INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-FET: DCF 0030/2009 |
IYA: | KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO AFUNDISA IMFUNDO YEZIKOLO ZASEPRAYIMARI NEZASESEKONDARI |
| INKOMFA YONYAKA YE-SOUTH AFRICAN SOCIETY FOR HISTORY TEACHING KA-2009 (25 - 26 SEPTEMBA 2009) |
1. |
Umbutho iSouth African Society for History Teaching (SASHT) uya kubamba inkomfa yawo yonyaka eCrawford College, eSandton, eGauteng kulo nyaka. Umxholo uthi History and Technology - Media makes magic! |
2. |
Njengoko iSASHT igxininisa kwizinto eziqhubekayo malunga nokufundiswa kwezembali (history teaching), le nkomfa iya kuba negalelo elixabisekileyo kubacebisi ngezekharityhulam nakootitshala bezembali. Eli likwalithuba elihle lokuqhagamshelana nabacebisi ngezekharityhulam, nootitshala bezembali nezifundiswa eziziingqondi zezembali kulo lonke eloMzantsi Afrika.
|
3. |
Kuqhotyoshelwe apha iprogram yokuqala, ekufakwe kuyo iintlawulo zenkomfa neendawo zokuhlala ezicetyiswayo. |
4. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSocial Sciences nabe-History ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:17
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|