamango zabo ngemaphu nenxaxheba eyimpumelelo yeemyuziyam kwimfundo ngenkcubeko eyimvelaphi yethu. Inkcubeko eyimvelaphi yethu ngumba obalulekileyo weeSayensi zeNtlalo kwiCandelo le-GET nakwezeMbali nakwezoKhenketho kwiCandelo le-FET. Imaphu inamandla okuba sisixhobo semfundo esibalulekileyo sootitshala nabafundi. I-ICOM-SA kwakhona icela ingcaciso ngamaziko abalulekileyo kwiindawo zasekuhlaleni. Oku kunika ithuba izikolo lokusebenzisana noluntu lwasekuhlaleni ukuphakamisa la maziko.
3. Ingcaciso ngale projekthi nedilesi yeziko lewebhu zifakiwe kweli phetshana lengcaciso liqhotyoshelweyo livela kwi-ICOM-SA.
4. Uyacelwa wazise oku kubo bonke ootitshala bezeeSayensi zeNtlalo, abezeMbali nabezoKhenketho.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:26

IMAPHU ESEBENZISANAYO ESEKHOMPYUTHENI (INTERACTIVE MAP) YAMAZIKO ENKCUBEKO EMVELAPHI YETHU NEEMYUZIYAM  
(ubukhulu: 33 KB)