1. Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A yishedyuli oyithunyelelwayo yoviwo lwepraktikhali lweZifundo zoMdaniso nokumodareyitha kwalo okuqhubekela esikolweni.
2. Izikolo maziqinisekise ukuba ziyalungiswa izinto ezisetyenziswa kumdaniso (dance facilities) nokuba abafundi banxibe ngokufanelekileyo isinxibo somdaniso njengoko kufuneka njalo kwifom yomdaniso. Kuye kwanikwa uluhlu lokutshekisha iimfuno zoviwo kwisiHlomelo B.
3. Iiphothifoliyo zabaviwa neePAT kufuneka zifumaneka ukulungiselela inkqubo yokumodareyitha.
4. Iiphothifoliyo zootitshala neetotali zamanqaku epraktikhali onyaka mazifumaneke ukulungiselela ukumodareyitha okuqhubekela esikolweni.
5. Ukumodareyithwa kokugqibela kweephothifoliyo zezikolo eziliqela (final cluster moderation of portfolios) kuya kwenziwa ngoLwesibini we-6 Oktobha 2009 ukususela ngo-14:00 ukuya kwi-18:00 e-Wynberg Girls' High School. Iphotifoliyo katitshala neephothifoliyo ezintathu zabafundi (inye esemgangathweni onguwo, inye ekumgangatho ophakathi ize ibenye nekumgangatho osezantsi) mazisiwe kwi-ofisi yesithili semfundo engadlulanga uLwesine, we-1 Oktobha 2009 ukwenzela ukumodareyithwa kungabandakanywanga izikolo zeSithili seMfundo iEden & Central Karoo. Ukumodareyithwa kwezikolo ze-Eden & Central Karoo kuya kuqhubeka ngoLwesithathu, we- 7 Oktobha 2009 ukususela ku-16:00 ukuya ku-18:00 eGeorge High School.
6. Uyacelwa ukuba wazise utitshala woMdaniso weBakala 12, kwakunye nabafundi abakweli bakala.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:17

"Annexure A: Final Examination Schedule - WCED Dance practical examination and face moderation schedule 2009"  
(ubukhulu: 11 KB)
"Annexure B: Dance studies practical examination requirements"  (ubukhulu: 17 KB)