INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-FET: DCF 0019/2009 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM BESIFUNDO SEZEMBALI NEESAYENSI ZEZENTLALO, NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO E-WCED AFUNDISA AMABAKALA 8 - 12 |
| 'VOICES AND VIEWS': A HISTORY OF THE HOLOCAUST': UMASIFUNDISANE OYA KUBA SE-CAPE TOWN HOLOCAUST CENTRE WOOTITSHALA NABACEBISI NGEZEKHARITYHULAM BESIFUNDO SEZEMBALI |
1. |
IZiko laseKapa i-Cape Town Holocaust Centre liza kwenzela ootitshala nabacebisi ngezekharityhulam besifundo sezeMbali umasifundisane oza kuqhutywa emva kwemini yimbalasane yengcali kwezemfundo nomakhwekhwethe katitshala owaziwa kumazwe ngamazwe, uDeborah Dwork. Lo masifundisane uya kuba nge-13 Agasti 2009 ukuqala ngo-14:00 kuye ku-18:00 ngesi sihloko: Voices and views: A history of the Holocaust. Lo masifundisane uya kusekelwa kwiikhosi zoqeqesho lwakhe lobutitshala, zekholeji neyunivesithi kwaye uya kubandakanya neseshoni engendima yootitshala ezikolweni. |
2. |
UDeborah Dwork yiProfessor of Holocaust History and Genocide Studies kwiYunivesithi yaseClark eMelika. Ukongeza kumsebenzi wakhe wokuhlohla eyunivesithi, ungutitshala oza ngokundwendwela (guest teacher) kulo lonke elaseMelika aze aqhube oomasifundisane kuwo onke amanqanaba enkqubo yemfundo. UProfesa Dwork ufumene iimbasa ezininzi nokuwongwa kwezemfundo (academic awards and honours) kwaye ubhale iqela leencwadi. Ezi zibandakanya incwadi ayibhale noRobert Jan van Pelt nekusekelwe kuyo i-documentary series ye-BBC ezizahluko ezisixhenxe kunye no-Children with a Star, ekuyincwadi eyaguqulelwa kwiilwimi eziliqela nekwakuthethwa ngayo kwinkqubo-mbaliselo (documentary) eveliswe yiCanadian Broadcasting Company.
|
3. |
Lo iya kuba ngumasifundisane obaluleke ngokugqithisileyo kubacebisi ngezekharityhulam nakootitshala besifundo sezeMbali. Abo banqwenela ukuya kulo masifundisane bayacelwa ukuba baphendule ungadlulanga owe-26 Juni 2009 kuMarlene Silbert oseCape Town Holocaust Centre basebenzise le fom iqhotyoshelweyo.
|
4. |
Kucelwa ukwazise oku bonke ootitshala besifundo sezeMbali beBakala 12, 11 nele-9.
|
ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:08
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|