1. IGLOBAL CITIZENSHIP PROJECT (GCP) ixhobisa abafundi ngezakhono ezifunekayo ezingokuphila kusondelelwano loluntu lwamazwe ngamazwe ehlabathi kwiNkulungwane ye-21 (global community in the 21st Century).
2. Le projekthi ixhobisa ootitshala ngezakhono zokuziphuhlisa bona buqu neze-ICT ukuqinisekisa ukuba banako ukubakhokela ngempumelelo abafundi kule program.
3. Njengoko bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bamele ukuqeqeshwa ukuze babe nokuzithemba yaye babe nolwazi lokusebenzisa izakhono ze-ICT kwizifundo zoLwazi ngezoBomi, kuza kwenziwa ikhosi yoqeqesho kwi-GCP eya kwenzelwa ootitshala bamaBakala 10 - 12 besifundo soLwazi ngezoBomi.
4. Kucelwa utitshala OMNYE we-FET kwisikolo ngasinye ukuba aye kwiseshoni yoqeqesho eya kuqhubeka nge-25 Julayi 2009, ukuqala ngo-8:30 - 16:00, kwezi ndawo zilandelayo:

INDAWO IZITHILI ZEMFUNDO EMAZIYE EKHOSINI
C-EI, e-Nooiensfontein, e-Kuils River Metro East, North, South ne-Central
Schoonspruit SS, Malmesbury West Coast
Bridgton SSS, Oudtshoorn Eden & Central Karoo
Esselen Park SSS, Worcester Cape Winelands ne-Overberg

5. Ootitshala abahlala kumgama ongaphezu kweekhilomitha ezingama-20 ukusuka kwindawo yoqeqesho baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza izicelo zamabango entlawulo ngezi ndleko mabeze nale ngcaciso ilandelayo ekhosini:
  • Inombolo yePESALI
  • Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho
6. Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo entlawulo ngeendleko zendawo yokuhlala phambi kokuba bagoduke ngosuku lokugqibela lwekhosi.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zithumele ngefeksi ifom yobhaliso ezaliswe ngokupheleleyo, isiHlomelo A, kuMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam (Senior Curriculum Planner) weLife Orientation, uNksk D. Christiaans apha 021 467 2258, ungadlulanga owe-22 Juni 2009.
8. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa iifom ze-IQMS zootitshala.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.
10. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans, uMcwangcisi oMkhulu weKharityhulam yeLife Orientation (FET), kule nombolo yefoni 021 467 2589 okanye umthumelele i-imeyili apha dchristi@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:27