1. Inkcazo ngemvelaphi yoku
1.1 Isicwangciso seMST kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department (WCED) sijolise ekwandiseni uthatho-nxaxheba nokupasa kwabafundi kwiMathematics nePhysical Sciences.
1.2 Injongo yoku kukunika inkxaso abafundi ukuze baphumelele ngereyithi engu-50% nangaphezulu kuzo zombini ezi zifundo.
2. Ukuncediswa kwabafundi abangamaqelana
2.1 Elinye lamaphulo ongenelelo ngoncedo ukuze kufikelelwe kwezi njongo zingentla kukongezelela ukufundiswa kwabafundi abakhethiweyo beBakala 12 abapase phakathi ko-39% no 49% kwiimviwo zikaJuni 2009.
2.2 ISebe iWCED liya kuqesha ootitshala beMathematics neSciences abanamava neengcali ukuba bazifundise abafundi abangamaqelana ana-15 - 20 yabafundi beMathematics neSciences.
2.3 Eli phulo liya kuqala ngo-Agasti kwaye liya kubonelela ngeeseshoni zokufundisa eziyi-10 ezibude buziiyure ezi-2 kwisifundo ngasinye ngeentsasa zeMigqibelo okanye ngamaxesha asemva kwemini ukuphuma kwesikolo.
3. Ukuqeshwa kwabafundisayo (tutors)
3.1 Bayacelwa ootitshala beMathematics kunye/okanye beSciences beBakala12 ukuba bafake izicelo zokuba baqeshwe njengabafundisayo kule nkqubo.
3.2 Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kuhlawulwa ama-R300,00 ngeyure.
3.3 Kuqhotyoshelwe apha ifom yokwenza isicelo (IsiHlomelo A) ekufuneka isetyenziselwe le njongo. Iifom zesicelo mazithunyelwe kuMs M Sasman, ukuze aziqwalasele, kule nombolo yefeksi: 021 467 2620 okanye zithunyelwe kule dilesi ye-imeyili: msasman@pgwc.gov.za ukuze zifike kwiSebe leWCED ungadlulanga uLwesihlanu, we-7 Agasti 2009.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beMathematics nePhysical Sciences abasesikolweni sakho, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:04

Isihlomelo A: "Application Form: Mathematics and Physical Science Small-group Tutoring"  (ubukhulu: 9 KB)