1. UKUQULUNQWA KWETHAYIMTHEBHILE YEZIFUNDO
1.1 Izikolo ezifundisa ezi zifundo zilandelayo zoBugcisa kwicandelo le-FET kufuneka ziqinisekise ukuba zenza ithayimthebhile ngokweemfuno ezizodwa zezi zifundo:

  • Dance Studies (IZifundo zoMdaniso)
  • Dramatic Arts (EzoBugcisa bezeDrama)
  • Design (EzokuYila)
  • Music (EzoMculo)
  • Visual Arts (uBugcisa beZiveliso ezeNziwa liGcisa)
1.2 Kwimeko yezifundo zoBugcisa kukho imfuneko yeephiriyodi ezinde okanye ezingambini (double periods). Abafundi abakwizifundo zoMdaniso nakwi-Visual Arts bafuna ixesha elaneleyo lokuba batshintshele kwiimpahla eziyimfuneko baze bazifudumeze ngokwaneleyo ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba ngokukhuselekileyo kumdaniso ekusetyenziswa kuwo amalungu omzimba okanye kwiintshukumo zedrama. Abafundi be-Visual Arts nabe-Design bafuna ixesha lokuba bakhuphe izixhobo nezinto zabo, bathathe inxaxheba kwimisebenzi yobugcisa baze bashiye indawo leyo icocekile emva koko. Abafundi boMculo bamaBakala 10 - 12 mabafakwe kwithayimthebhile ukwenzela ukuba bafumane izifundo ezinikwa umntu ngamnye, ukongeza kwixesha leklasi lesiqhelo eliyimizuzu engama-50 ubuncinane kumfundi ngamnye ngeveki.
1.3 Apho kukho ubunzima ekuboneleleni ngeephiriyodi ezingambini, izifundo zoBugcisa zinokufakwa kwithayimthebhile

  • ekuqaleni kosuku, ukuze abafundi bakwazi ukufika kwangethuba; okanye
  • phambi okanye emva kwentlazane, ukuze kwandiswe iiphiriyodi ukuya kutsho kwiintlazane, okanye
  • ekupheleni kosuku, ukuze iiphiriyodi ziqhubeke emva kwesikolo.

Oku kufanele ukucaciswa ngencwadi ebhalelwa abafundi abakhetha izifundo zoBugcisa, kunye nabazali babo. Ngaphezulu, mabanikwe ixesha lokufundisa elongezelelweyo elifunekayo ootitshala bezoBugcisa ngokuthi banikwe iiphiriyodi ekungafundiswayo ngazo xa kunokwenzeka, okanye kuphungulwe imisebenzi abayenza emva kweeyure zesikolo.

1.4 Kucetyiswa ngamandla ukuba izikolo ezifundisa izifundo zoBugcisa kwicandelo le-GET zenze izifundo ezithile zamakhondo kwezoBugcisa neNkcubeko kumaBakala 8 no-9. Oku kubalulekile ekufundiseni izakhono ezisisiseko ezifunekayo ekuqaleni konyaka weBakala 10. Iiprogram ezizodwa zokufunda zenzelwe ukukhokela ukwenziwa kwezifundo zamakhondo athile omsebenzi. Ezi program zezifundo ziyafumaneka kweli ziko lewebhu http://curriculum.pgwc.gov.za/site/32/res/view/715
1.5 Ukwenza ithayimthebhile ekubhalwe kuyo izifundo zokulandela amakhondo athile, izikolo zifanele zahlule iiklasi zeBakala 8 okanye 9 ngokokhetho lohlobo lobugcisa obo, okanye zenze ithayimthebhile eneephiriyodi zoBugcisa neNkcubeko kwibloko ukuze bonke abafundi beeklasi zeBakala 8 okanye 9 baye kwiiklasi zezifundo zabo zoBugcisa ngaxeshanye.
1.6 Ootitshala abongezelelweyo abanobugcisa obubodwa (specialised) okanye abangenabugcisa banokufundisa ezoBugcisa neNkcubeko ngokubanzi (generic Arts and Culture) abafundi abangenanjongo yakukhetha isifundo soBugcisa kwicandlo le-FET.
1.7 Njengoko kungenakwenzeka kwiiyure ezimbini ngeveki ezabelwe ezoBugcisa neNkcubeko ukulungiselela abafundi bamaBakala 8 no-9 ukuba balungiselele ngaphezu kohlobo olunye lobugcisa, abafundi abanomdla ekukhetheni iintlobo ezimbini zobugcisa njengezifundo ze-FET bafanele ukubonelelwa ngeeklasi ezibakho emva kwesikolo.

2. UBUKHULU BEEKLASI
2.1 Ngenxa yecandelo lepraktikhali kwifundo ezithile zoBugcisa, nangenxa yokulungiselela ukhuseleko nokwazi ukulawula iimeko, kuyimfuneko ukunciphisa amanani abafundi kwiklasi nganye. La manani obukhulu beeklasi alandelayo asebenza ngokufanayo kuzo zonke izikolo ezifundisa izifundo zoBugcisa kwicandelo le-FET, kubandakanywa nezikolo ekugxilwe kuzo zoBugcisa neNkcubeko:

  • Dance Studies - abona bafundi baninzi babe ngama-20;
  • Dramatic Arts - abona bafundi baninzi babe ngama-20;
  • Design - abona bafundi baninzi babe ngama-20;
  • Music - abona bafundi baninzi babe li-10;
  • Visual Arts - abona bafundi baninzi babe ngama-25.
2.2 Abafundi abanqwenela ukukhetha iZifundo zoMdaniso, ze-Dramatic Arts okanye zoMculo kwiBakala 10 mabavavanywe kwaye kwenziwe nodliwano-ndlebe (auditioned and interviewed). Kufanele kwakhona bakhethwe ngenyameko enkulu abafundi abaza kwenza i-Visual Arts ne-Design. Inkqubo yokukhetha mayibe yengathathi cala nesekuhleni (fair and transparent).


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:12