Ngokwenjenje kunikwa ingcaciso eyongezelelweyo ebhekiselele kwiNgcaciso eMfutshane (DCF Minute) 0025/2009, (ngenxa yokuba liye alasebenza iZiko leWebhu leKharitythulam yeWCED, ekwakumele ukuba le ngcaciso inikwe kulo), ngcaciso leyo emalunga neemfuneko zobhaliso, amalungiselelo eeshedyuli nokukhethwa kwabaphumeleleyo (entry requirements, schedule and adjudication arrangements) kukhuphiswano olukhankanywe apha ngasentla:
1. Ngubani omakangenele ukhuphiswano?
Ngabafundi beBakala 11:

  • abenza izifundo ze-Accounting, Economics neMathematics nabo bagqwesileyo (abapasa kwelona nqanaba lisezantsi lingu-5 [60%] ubuncinane kwizifundo ezibini kwezi zithathu;
  • abanenjongo yokugqithela phambili kwizifundo zabo kwi-Commerce okanye kwiMathematika kwiziko lemfundo ephakamileyo emva kwematriki;
  • abangabemi boMzantsi Afrika.
2. Ingcaciso ebalulekileyo ngemiqago yokungenela ukhuphiswano:
2.1 Zonke izincoko mazingeniswe zibhalwe ngesiNgesi kwaye mazitayitshwe;
2.2 Isihloko sesincoko masivele kwiphepha lokuqala lesincoko;
2.3 Inani lamagama asetyenzisiweyo kwisincoko malibhalwe nalo kwiphepha lokuqala;
2.4 Onke amaphepha makafakwe iinombolo;
2.5 Igama lomfundi negama lesikolo makangaveli kula maphepha esincoko sakho. Ezi nkcucukacha mazibhalwe kuphela kwifom yokungenela ukhuphiswano;
2.6 Isincoko xa kungafakwanga ibibliyografi, masibe namagama aphakathi kwama-2200 nama-2500;
2.7 Inkcazo-ntetho (presentation) ikwayinxalenye yamanqaku xa ewonke kwaye mayenziwe nayo ngesiNgesi esikolweni nangomjikelo wokugqibela wokukhetha abaphumeleleyo.
2.8 Makufakwe kunye nala maxwebhu alandelayo:
2.8.1 Ifom yokungenela ukhuphiswano ezalisiweyo;
2.8.2 Izincoko ezimakishiweyo nerubriki ezalisiweyo (jonga kwifayili eqhotyhoshelweyo);
2.8.3 Ikopi engqiniweyo yesazisi saseMzantsi Afrika, okanye yesatifikethi sokuzalwa;
2.8.4 Ikopi engqiniweyo yeziphumo zeBakala 10 neziphumo zangoJuni zeBakala 11;
2.8.5 INgxelo yokuVuma ukuNyaniseka kweeNkcukacha (Declaration of authenticity) (jonga kwifayili eqhotyhoshelweyo);
2.8.6 Ubungqina bengeniso yabazali idityanisiweyo.
3. Ishedyuli
3.1 Umhla wokugqibela wokungeniswa kwezincoko kumququzeleli wesikolo: 8 Oktobha 2009.
3.2 Ukukhethwa kwabaphumeleleyo ezikolweni: 9 - 28 Oktobha 2009.
Emva koko, umququzeleli wesikolo ubhala kwifom yokungenela ukhuphiswano (eya kuthunyelwa ezikolweni kamva) amagama abafundi abathathu abafumene awona manqaku aphezulu kwisincoko nakwinkcazo-ntetho.
3.3 Ukungeniswa kwi-ofisi yesithili semfundo yengingqi: ungadlulanga owe-29 Oktobha 2009.
Mayibhalwe ngolu hlobo imvulophu: For attention: Economics Curriculum Adviser - Nedbank / Treasury / WCED Essay Competition.
3.4 Ukukhethwa kwabaphumeleleyo kwisigaba sesibini kwinqanaba lesithili semfundo ligqiza elityunjiweyo ngo-Oktobha -Novemba 2009. Ezona zincoko zibhetele zilishumi zingenele ukhuphiswano kwisithili semfundo ngasinye, ziya kungeniswa kwiSekela leNgcali yeMfundo eyiNtloko ye-Economics kwaNdlunkulu weWCED ungadlulanga owe-22 Novemba 2009.
