1. ISebe leMfundo, ngokuthetha-thana nabacebisi ngezekharityhulam bamasebe emfundo amanye amaphondo nabevi beSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, lenze izintlu zamabalana amiselwe ukufundwa kwizifundo zoncwadi kwiBakala 12, kulwimi ngalunye kwiiLwimi zesiNtu zoKuqala ezoNgezelelweyo ezilithoba (nine African First Additional Languages) kwizikolo zikarhulumente kule minyaka: 2009, 2010 nango-2011. Kukwakho nesihloko sedrama yesiXhosa kuLwimi loKuqala oloNgezelelweyo sale minyaka.
2. Ezi zintlu ziqhotyoshelweyo zamabalana akhethiweyo kwisiHlomelo A ziya kuba yinxalenye yeendidi zoncwadi (genre) lokufundwa kulwimi ngalunye kwezi Lwimi zesiNtu zoKuqala Zongezelelweyo ngo-2009, 2010 nango-2011. Kwezi zintlu, abevi baya kukhetha amabalana amabini kunyaka ngamnye ukulungiselela iinjongo zoviwo.
3. Kukwakho nesihloko sedrama yesiXhosa kuLwimi loKuqala oloNgezelelweyo ngo-2009, 2010 nango-2011 kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:02

Isihlomelo A: ILISTI YENGQOKELELA YAMABALI AMAFUTSHANE EELWIMI ZOKUQALA ZESINTU EZONGEZELELWEYO KUNYE NENCWADI YEDRAMA YESIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO ZEBANGA 12 ZEMINYAKA 2009-2011  (ubukhulu: 20 KB)