1. IKomiti yoNyulo eZimeleyo (Independent Electoral Committee) (IEC), isebenzisana neSebe leMfundo likazwelonke (DoE), iqalise iphulo likazwelonke lokufundisa abafundi bamele ilungelo noxanduva lwabo lokubhalisa baze bavote njengabemi belizwe elilawula ngedemokhrasi ngokuthi bathathe inxaxheba kunyulo.
2. I-IEC iza kuqhuba iiseshoni zoqeqesho naBacebisi ngezeKharityhulam (Curriculum Advisers) (besifundo soLwazi ngezoBomi) nootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ngeempela-veki nasemva kweeyure zokufunda kwikota yokuqala ka-2009.
3. Abasebenzi be-IEC abajikelezayo (fieldworkers) baya kuzisa iiphowusta neephamflethi kuzo zonke izikolo eziphakamileyo zibhalwe ingcaciso engePhulo lokuFundisa ngokuVota kuNyulo luka-2009.
4. Kucelwa bonke ootitshala ukuba bakhuthaze abafundi bafumane iiNcwadi zeZazisi (Identity Document) (ID) zabo ngokukhawuleza baze babhalise njengabavoti kwimpela-veki yokugqibela yobhaliso, ye-7 ne-8 Februwari 2009. Ukuze abhalise, umfundi makabe ungummi waseMzantsi Afrika, abe neminyaka eli-16 okanye ngaphezu koko (kodwa angavota kuphela xa aneminyaka eli-18 nangaphezulu); makabe ne-ID eluhlaza okwengca enebhakhowudi yaseMzantsi Afrika (green bar-coded ID) okanye iSatifikethi seSazisi seThutyana, kwaye makanike idilesi yendawo ahlala kuyo ngokwesiqhelo.
5. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngeli phulo, nceda uqhagamshelane noMs D Christiaans, i-Senior Curriculum Planner (FET Life Orientation) kule nombolo yefoni 021 467 2589.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:02