1. Izikolo zinikwe ikhathalogu entsha yeencwadi zezifundo ezivunyiweyo kuzwelonke zeBakala 11 ngo-2009 kwiNgcaciso eMfutshane yoPhuhliso lweKharityhulam ye-FET DCF 0016/2009.
2. Zonke iincwadi zezifundo zeBakala 11 ezikhankanywe kule khathalogu ingasentla zihlaziywe zalungiselelwa iZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines) (SAGs) neeProgram zeZikhokelo zoKufunda (Learning Programme Guidelines) (LAGs) zamvanje.
3. Ngokunxulumene neencwadi zezifundo ezilungiselelwe abafundi beBakala 11, izikolo ziyalelwa ukuba zithenge iincwadi zezi zifundo zibini (2) kuphela, ezizezi, uLwazi ngezoBomi neMathematika okanye uLwazi lweMathematika, ngesabelo-mali sazo esikhutshwa ngokwemiMiselo nemiGangatho yokuthenga iincwadi zezifundo. Ezi kufuneka zi-odolwe kusetyenziswa ifom u-034, esele ziyinikiwe.
4. I-LTSM Special Project iza kunika incwadi yesifundo nganye ngokumalunga nezifundo ezihlanu (5) ezishiyekileyo kubafundi beBakala 11. Oku kuthetha ukuba umfundi ngamnye weBakala 11 uya kufumana iincwadi ezisi-7 xa zizonke.
4.1 Inqununu nganye iya kwaziswa ngesabelo-mali sayo sebhajethi yesikolo ngokwe-LTSM Special Project, nokuba yenziwa njani na irikhwizishini yeencwadi zezifundo ngeleta enesi sihloko: ALLOCATION TO SUPPLEMENT THE PURCHASE OF TEXTBOOKS FOR GRADE 11. Le leta iya kuthunyelwa ngekhompyutha nangeposi
4.2 Ezi fom zerikhwizishini ziqhotyoshelweyo mazizaliswe, zize emva koko zisayinwe yinqununu nosihlalo wekomitana yeeNcwadi zize zifakwe istampu sesikolo esisemthethweni. Iifom zerikhwizishini ezizalisiweyo mazingeniswe ngesandla okanye ngeposi ungadlulanga umhla we-26 Juni 2009 kule dilesi ilapha ngasezantsi:

For Attention: Mrs J Maliqua
Grade 11 Special Project
Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI)
Nooiensfontein Road
Kuils River
7579
Tel 021 9005028


Private Bag X14
Kuils River
7579
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ngokwazisa ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane iintloko zezifundo ezichaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:21


IRIKHWIZISHINI YEPROJEKTHI YEENCWADI ZEZIFUNDO ZEBAKALA 11  (ubukhulu: 12 KB)