1. Njengoko bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kufuneka bazithembe yaye babe nolwazi ngamakhondo emisebenzi (career guidance) abawafundisa abafundi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenza amalungiselelo okuqeqesha ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ekufundiseni.
2. Ikhosi yoqeqesho kwiprogram yePACE: Advise and Refer iya kwenzelwa ootitshala bamaBakala 10 - 12 abangalufumananga uqeqesho kule program ngaphambili. Le khosi yeentsuku ezi-3 iya kuqhutywa nge-29 ne-30 Septemba nange-1 Oktobha 2009.
3. Le khosi iya kulandelwa yikhosi yosuku olunye ekuthiwa yi-School-to-Work nge-2 Oktobha 2009.
4. Kucelwa utitshala we-FET omnye kwisikolo ngasinye ukuba aye kwiikhosi ezithatha iintsuku ezine.
5. Iikhosi ze-FET ziya kuqhutyelwa eSarepta Senior Secondary School e-Kuils River nase-Esselenpark Senior Secondary School, Buitenkant Street, e-Worcester.
6. Zonke iikhosi ziya kuqala ngqo ngo-8:30 kusasa zize ziphele ngo-16:00 emva kwemini.
7. Ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ootitshala abanenjongo yokwenza amabango ngezi ndleko mababe nale ngcaciso ilandelayo beze nayo ekhosini:

  • Inombolo yePESALI;
  • Ubukhulu benjini yesithuthi nonyaka wokwenziwa kwaso;
  • Umgama ngeekhilomitha wokusuka esikolweni ukuya kwindawo ekuyo ikhosi.
8. Ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lwekhosi.
9. Makuzaliswe ifom yobhaliso ngutitshala ngamnye. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibuyise ngefeksi ifom yobhaliso ezalisiweyo, isiHlomelo A, ziyithumele kuNksk DJ Christiaans, kule nombolo 021 467 2258, ungadlulanga owe-14 Septemba 2009
10. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi zingasentla kunokuthathelwa ingqalelo xa kuzaliswa ii-IQMS zootitshala.
11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.
12. Kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans, ngale nombolo yefoni 021 467 2589 okanye ngale dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za ukufumana ingcaciso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:19

isiHlomelo A - I-"PACE: World of Work"  (ubukhulu: 8 KB)