3.5 Abali-15 abafikelele kumjikelo wokugqibela baya kukhethwa ligqiza lokhetho: Januwari 2010.
3.6 Udliwano-ndlebe nabagqwesileyo bokugqibela nokubhengezwa kwabaphumeleleyo: Ekupheleni kukaJanuwari 2010.
4. Ingcaciso emalunga nokukhethwa kwabaphumeleleyo
4.1 Iikhrayitheriya ezingundoqo
4.1.1 Olu khuphiswano lujolise ekugqweseni kwizifundo (academic excellence)nakwitalente abanayo abafundi.
4.1.2 Izincoko ziya kuqwalaselwa ikakhulu ngokokugqwesa nokuqaqamba kwazo.
4.1.3 Izincoko ezikumgangathjo ofanayo ziya kuphinda zivavanywe kusetyenziswa ezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Iziphumo kwizifundo (Iziphumo zangoJuni zeBakala 10 no-11);
  • Iimfuno zemali zabafundi, kususelwe kwingeniso ekhaya yabazali okanye yabagcini;
  • Ukhubazeko (ukunika amathuba alinganayo kumntu wonke kuya kuthathelwa ingqalelo);
  • Ukuthatha inxaxheba komfundi kwimiba yasekuhlaleni nokuzimisela kwakhe ekudlaleni indima kwimiba yentlalo neyezoqoqosho.
4.2 Iikhrayitheriya ezongezelelweyo
Igqiza lokhetho kumjikelo wokugqibela liya kuqhuba udliwano-ndlebe nabo bangene kumjikelo wokugqibela ukwenza isigqibo ngabaphumeleleyo. Igqiza lokhetha liya kuvavanyo umfundi ngamye ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:
4.2.1 Ubukrele-krele bengqondo ngokuqaqambileyo;
4.2.2 Ukwazi komfundi ukulungisa iimbono zakhe axoxe, ezicacisa, azathuze kungamil' ingca;
4.2.3 Ukuqonda nokuba nolwazi ngemiba yentlalo neyezoqoqosho ekuxoxwa ngayo.
5. Ingcaciso ngokubanzi
5.1 Bali-15 abafundi abaya kukhethwa ukungenela umjikelo wokugqibela.
5.2 Bonke abangenele umjikelo wokugqibela baya kuba ziindwendwe zikaRhulumente wePhondo laseNtshona Koloni noNedbank, kwaye kuya kulindeleka ukuba bathathe inxaxheba kuyo kuwo onke amatheko alungiselelweyo. Oku kuya kubandakanya ukundwendwela iPalamente yePhondo nokuya kwisidlo seNtetho yeBhajethi (Budget Speech banquet) kunye noMphathiswa wezeMali oya kuba sisithethi esiphambili.
5.3 Zonke iindleko zehambo nezendawo yokulala baya kuzihlawulelwa abafundi abangene kumjikelo wokugqibela kunye nabaququzeleli bezikolo.
5.4 Kulindeleke ukuba abaququzeleli bezikolo bakhaphe abafundi bezikolo zabo baze badlale indima njengabaniki-ngcebiso (mentors) babo.
6. Amaxwebhu axhasayo
Makufundwe la maxwebhu alandelayo aqhotyoshelweyo naya kufumaneka ngesiNgesi kuphela:
6.1 Ifom yokungenela ukhuphiswano esemthethweni (yomfundi);
6.2 Irubriki eza kusetyenziselwa ukumakisha izincoko;
6.3 The Nedbank Essay-writing Manual (PDF format);
6.4 Essay authenticity declaration.
7. Imibuzo malunga nolu khuphiswano lokubhala isincoko nangokumakishwa kwaso, mayibhekiswe kubacebisi ngezekharityhulam be-Economics kwizithili zemfundo.
8. Ukulungiselela inkxaso ngokubhekiselele ekusetyenzisweni kwekhompyutha ukuprinta nokwenza iikopi zamaxwebhu neefom zabafundi, qhagamshelana nabasebenzi besithili semfundo abanika inkxaso.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 be-Economics, iMathematics ne-Accounting ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:26

"The Western Cape Essay Competion - Entry Form"  (ubukhulu: 149 KB)
"Nedbank / Provincial Treasury / WCED Economics Essay Competition 2009 - Learner Essay and Oral Presentation (Rubrics)"  (ubukhulu: 44 KB)
"Assistance Programme to Students - Essay Writing Manual"  (ubukhulu: 95 KB)
"Nedbank / Treasury / WCED Grade 11 Essay Competition 2009 - Authenticity Declaration:"  (ubukhulu: 8 KB)